Xa Ubona Ngathi Ubomi Abunyamezeleki
Ngokomzekelo, uSallya ohlala eMerika, walahlekelwa yiyo yonke into awayenayo xa kwabakho intlekele. Uthi: “Kwakungathi ayikho enye into endinokukwazi ukuyinyamezela. Ngamanye amaxesha kwakungathi ndiza kushiywa ziingqondo.”
Enye into enzima nyhani kukuswelekelwa. UJanice ohlala eOstreliya uthi: “Xa ndaswelekelwa ngoonyana bam ababini, kwaba ngathi ubomi bam buphelile, ibe kwafuneka ndiphinde ndiphakame, ndizivuthulule ndize ndithathise ngandlela zonke. Ndamcenga uThixo ndathi: ‘Ndincede Thixo, andisakwazi ukuyinyamezela le nto! Ndiyeke ndife.’”
Kwelinye icala, uDaniel wakhathazeka kakhulu xa inkosikazi yakhe ingazange ithembeke. Uthi: “Xa inkosikazi yam yandixelela ukuba ikhe yathandana nomnye umntu, yaba buhlungu kakhulu intliziyo yam. Kwaqengqeleka iinyanga ndinale ntlungu ibuhlungu ingapheliyo.”
Le Mboniselo iza kubonisa indlela abantu abanokunyamezela ngayo xa
Kwehle intlekele
Uswelekelwe
Umntu otshate naye engathembekanga
Ugula kakhulu
Ubomi bungasanyamezeleki
Masiqale ngale; Singenza njani xa kwehle intlekele?
a Amanye amagama akule magazini atshintshiwe.