Zazi Kakuhle Iimpapasho Ezintsha Ezikhutshwe Endibanweni
1 Iimpapasho ezimbini ezintsha, incwadi nencwadana enemifanekiso, ziye zongezelelwa kuvimba wethu onentabalala yokutya kokomoya. Ekubeni zikhutshwe kwiiNdibano Zesithili “Zentetho Enyulu,” ezi mpapasho zintsha ngokuqinisekileyo ziya kuba negalelo elinamandla kubulungiseleli bethu basentsimini ukongezelela ekusincedeni sonke ukuba siyithethe ngokuphawuleka ngakumbi intetho enyulu.—Zef. 3:9.
2 Xa sasivakalisa ukukhutshwa kwencwadana entsha enemifanekiso, endibanweni isithethi sathi: “Kubulungiseleli basentsimini—kwindlu ngendlu, kumabuyelo, naxa siqhuba izifundo zeBhayibhile—sidla ngokubuzwa isizathu sokuba singayi kukwamkela ukutofelwa igazi. Ukukunceda ekuphenduleni loo mbuzo, kuyinto evuyisayo ukukhulula impapasho entsha. Yile ncwadana elingana nephephancwadi ethi, Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?” Ngaba uye wayamkela inkcazelo ekule ncwadana inemifanekiso ngokuyifundisisa ngenyameko? Kubalulekile ukuba wenjenjalo ukuze womeleze ukholo lwakho nokuze ukulungele ukunceda abanye baqonde imbono yomKristu ngegazi.—IZe. 15:28, 29.
3 Inkcazelo ebhalwe kakuhle ekule ncwadana inemifanekiso iya kukuxhobisa ngokubhekele phaya ukuba ucacise ukuma neminqweno yakho kuye nawuphi na ugqirha. Phofu ke, le ncwadana intsha inemifanekiso ayilungiselelwanga ngokuyintloko oogqirha namagqwetha. Icetyelwe kwaye ibhalelwe ngokukhethekileyo uwonke-wonke. Unokubona indlela injongo yayo entlumbini eyenza ibe sesona sixhobo sixabisekileyo sokuba sisisebenzise kweli xesha. Kucetyiswa ukuba uphathe umbhalo wayo omnye okanye emibini kwinkonzo yasentsimini. Yisebenzise ngokupheleleyo le nkcazelo ixabisekileyo ukuze ungenelwe ngokobuqu uze uncede nabanye babonakalise ukulihlonela ngokufanelekileyo igazi.
INCWADI ENTSHA
4 Khawuthelekelele nje ixabiso lencwadi entsha ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo yokusinceda kubulungiseleli bethu. Ukuyifundisisa kuya kusenza siziqonde ngokucace ngakumbi ezinye iinkonzo nemvelaphi yazo engokwembali. Iya kusinceda sikuxhobele kakuhle ukushumayela kubantu beNgqobhoko kwanakwabo banamathele kwezinye iinkonzo. Ngenxa yokwahlukahlukana kwabantu babe ngokwamaqela kule nkulungwane yama-20, xa sishumayela kwindlu ngendlu sisenokufumana abantu beelwini neenkonzo ezininzi ezahlukahlukeneyo. Xa singaqhelananga neenkolelo namasiko aba bantu oku kuzisa ucelomngeni lokwenene. Ngoncedo lwale ncwadi intsha, akuyomfuneko ukuba sizive sididekile xa siqubisana nabantu beemvelaphi ezahlukahlukeneyo ngokonqulo kwintsimi yethu.
5 Inkcazelo ekule ncwadi intsha iye yaphandwa yaza yahlolisiswa ngabantu abayazi kakuhle imibandela exutyushiweyo. Ngoko ke, sinokuthetha ngegunya xa sisebenzisa inkcazelo efumaneka kule ncwadi. Ngokuqinisekileyo, ukulungiselela inkcazelo enjalo ngeli xesha kubobunye ubungqina bokuba uYehova ubathanda kakhulu abantu bazo zonke iintlanga. Masenze umgudu omanyeneyo wokuyazi kakuhle le mpapasho intsha size ke siyisebenzise ngempumelelo ekuncedeni abantu abanyanisekileyo abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo zobuhlanga nezonqulo. Ewe, ukuyisebenzisa ngokuphumelelayo le mpapasho intsha kuya kusenza sibe nemvakalelo yokwaneliseka kukwazi ukuba sivakalisa iindaba ezilungileyo kuzo zonke iindidi zabantu njengoko sibafumana kwintsimi yethu esiyabelweyo.—Mat. 28:19, 20; Tito 2:11.