Abantu Abaselula Bayabuza
Ndinokuwulawula Njani Umsindo?
Kukangaphi ucaphuka?
□ Andikaze
□ Nyanga nganye
□ Veki nganye
□ Mhla le
Ngubani oyena mntu ukucaphukisayo?
□ Akakho
□ Ngabantwana ofunda nabo
□ Ngabazali
□ Ngabantwana bakowenu
□ Ngabanye abantu
Apha ngezantsi chaza imeko ekucaphukisayo.
□ ․․․․․
UKUBA ubeke olu phawu ✔ ecaleni kwebinzana elithi “Andikaze” nelithi “Akakho,” waza akwabhala nto ecaleni kwebinzana lokugqibela, sivuyisana nawe—uyakwazi ukuwulawula umsindo!
Noko ke, sisabela ngeendlela ezingafaniyo kwiimeko ezisilingayo yaye siyazenza iimpazamo ngandlel’ ithile. Umbhali weBhayibhile uYakobi wathi: “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.” (Yakobi 3:2) Enyanisweni, xa kufikelelwa kumba wokugqajukelwa ngumsindo, usenokuvakalelwa kanye njengoSerena oneminyaka eli-17 ubudala.a Uthi: “Ndinephuku yaye umsindo wam ndiwukhuphela nakubani na ondicaphukisayo. Inokuba ngabazali bam, udadewethu nkqu nenja yam!”
Ukwahlula Inyaniso Kubuxoki
Ngaba ukufumanisa kunzima ukulawula umsindo? Ukuba kunjalo, unokuncedakala. Kodwa ke, makhe siqale sisuse izinto ezimbalwa ezibubuxoki.
◼ Ubuxoki: “Andikwazi ukuwulawula umsindo—ekhaya singabantu abanephuku!”
Inyaniso: Kusenokwenzeka ukuba ‘utyekele emsindweni’—mhlawumbi ngenxa yentsapho ozalwa kuyo, ngenxa yendawo okuyo okanye ngenxa yezinye izizathu. Kodwa into yokuwulawula loo msindo ixhomekeke kuwe. (IMizekeliso 29:22) Khawutsho, Ufuna ukwenza ntoni ngeemvakalelo zakho? Ngaba ufuna ukuzilawula okanye ufuna zikulawule? Abanye abantu baye bafunda ukuwulawula umsindo, nawe ke unokukwazi!—Kolose 3:8-10.
ISibhalo Onokusisebenzisa: “Mabususwe kuni bonke ubukrakra bolunya nomsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa nabo bonke ububi.”—Efese 4:31.
◼ Ubuxoki: “Kubhetele ukuba xa ndinomsindo ndiwukhuphe kunokuba ndiwucinezele.”
Inyaniso: Zombini ezi zinto zinokuba yingozi empilweni yakho. Enyanisweni, likho ixesha ‘lokukhupha’ ukuxhalaba kwakho. (Yobhi 10:1) Kodwa loo nto ayithethi kuthi ufanele ukhathazwe yiyo yonke into le. Unako ukuchaza izinto ezikukhathazayo ungakhange ugqajukelwe ngumsindo.
ISibhalo Onokusisebenzisa: “Ikhoboka leNkosi akufuneki lilwe, kunoko kufuneka lithantamise kubo bonke, . . . linyamezela ububi.”—2 Timoti 2:24.
◼ Ubuxoki: “Ndiza kucwanywa ngabantu ukuba ‘ndiyabathantamisa.’”
Inyaniso: Abantu bayazi ukuba akulula ukuwubamba umsindo, ibe baya kukuhlonela xa bekubona usenjenjalo.
ISibhalo Onokusisebenzisa: “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”—Roma 12:18.
Ukulawula Umsindo
Ukuba ungumntu onomsindo osempumlweni, mhlawumbi ubusoloko usithi wenziwa ngabanye abantu. Ngokomzekelo, ngaba wakha wathi, “Ndiqalwe nguye” okanye wathi “Nguye ondicaphukisileyo”? Loo nto ithetha ukuba indlela ovakalelwa ngayo ilawulwa ngabanye abantu. Ungenza njani ke ukuze uphinde uzilawule? Zama ezi ndlela zilandelayo.
Qonda ukuba izinto ozenzayo ziyimbopheleleko yakho. Okokuqala umele uyiqonde into yokuba nguwe kuphela “onokukhetha” ukuba nomsindo. Ngoko kuyeke ukutyhola abanye abantu. Kunokuthi, “Undicaphukisile,” yivume into yokuba, ‘Ndimvumele ukuba andicaphukise.’ Endaweni yokuthi, “Undenze umsindo,” vuma ukuba ‘Ndim obe nomsindo.’ Ukuba uyavuma ukuba ixhomekeke kuwe indlela osabela ngayo, uya kukwazi ukulawula indlela owenza ngayo izinto.—Galati 6:5.
Yibone iseza ingxaki. IBhayibhile ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.” (IMizekeliso 22:3) Eyona nto inokukunceda, kukuyibona iseza ingxaki. Zibuze, ‘Ucaphuka xa kutheni?’ Ngokomzekelo, enye intombazana egama linguMegan ithi: “Ndisebenza ebusuku, yaye ndiphuma emsebenzini ndidinwe ndiyimfe. Lelo xesha kanye endithi ndicatshukiswe nayintoni na.”
Umbuzo: Ziziphi iimeko ezinokukwenza ugqajukelwe ngumsindo?
․․․․․
Khawuzame enye indlela yokuphendula. Xa kukho into ekucaphukisayo, tsala umoya, uthobe ilizwi, uze ungathethi ngokukhawuleza. Kunokuba umtsibele umntu (“Selandini! Uyayithatheleni ijezi yam ungayicelanga!”), zama ukuchaza indlela okuye kwakuchaphazela ngayo oko kwenzekileyo. (Iyandikhathaza into yokukhangela ijezi yam ndifuna ukuyinxiba kanti ithathwe nguwe.”)
Uqheliselo: Khumbula imeko yakutshanje eye yakwenza umsindo.
1. Yintoni eye yakucaphukisa?
․․․․․
2. Usabele njani? (Uye wathini okanye wenza ntoni?)
․․․․․
3. Yiyiphi indlela ebhetele ongewusabele ngayo?
․․․․․
Hlola imiphumo. Iliqela imigaqo yeBhayibhile enokukunceda wenjenjalo. Ngokomzekelo:
◼ IMizekeliso 12:18 ithi: “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele.” Amazwi anokwenzakalisa, ngoko xa ucaphuka, ngokuqinisekileyo uza kuthetha into oza kuzisola ngayo kamva.
◼ IMizekeliso 29:11 ithi: “Isiyatha sikhupha wonke umoya waso, kodwa isilumko siwugcina uzolile kude kuse ekupheleni.” Ekugqibeleni ukungxola ungayeki kukwenza ubonakale usisidenge.
◼ IMizekeliso 14:30 ithi: “Intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba wenyama.” Ukusoloko unomsindo kuyingozi empilweni yakho! Enye intombazana egama linguAnita ithi: “Uninzi lwethu ekhaya lunoxinezeleko lwegazi, yaye isibakala sokuba nam ndidla ngokuxinezeleka sindenza ndikulumkele ukuba nomsindo.”
Sifunda ntoni koku? Cinga ngemiphumo yezinto ozithethayo nozenzayo. UHeather oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Ndiye ndizibuze: ‘Kuthekani ukuba uyandicaphukisa lo mntu? Uya kucinga ntoni ngam? Loo nto iya kuluchaphazela njani ulwalamano lwam naye? Bendiya kuvakalelwa njani mna ukuba omnye umntu ebenze loo nto kum?’” Unokubuza imibuzo enjengaleyo ngaphambi kokuba uthethe okanye uthumele umyalezo enoba kungecellphone, ikhompyutha okanye enye indlela.
Umbuzo: Kunokwenzeka ntoni ukuba ucatshukiswa ngumntu uze umthumelele umyalezo ovuthayo?
․․․․․
Funa uncedo. IMizekeliso 27:17 ithi: “Iintsimbi ziyalolana; ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.” (IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.) Kutheni ungakhe ubuze umzali okanye umhlobo oqolileyo ngoko kuye kwamnceda ukuba azole?
Zihlole. Bhala phantsi uze uzihlole. Ngalo lonke ixesha ucaphuka, bhala phantsi (1) kwenzeke ntoni, (2) uye wasabela njani, yaye 3) yiyiphi indlela ebhetele obunokusabela ngayo. Ekuhambeni kwexesha, uya kufumanisa ukuba indlela ebhetele onokusabela ngayo iba yeyokuqala!
Amanye amanqaku athi “Imibuzo Yabantu Abaselula” ayafumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama akweli nqaku atshintshiwe.
EMINYE IMIZEKELO ONOKUYIHLOLISISA
Nabanye abantu ebesingenakucinga ukuba bangagqajukelwa ngumsindo baye bakwenza oko maxa wambi. Sinokufunda ntoni kule mizekelo?
◼ UMoses.—Numeri 20:1-12; INdumiso 106:32, 33.
◼ UPawulos noBharnabhas.—IZenzo 15:36-40.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 18]
OKO KUTHETHWA LOLUNYE ULUTSHA
“Ukuyibhala kwidayari indlela endivakalelwa ngayo—kundinceda ndizole.”—UAlexis, waseUnited States.
“Xa ndicaphukile, ndiye ndihambe ngokukhawuleza ukuze ndizive ndihlaziyekile.”—UElizabeth, waseIreland.
“Ndiye ndizibuze, ‘Bekuya kwenzeka ntoni ukuba bendinokuphakamisa ilizwi?’ Ndidla ngokuyiqonda ekugqibeleni into yokuba ayinakunceda nto loo nto!”—UGraeme, waseOstreliya.
[Ibhokisi ekwiphepha 18]
NGABA UBUSAZI?
NoThixo uba nomsindo maxa wambi. Kodwa kudla ngokuba kufanelekile ukuba avakalelwe ngolo hlobo yaye uyilawula ngokupheleleyo indlela avakalelwa ngayo. Akagqajukelwa ngumsindo!—Funda iEksodus 34:6; iDuteronomi 32:4; noIsaya 48:9.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Ixhomekeke kuwe into yokugqajukelwa ngumsindo