IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp19 No. 2 iphe. 4-5
  • Xa Kwehle Intlekele

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Kwehle Intlekele
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UKWAZI IZINTO EZITHETHWA YIBHAYIBHILE KUSINIKA ITHEMBA
  • Ngaba Sowungiselele?
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso——2020
  • Liphoseni KuYehova Lonke Ixhala Lenu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Uxinezeleko Olubangelwa Sisiganeko Esihlasimlis’ Umzimba Luya Kuphela!
    Vukani!—2001
  • Unokwenza Ntoni Ukuze Ukwazi Ukunyamezela Amaxhala?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
wp19 No. 2 iphe. 4-5
Amadoda amabini ahleli ngakumabhodlo endlu edilikileyo

Xa Kwehle Intlekele

“Ekuqaleni sasingenalo ithemba. Yonke into esasinayo yayimke nodaka olunamanzi kunye nomkhukula.”​—UAndrew, waseSierra Leone.

“Emva kwenkanyamba, sabuyela endlini. Kwakungekho kwanto eyayishiyekile. Sasothuke nyhani. Intombi yam yawa ngamadolo ikhala.”​—UDavid, waseVirgin Islands.

ABANYE abantu abakhe basinda kwintlekele baye bothuke, bangayikholelwa into eyenzekileyo, badideke, babe namaxhala ibe baphuphe kakubi. Ukuba nawe wakha wasinda kwintlekele inokuba uyiqonda kakuhle le nto. Abanye abaninzi abaye basinda baye batyhafe baze bangabi nawo umdla wokufuna ukuphila.

Ukuba uye walahlekelwa yiyo yonke into onayo ngenxa yentlekele, nawe usenokuziva ungenawo amandla okunyamezela. Usenokude ungasiboni nesizathu sokuphila. Kodwa iBhayibhile ibonisa ukuba unazo izizathu zokuphila ibe unganalo nethemba lokuphila ubomi obubhetele kwixesha elizayo.

UKWAZI IZINTO EZITHETHWA YIBHAYIBHILE KUSINIKA ITHEMBA

INtshumayeli 7:8 ithi: “Kulunge ngakumbi ukuphela kombandela kunokuqalwa kwawo.” Xa kusandokwehla intlekele, usenokungabi nalo ithemba. Kodwa ukuba uyazama ukuqhubeka nobomi bakho, izinto zinokuba bhetele.

IBhayibhile yachaza kwangaphambili ngexesha apho ‘singasayi kuphinda siviwe isandi sokulila okanye isandi sesikhalo esilusizi.’ (Isaya 65:19) Le nto iza kwenzeka kumhlaba oyiparadesi xa kulawula uBukumkani BukaThixo. (INdumiso 37:11, 29) Ngelo xesha, iintlekele ziya kube ziphelile. Nayiphi na intlungu eye yabangelwa ziintlekele iza kupheliswa ingaphindi ibekho, kuba uThixo uSomandla uthi: “Izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.”​—Isaya 65:17.

Khawucinge nje: UMdali ufuna ‘ukukunika ikamva nethemba,’ ubomi obunoxolo xa kulawula uBukumkani bakhe. (Yeremiya 29:11) Ngaba le nto ingakunceda ube nesizathu sokuphila? USally, ebesithethe ngaye kwinqaku lokuqala, uthi, “Ukuzikhumbuza ngazo zonke izinto ezintle eziza kwenziwa buBukumkani BukaThixo, kuza kukunceda uyeke ukucinga ngezinto ezimbi ezikwehleleyo uze ukwazi ukunyamezela.”

Khawuziphe ithuba ufunde ngakumbi ngezinto uBukumkani BukaThixo obuza kuzenzela abantu kungekudala. Ukwenza loo nto kuza kukwenza uqiniseke ukuba nakubeni wehlelwe yintlekele unako ukubuphila kakuhle ubomi unethemba lekamva elingenazintlekele. Okwangoku, iBhayibhile inika amacebiso asebenzayo anokukunceda ukwazi ukunyamezela izinto ezibuhlungu ezibangelwe yintlekele. Makhe sijonge amanye awo.

Iivesi ZeBhayibhile Ezinokukunceda

Lala ngokwaneleyo.

“Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.”​—INtshumayeli 4:6.

Abaphandi bathi emva kokuba umntu ehlelwe yinto ebuhlungu, “ukungalali ngokwaneleyo . . . kunokwenza kube nzima kakhulu ukunyamezela loo ntlungu.” Ngoko kubalulekile ukuba ulale ngokwaneleyo.

Thetha ngentlungu yakho.

“Inyameko yokuxhalaba esentliziyweni yendoda iya kuyibangela ukuba iqubude, kodwa ilizwi elilungileyo liyenza ibe nemihlali.”​—IMizekeliso 12:25.

Thetha nomntu omthembayo okanye umhlobo. Abantu bakowenu nabahlobo bakho banokukumamela, bakukhuthaze baze bakunike amacebiso anokukunceda.a

Cinga ngexesha laxa izinto zibhetele.

“Thina ke silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.”​—2 Petros 3:13.

a Ukuba umntu unestres esingapheliyo okanye uhlala enexhala kusenokufuneka adibane nogqirha.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share