IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w16 Disemba iphe. 29-31
  • Ubulali—Indlela Yobulumko

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubulali—Indlela Yobulumko
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • BUBULUMKO UKUBA NOMOYA WOBULALI
  • Hayi Indlela Abanoyolo Ngayo Abanobulali!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Ukululama—Kusinceda Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Ndinokuwulawula Njani Umsindo?
    Vukani!—2009
  • Yambathani Ubulali!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
w16 Disemba iphe. 29-31
Umongikazi uthetha nebhinqa elinomsindo

Ubulali Indlela Yobulumko

UToñi, ongumongikazi, wankqonkqoza komnye umzi waza wavulelwa libhinqa eliliqina. Elo bhinqa lamngxolisa laza lamthuka uToñi ngokufika emva kwexesha ukuza kunyamekela unina walo. Kodwa uToñi wayefike ngexesha emsebenzini. Sekunjalo, waye waxolisa kwelo bhinqa ngaloo mpazamo.

XA EPHINDA esiya, eli bhinqa lamhlasela kwakhona. Wathini uToñi? Uthi: “Kwakunzima nyhani kuba yayingekho le nto wayendithukela yona.” UToñi waxolisa kwakhona kweli bhinqa waza walichazela ukuba uyayiqonda intlungu elikuyo.

Ukuba ubunguToñi, ngewawenze ntoni? Ngaba ngewawube nobulali? Okanye ngaba ngekwakube nzima ukulawula umsindo? Ayinakuphikiswa into yokuba akululanga ukuzibamba kwiimeko ezinje. Xa kukho izinto ezisixakanisileyo okanye sichukelwa, kuba nzima nyhani ukuba nobulali.

Kodwa ke, iBhayibhile ikhuthaza amaKristu ukuba abe nobulali. Enyanisweni, iLizwi likaThixo lithi umntu onolu phawu unobulumko. UYakobi uthi: “Ngubani na osisilumko noqondayo phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo yakhe entle enobulali bobulumko.” (Yak. 3:13) Kutheni kusithiwa ubulali bubungqina bobulumko obuvela ezulwini? Yintoni enokusinceda sibe nobulali?

BUBULUMKO UKUBA NOMOYA WOBULALI

Ubulali buhlisa umsindo. “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo, kodwa ilizwi elibangela intlungu linyusa umsindo.”​—IMize. 15:1.

Ukuphendula ngomsindo kufana nokugalela iparafini emlilweni. (IMize. 26:21) Kanti impendulo enobulali yona idla ngokuwudambisa umsindo. Inokude itshintshe nkqu nomntu onguphuma-silwe.

UToñi wakubona kuye oku. Eli bhinqa lalila lakuva impendulo kaToñi enobulali. Lamcacisela ukuba lalikhathazwa ziingxaki ezininzi. UToñi walishumayeza, baqalisa nesifundo seBhayibhile​—konke oku kusenzeka ngenxa yokuba nobulali nokuba noxolo kwakhe.

Ubulali bunokusenza sonwabe. “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.”​—Mat. 5:5.

Kutheni benoyolo nje abanobulali? Abaninzi ababekade bendlongondlongo bonwabile ngoku ngenxa yokwambatha ubulali. Ubomi babo buye baphucuka, yaye bayazi ukuba banekamva eliqaqambileyo. (Kol. 3:12) UAdolfo, ongumveleli wesiphaluka eSpeyin, ubalisa ngobomi bakhe ngaphambi kokuba angene enyanisweni.

UAdolfo uthi: “Ubomi bam babungenanjongo. Ndandidla ngokugqajukelwa ngumsindo, kangangokuba abanye abahlobo bam babesoyika ukuba ndiza kubaphendula ngekratshi, kwaye ndibabethe. Ekugqibeleni kwenzeka into eyanditshintshayo. Xa ndandisilwa, ndahlatywa izihlandlo ezithandathu, ndopha ndaphants’ ukufa.”

Ngoku, uAdolfo ufundisa abantu ukuba babe nobulali ngamazwi nangezenzo. Abaninzi bayatsaleleka kubuntu bakhe obuhle. UAdolfo uthi uyavuya kuba eye watshintsha. Yaye uyambulela uYehova ngokumnceda abe nobulali.

Ubulali buyamvuyisa uYehova. “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam, ukuze ndimphendule ondingcikivayo.”​—IMize. 27:11.

UYehova uyagculelwa lutshaba lwakhe olukhulu, uMtyholi. UThixo unezizathu zokuba nomsindo ngenxa yoko kugculelwa, kodwa iBhayibhile ithi ‘uzeka kade umsindo.’ (Eks. 34:6) Xa sizama ngamandla ethu onke ukuxelisa uThixo ngokuzeka kade umsindo nokuba nobulali, siya kuba senza ngobulumko yaye uYehova uya kuvuya kakhulu.​—Efe. 5:1.

Eli hlabathi linobutshaba. Sinokudibana nabantu “abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, . . . abangenakuzeyisa, iindlobongela.” (2 Tim. 3:2, 3) Sekunjalo, oko akufanelanga kumthintele umKristu ekubeni nobulali. ILizwi likaThixo lisikhumbuza ukuba ‘ubulumko obuvela phezulu boboxolo yaye bunengqiqo.’ (Yak. 3:17) Xa sinoxolo nengqiqo, sibonisa ukuba sifumene ubulumko obuvela kuThixo. Obu bulumko buya kusenza siphendule ngobulali xa sicatshukiswa yaye busisondeze ngakumbi kuMthombo wobulumko obungapheliyo, uYehova.

Izinto Onokuzenza Ukuze Ube Nobulali

Ukuba umntu ukuphatha ngqwabalala okanye ukudlel’ indlala, yintoni enokukunceda uzibambe uze wenze ngendlela evuyisa uYehova? Khawukhe ucinge ngale migaqo ilandelayo.

  1. 1 WUPHEPHE “UMOYA WEHLABATHI.”​—1 Kor. 2:12. Abantu abaninzi bathi umntu onobulali ubuthathaka. Banembono ethi umntu owomeleleyo umele abe nenkani kwaye abe nguphuma-silwe. Ngumoya wehlabathi ke lowo​—hayi ubulumko obuvela ezulwini. IBhayibhile ikwenza kucace ukuba umntu onobulali womelele kakhulu. Ithi: “Ngomonde umphathi uyacengeka, yaye ngolwimi olunobulali unokwaphula ithambo.”​—IMize. 25:15.

    Imibuzo onokucinga ngayo:

    Ngaba ndijonga abantu aba-nobulali njengabomeleleyo okanye ababuthathaka?

    Ngaba ndenza konke endinako ukuze ndiphephe “imisebenzi yenyama,” enjengokugqajukelwa ngumsindo neembambano?​—Gal. 5:19, 20.

  2. 2 ZIPHE IXESHA LOKUCINGA. “Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo, kodwa umlomo wabangendawo umpompoza izinto ezimbi.” (IMize. 15:28) Xa sithetha sisacaphukile, sisenokuthetha amazwi esiza kuzisola ngawo kamva. Kodwa xa sicinga ngaphambi kokuthetha, siya kukwazi ukuwabala amazwi esiwathethayo, siphendule ngobulali, nto leyo eza kumenza aphendule kakuhle naloo mntu sithetha naye.

    Imibuzo onokucinga ngayo:

    Yiyiphi ingxaki endinokungena kuyo ngenxa yokucaphuka msinya?

    Ekubeni ndifuna uxolo, ngaba andinakuyibetha ngoyaba loo nto ndiyenziweyo?​—IMize. 19:11.

  3. 3 THANDAZA RHOQO. Thandazela umoya oyingcwele, awona mandla makhulu kwindalo yonke. (Luka 11:13) Khumbula ukuba isiqhamo somoya kaThixo siquka ubulali nokuzeyisa. UAdolfo ubalisa athi: “Ukusoloko ndithandaza kuYehova kwandinceda kakhulu, ingakumbi xa kwakuvela iimeko ezinzima.” UYehova uza kusiphendula nathi ukuba ‘siyazingisa emthandazweni,’ sicela umoya oyingcwele.​—Roma 12:12.

    Imibuzo onokucinga ngayo:

    Ngaba ndithandaza rhoqo ukuba uYehova ahlole intliziyo yam nezinto ezindiqhubela esenzweni?

    Ngaba ndiyamcela ukuba andiphe umoya oyingcwele nobulumko ukuze ndenze ngendlela emvuyisayo?​—INdu. 139:23, 24; Yak. 1:5.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share