IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp16 No. 4 iphe. 14-15
  • Eyona Ndlela Ifanelekileyo Yokuthelekisa Onokuze Uyenze

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Eyona Ndlela Ifanelekileyo Yokuthelekisa Onokuze Uyenze
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2016
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • INDLELA YOKUTHELEKISA IINKOLELO ZETHU NEBHAYIBHILE
  • Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Ngubani UYesu Kristu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Yintoni UBukumkani BukaThixo?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ngaba Bonke Abantu Abalungileyo Baya Ezulwini?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2016
wp16 No. 4 iphe. 14-15

Eyona Ndlela Ifanelekileyo Yokuthelekisa Onokuze Uyenze

NGABA uthi ungumKristu? Ukuba utsho, ungomnye wabantu abangaphezu kweebhiliyoni ezimbini emhlabeni—umntu omnye kwabathathu—abathi bangabalandeli bakaKristu. Namhlanje, kukho iimvaba ezininzi zabantu abazibiza ngokuba ngamaKristu, kodwa zifundisa izinto ezahlukeneyo yaye aziboni ngasonye. Ngoko iinkolelo zakho zinokwahluka kakhulu kwezabanye abazibiza ngokuba ngamaKristu. Ngaba ibalulekile into oyikholelwayo? Ewe—ukuba ufuna ukuphila ngendlela yobuKristu efundiswa yiBhayibhile.

Abalandeli bokuqala bakaYesu Kristu babesaziwa ngokuba “ngamaKristu.” (IZenzo 11:26) Kwakungekho mfuneko yokuba baziwe ngamanye amagama, ekubeni yayinye inkolo yamaKristu. AmaKristu alandela ngokumanyeneyo iimfundiso nemiyalelo yoMseki wobuKristu, uYesu Kristu. Kuthekani ngale yakho icawa? Ngaba uyakholelwa ukuba ifundisa oko kwakufundiswa nguKristu noko babekukholelwa abalandeli bakhe bokuqala? Ungaqiniseka njani? Inye kuphela indlela yokuqiniseka—kukusebenzisa iBhayibhile.

Cinga ngoku: UYesu Kristu wayezihlonela kakhulu iZibhalo, ezijonga njengeLizwi likaThixo. Wayebachasile abo babezidelela iimfundiso zeBhayibhile ngokuthi babeke kuqala izithethe zabantu. (Marko 7:9-13) Sinokuqiniseka ke ngoko ukuba abalandeli bokwenene bakaYesu bazisekela eBhayibhileni iimfundiso zabo. Yiyo loo nto mKristu ngamnye kufuneka azibuze oku, ‘Ngaba iimfundiso zecawa yam aziphikisani neBhayibhile?’ Ukuze ukwazi ukuphendula lo mbuzo, kutheni ungathelekisi oko kufundiswa ecaweni yakho kunye noko kufundiswa yiBhayibhile?

UYesu wathi simele simkhonze ngenyaniso uThixo—inyaniso efumaneka eBhayibhileni. (Yohane 4:24; 17:17) Kwanompostile uPawulos wathi ukuze sisinde kufuneka sifumane ‘ulwazi oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Timoti 2:4) Ngoko kubalulekile ukuba zisekelwe ngokuchanileyo eBhayibhileni iinkolelo zethu. Kaloku, loo nto ibalulekile ukuze sisinde!

INDLELA YOKUTHELEKISA IINKOLELO ZETHU NEBHAYIBHILE

Sicela ufunde le mibuzo mithandathu ilandelayo, uze uqaphele ukuba iBhayibhile iyiphendula njani. Jonga eBhayibhileni yakho iZibhalo ezicatshuliweyo, uze ucingisise ngeempendulo. Emva koko zibuze, ‘Ngaba iimfundiso zecawa yam ziyavumelana noko kufundiswa yiBhayibhile?’

Le mibuzo imbalwa ingakunceda uthelekise kakuhle. Ngaba uyafuna ukuthelekisa iimfundiso zecawa yakho noko kuthethwa yiBhayibhile? AmaNgqina kaYehova angakuvuyela ukukunceda uhlolisise inyaniso ecacileyo yeBhayibhile. Kutheni ungaceli isifundo seBhayibhile sasimahla kwiNgqina likaYehova? Okanye ungaya kwiwebhsayithi yethu u-jw.org/xh.

1 UMBUZO: Ngubani uThixo?

IMPENDULO: UYehova, uYise kaYesu, nguThixo ongunaphakade noMdali wezinto zonke onamandla.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE:

“Sisoloko simbulela uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Kristu xa sinithandazela.”—Kolose 1:3.

“Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto.”—ISityhilelo 4:11.

Funda namaRoma 10:13; 1 Timoti 1:17.

2 UMBUZO: Ngubani uYesu Kristu?

IMPENDULO: UYesu nguNyana kaThixo olizibulo. UYesu wadalwa, ngoko unaso isiqalo. UYesu ungaphantsi kuThixo, ibe uyamthobela.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE:

“UBawo mkhulu kunam.”—Yohane 14:28.

“[UYesu] ungumfanekiso kaThixo ongabonakaliyo, izibulo kwindalo yonke.”—Kolose 1:15.

Funda noMateyu 26:39, 1 Korinte 15:28.

3 UMBUZO: Yintoni umoya oyingcwele?

IMPENDULO: Umoya oyingcwele ngamandla kaThixo awasebenzisayo ukuze ukuthanda kwakhe kwenzeke. Awungomntu. Abantu banokuba nomoya oyingcwele uze ubanike amandla.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE:

“Njengoko uElizabhete weva umbuliso kaMariya, usana olusesibelekweni sakhe lwaxhuma; yaye uElizabhete wazaliswa ngumoya oyingcwele.”—Luka 1:41.

“Niya kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kuni.”—IZenzo 1:8.

Funda neGenesis 1:2; IZenzo 2:1-4; 10:38.

4 UMBUZO: Buyintoni uBukumkani bukaThixo?

IMPENDULO: UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wasezulwini. UYesu nguKumkani woBukumkani bukaThixo. Kungekudala, obu Bukumkani buza kwenza ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni wonke.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE:

“Neyesixhenxe ingelosi yavuthela ixilongo layo. Kwaza kwabakho amazwi amakhulu ezulwini, esithi: ‘Ubukumkani behlabathi buthe baba bubukumkani beNkosi yethu nobukaKristu wayo, yaye iya kulawula njengokumkani ngonaphakade kanaphakade.’”—ISityhilelo 11:15.

Funda noDaniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10.

5 UMBUZO: Ngaba bonke abantu abalungileyo baya ezulwini?

IMPENDULO: Hayi. Liqela nje elincinane labantu abathembekileyo, ababizwa ngokuba ‘ngumhlambi omncinane,’ elikhethwe nguThixo ukuba liye ezulwini. Liza kuba ngookumkani kunye noYesu.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE:

“Musani ukoyika, mhlambi mncinane, ngenxa yokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.”—Luka 12:32.

“Baya kuba ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, balawule njengookumkani kunye naye.”—ISityhilelo 20:6.

Funda neSityhilelo 14:1, 3.

6 UMBUZO: Yintoni injongo kaThixo ngomhlaba nangabantu?

IMPENDULO: Phantsi koBukumkani bukaThixo, umhlaba uza kuba yiparadesi ibe abantu baza kuba sempilweni, eluxolweni baze baphile ubomi obungunaphakade.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE:

“Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:10, 11.

“Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:3, 4.

Funda neNdumiso 37:29; 2 Petros 3:13.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share