Ngaba Bonke Abantu Abalungileyo Baya Ezulwini?
EMVA kwesidlo sokugqibela nabapostile bakhe esasikubusuku bangaphambi kokuba abulawe, uYesu wabathembisa ngokuya ezulwini. Wathi: “Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala. Kungenjalo, ngendinixelele, ngenxa yokuba ndiyemka ndiya kunilungiselela indawo.” (Yohane 14:2) Kutheni lento uYesu wayeza kubalungiselel’ indawo ezulwini? Baza kwenza ntoni apho?
UYesu wayecinga ngomsebenzi obalulekileyo ekwakuza kufuneka bawenze abafundi bakhe. Kwangobo busuku wathi: “Nina niye nanamathela kum ezilingweni zam; yaye ndenza umnqophiso nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso nam, wobukumkani.” (Luka 22:28, 29) UThixo wayethembise uYesu ukuba wayeza kuba nguKumkani owayeza kunika abantu enye yezona zinto bazifunayo—urhulumente olungileyo. UYesu uza kubahlangula abantu aze atshabalalise abo babaxhaphazayo. Nangona uYesu eza kulawula abantu ‘kuse eziphelweni zehlabathi,’ itrone yakhe iza kuba sezulwini.—INdumiso 72:4, 8; Daniyeli 7:13, 14.
Kodwa ke, uYesu akuzukulawula yedwa. Yiyo loo nto wathembisa abapostile bakhe ngokuya ezulwini. Babengabokuqala ukukhethwa ukuze ‘balawule njengookumkani phezu komhlaba.’—ISityhilelo 5:10.
Bangaphi abantu abaza kuya ezulwini? Njengakwabanye oorhulumente, abalawuli boBukumkani bukaThixo basezulwini libathwana xa ubathelekisa nabalawulwa. Kwabo baza kulawula naye, uYesu wathi: “Musani ukoyika, mhlambi mncinane, ngenxa yokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.” (Luka 12:32) Ekugqibeleni lo “mhlambi mncinane” uza kuba li-144 000. (ISityhilelo 14:1) Elo nani lincinane xa ulithelekisa nezigidi eziza kunandipha ubomi obungenasiphelo emhlabeni njengabalawulwa abanyanisekileyo boBukumkani.—ISityhilelo 21:4.
Ngoko ke, asingabo bonke abantu abalungileyo abaya ezulwini. Umpostile uPetros wathi ngoKumkani uDavide: “UDavide akenyukelanga emazulwini.” (IZenzo 2:34) UYohane umbhaptizi wayeyindoda elungileyo kodwa uYesu wabonisa ukuba wayengazi kuwongwa ngelungelo lokulawula njengokumkani ezulwini. UYesu wathi: “Phakathi kwabo bazelwe ngabafazi akuveliswanga omkhulu kunoYohane umBhaptizi; kodwa umntu omncinane ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.”—Mateyu 11:11.
Ngaba Uza Kuwufumana Umvuzo Wabantu Abalungileyo?
Umele enze ntoni umntu ofuna umvuzo wokuphila ngonaphakade emhlabeni? UYesu wathi: “Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Phawula ukuba ukulithanda kukaThixo ihlabathi kumenza avulele bonke abantu ithuba lokuphila ubomi obungunaphakade, kodwa ke ngabo ‘babonisa ukholo’ kuye kuphela abaya kubufumana.
Ukholo kufuneka lusekelwe kulwazi oluchanileyo. (Yohane 17:3) Ungabonisa ukuba ungumntu olungileyo ngokufunda okungakumbi ngoYehova nenjongo yakhe ngoluntu. Yiba nokholo kwizinto ozifundayo. Ukuba wenza kanjalo qiniseka ukuba ithuba lokuphila ubomi obungunaphakade livulekile nakuwe.
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
Ithini IBhayibhile?
Umbuzo:
Kwenzeka ntoni kubantu abalungileyo xa besifa?
Impendulo:
“Kodwa abafileyo, abazi nto konke konke.”—INTSHUMAYELI 9:5.
Umbuzo:
Liyintoni ikamva labantu abalungileyo?
Impendulo:
“Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe baze baphume.”—YOHANE 5:28, 29.
Umbuzo:
Iza kuphila phi inkoliso yabantu abalungileyo?
Impendulo:
“Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INDUMISO 37:29.