Ziintoni Azenzileyo UThixo?
Ukuba kukho umntu ofuna ukumazi kakuhle, kungakunceda ukwazi izinto azenzileyo neengxaki aye wanazo. Ngendlela efanayo, ukuze umazi kakuhle uThixo kufuneka wazi izinto azidalileyo. Njengoko usenza loo nto, uza kumangaliswa kukwazi ukuba izinto ezininzi azenzileyo uzenzele ukunceda thina ngoku nakwixesha elizayo.
ZONKE IZINTO UTHIXO AZIDALILEYO UZENZELE THINA
UYehova uThixo nguMdali Ozukileyo ibe “iimpawu zakhe ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo.” (Roma 1:20) “Yena nguMenzi womhlaba ngamandla akhe, Lowo umisela ngokuqinileyo ilizwe elinemveliso ngobulumko, naLowo wolula amazulu ngokuqonda kwakhe.” (Yeremiya 10:12) Izinto ezimangalisayo uThixo azidalileyo nazo zibonisa indlela asithanda ngayo.
Khawucinge nje ngendlela uYehova aye wabenza bamnandi ngayo ubomi bethu ngokusenza “ngokomfanekiso wakhe.” (Genesis 1:27) Le nto ithetha ukuba usenze saneempawu ezifana nezakhe ezingenakuthelikiswa nanto. Wasidala sanomnqweno wokumkhonza nto leyo ethetha ukuqonda indlela acinga ngayo nemithetho ayibekileyo. Njengoko sizama ukuphila ngayo, sonwaba nangakumbi butsho bube nenjongo ubomi bethu. Ngaphezu koko, wasinika nethuba lokuba ngabahlobo bakhe.
Xa sijonga izinto uThixo azidalileyo emhlabeni sibona indlela asithanda ngayo. Umpostile uPawulos wathi, uThixo ‘akazange azishiye yena ngokwakhe ngaphandle kobungqina ngokuba wenza okulungileyo, esinika iimvula ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zethu ngokutya nangokuchwayita.’ (IZenzo 14:17) UThixo akasinikanga nje izinto esizidingayo kuphela kodwa usinike nezinye izinto ezininzi. Usenzele izinto ezininzi ezingafaniyo nezingalinganiyo ukuze sonwabe. Kodwa zonke ezi zinto zincinci kakhulu xa zithelekiswa nobona bomi awayefuna sibuphile.
UYehova wawudala umhlaba ukuze abantu baphile kuwo ngonaphakade. IBhayibhile ithi, “umhlaba uwunike oonyana babantu,” ibe ‘akawudalelanga ilize, kodwa wawubumba ukuba umiwe’ okanye kuhlalwe kuwo. (INdumiso 115:16; Isaya 45:18) Kuhlale oobani? Ixesha elingakanani? IBhayibhile ithi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.
UYehova wadala indoda nebhinqa, uAdam noEva, waza wababeka kwiparadesi esemhlabeni wathi ‘mabayilime baze bayinyamekele.’ (Genesis 2:8, 15) UThixo wathi mabenze ezi zinto zimbini: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise.” (Genesis 1:28) UAdam noEva babeza kuphila emhlabeni ngonaphakade. Kodwa bakhetha ukungamthobeli uThixo baza baphoswa lithuba lokuba phakathi ‘kwamalungisa aza kuwudla ilifa umhlaba.’ Njengoko siseza kubona, into abayenzayo ayiyitshintshanga injongo kaYehova ngomhlaba. Ngoku, masithethe ngenye into uThixo ayenzileyo.
UTHIXO USINIKE IBHAYIBHILE
IBhayibhile yaziwa ngokuba liLizwi LikaThixo. Kwakutheni ukuze uThixo asinike iBhayibhile? Esona sizathu siphambili kukuze sifunde ngaye. (IMizekeliso 2:1-5) Kakade ke, iBhayibhile ayiphenduli yonke imibuzo esinayo ngoThixo, ayikho incwadi eyakuze iyenze loo nto. (INtshumayeli 3:11) Kodwa yonke into eseBhayibhileni isinceda simazi. Siye simbone ukuba unjani kwindlela abaphatha ngayo abantu. Siye sifunde ngabantu abathandayo nangabathandiyo. (INdumiso 15:1-5) Siye sifunde indlela afuna ukukhonzwa ngayo, indlela yokuziphatha nokuba uthini ngokuba nezinto. Isichazela izinto ezazithethwa nezazisenziwa nguNyana wakhe, uYesu Kristu. Loo nto isinceda simazi ukuba uYehova unjani.—Yohane 14:9.
Esinye isizathu sokuba uYehova asinike iBhayibhile kukuba ufuna sazi indlela yokuphila ubomi obonwabisayo nobunenjongo. Esebenzisa iBhayibhile, uye asixelele indlela yokuba nosapho olonwabileyo, indlela yokonela zizinto, nendlela yokonwaba naxa sineengxaki. Njengoko siza kubona kule magazini, iBhayibhile isiphendulela eyona mibuzo ibalulekileyo ngobomi, efana nethi: Kutheni kukho iingxaki ezininzi kangaka? Kuza kwenzeka ntoni kwikamva? Iphind’ isicacisele nezinto uThixo azenzileyo ukuze laa nto wayethe mayenzeke yenzeke.
IBhayibhile yincwadi evela kuThixo nyhani ibe loo nto siyibona nakwezinye izinto ezininzi. Ukubhalwa kwayo kwathatha iminyaka engaphezu kweyi-1 600 ibe yabhalwa ngamadoda ayi-40 kodwa ithetha into enye kuba oyena Mbhali wayo nguThixo. (2 Timoti 3:16) Ngokungafaniyo nezinye iincwadi zakudala, yona iye ayatshintsha kuyo yonke loo minyaka ibe loo nto ibonakala kwimibhalo-ngqangi yeBhayibhile yakudala. Enye into, iBhayibhile iye yahlala ikho naxa abantu babefuna ingaguqulelwa, ingasasazwa kwaye ingafundwa. Kodwa sithethanje, iyeyona ncwadi iguqulelwe kwiilwimi ezininzi yaza yasasazwa. Ubukho beBhayibhile bungqina ukuba ‘iLizwi LikaThixo liya kuhlala ukusa kwixesha elingenammiselo.’—Isaya 40:8
UTHIXO WENZA KWACACA UKUBA UZA KUYENZA INTANDO YAKHE
Kukho nenye into uThixo asenzele yona ukuze aqinisekise ukuba izinto asithembise zona ziza kwenzeka nyhani. Njengoko besele sitshilo, uThixo wayefuna abantu baphile ubomi obungenasiphelo emhlabeni. Kodwa xa uAdam wakhetha ukungamthobeli uThixo waza wona, waphoswa lithuba lokuphila ubomi obungenasiphelo emhlabeni nabantwana bakhe. “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) Kwabonakala ngathi soze yenzeke intando kaThixo xa uAdam wonayo. Wathini ke uYehova?
NguYehova yedwa owayenokucinga ukwenza izinto awazenzayo. Wenza ubulungisa, wohlwaya uAdam noEva kodwa abantwana babo wabanika ithemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Ubulumko bakhe bamnceda wacinga ngendlela yokulungisa le ngxaki, emva koko wayilungisa ngoko nangoko. (Genesis 3:15) Ukuze uThixo abakhulule abantu kwisono nokufa, wayeza kusebenzisa uNyana wakhe uYesu Kristu. Wayeza kuyenza njani loo nto?
Ukuze asindise abantu kwisono sikaAdam, uYehova wathumela uYesu emhlabeni ukuze afundise abantu indlela yobomi “nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.”a (Mateyu 20:28; Yohane 14:6) UYesu wayekufanelekela ukuba yintlawulelo kuba wayefezekile njengoAdam. Kodwa akazange afane noAdam, wathobela de wayokufa. Kuba uYesu engazange one, uYehova waphinda wambuyisela kubomi bakhe ezulwini. Ngoku uYesu angakwazi ukwenza into uAdam awohlulekayo ukuyenza, ukunika abantu abathobelayo ubomi obungenasiphelo. “Kuba kanye njengokuba ngokungathobeli komntu omnye abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kwanangentobelo yomntu omnye abaninzi baya kwenziwa amalungisa.” (Roma 5:19) Ngokusifela kukaYesu, uThixo uza kuyenza into ayithembise abantu, ukuba baphile ubomi obungunaphakade.
Sifunda into eninzi ngoYehova xa sijonga indlela awazilungisa ngayo iingxaki ezeza nokungathobeli kukaAdam. Siyabona ngoku ukuba ayikho into enokumnqanda uYehova ukuba angayigqibi into ayiqalileyo; iLizwi lakhe liza ‘kuphumelela ngokuqinisekileyo.’ (Isaya 55:11) Siye safunda nangendlela uYehova uThixo asithanda ngayo. “Kwabonakaliswa ngale ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo athumele uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ehlabathini ukuze sizuze ubomi ngaye. Ngoko ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo waza wathumela uNyana wakhe njengombingelelo wokucamagushela izono zethu.”—1 Yohane 4:9, 10.
UThixo ‘akambandezanga uNyana wakhe kodwa wamnikela ngenxa yethu sonke,’ ngoko siqinisekile ukuba ‘ngobubele uza kusinika zonke ezinye izinto’ asithembise zona. (Roma 8:32) Uthembisa ukuba uza kusenzela ntoni uThixo? Qhubeka ufunda.
ZIINTONI AZENZILEYO UTHIXO? UYehova wadala abantu kuba efuna baphile ngonaphakade emhlabeni. Wasinika iBhayibhile ukuze sifunde ngaye. UYehova wasebenzisa uYesu Kristu njengentlawulelo, loo nto iyasiqinisekisa ukuba intando yakhe iza kwenzeka.
a Ukuze wazi ngakumbi ngentlawulelo, funda isahluko 5 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? ebhalwe ngamaNgqina KaYehova. Iyafumaneka naku www.pr2711.com/xh.