Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
Incwadana Entsha Enemifanekiso Eyenzelwe Ukusinceda Xa Sibuyela Naxa Siqalisa Izifundo ZeBhayibhile
1. Yiyiphi incwadana entsha enemifanekiso ekhululwe kwiNdibano yeSithili enomxholo othi “Londoloza Intliziyo Yakho!” eyenzelwe ukusinceda xa sibuyela naxa siqalisa izifundo zeBhayibhile?
1 KwiNdibano yeSithili ‘Yokulondoloza Intliziyo Yakho!’ saba nemincili engathethekiyo kusakukhululwa incwadana entsha enemifanekiso yokusinceda sikwazi ukubuyela nokuqalisa izifundo zeBhayibhile. Incwadana enemifanekiso ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo! ithabathel’ indawo ethi Okufunwa nguThixo yaye ziyafana, kodwa yona izifundo zayo zingqalile. Iza kusinceda xa siqhuba izifundo zeBhayibhile simi emnyango. Noko ke, Okufunwa nguThixo kuxubusha izinto ezimele ukwenziwa ngamaKristu, ekunokuba nzima ngabafundi abatsha ukuzamkela, le ncwadana intsha inemifanekiso igxininisa kwiindaba ezilungileyo eziseBhayibhileni.—IZenzo 15:35.
2. Kwakutheni ukuze kwenziwe incwadana enemifanekiso ethi Iindaba Ezilungileyo?
2 Yenzelwe ntoni? Ehlabathini jikelele abazalwana bebecela incwadana elula enokutsalela abantu enyanisweni baze emva kwayo bafunde incwadi ethi Okufundiswa yiBhayibhile, eyona ncwadi siyisebenzisayo xa siqhuba izifundo zeBhayibhile. Abantu abangakuthandiyo ukufunda incwadi badla ngokukulungela ukufunda iBhayibhile xa ifundwa ngencwadana enemifanekiso. Ukongezelela koko, incwadana enemifanekiso kulula ukuyiguqulela kwiilwimi ezininzi.
3. Yahluke njani le ncwadana inemifanekiso kwezinye iimpapasho ezifundwayo?
3 Yenziwe Njani: Uninzi lweempapasho zethu zibhalwe ngohlobo lokuba umntu akwazi ukuzifundela. Le mpapasho yahlukile. Ibhalwe ngohlobo lokuba isifundo seBhayibhile sincedwe ngumhlohli. Ngenxa yoko, xa uyihambisela omnye umntu, kuhle ukuxubusha isiqendu esinye okanye ezibini. Iziqendu zayo zifutshane, zinokufundwa umi emnyango okanye kwiindawo zamashishini. Ngoxa kukuhle ukuqala ngesifundo 1, isifundo sinokuqalwa naphi na.
4. Isinceda njani incwadana enemifanekiso sifundise iBhayibhile?
4 Kwiimpapasho zethu ezininzi, iimpendulo zemibuzo zinokufumaneka esiqendwini. Noko ke, ubukhulu becala kule mpapasho, iimpendulo zifumaneka eBhayibhileni. Inkoliso yabantu ifuna ukufunda iBhayibhile kunokufunda uncwadi lwethu. Ngenxa yeso sizathu, phantse zonke izibhalo ezibonisiweyo azicatshulwanga. Zifanele zifundwe eBhayibhileni. Oku kunceda izifundo ziqonde ukuba into eziyifundayo ivela kuThixo.—Isa. 54:13.
5. Kutheni kubalulekile ukuba umqhubi asilungiselele kakuhle isifundo ngasinye?
5 Le ncwadana ayizicacisi zonke izibhalo. Ngoba? Yenzelwe ukukhuthaza umfundi ukuba abuze imibuzo ize inike umhlohli ithuba lokusebenzisa ubuchule bakhe bokufundisa. Ngenxa yoko, kuhle ukusilungiselela kakuhle isifundo ngasinye. Isilumkiso: Musa ukuthetha kakhulu. Siyakuthanda ukucacisa iZibhalo. Kodwa ke, siphumelela ngakumbi xa sisicela isifundo ukuba sichaze ukuba sithetha ntoni isibhalo. Xa siyisebenzisa kakuhle imibuzo, singasinceda isifundo siqiqe ngevesi nganye.—IZenzo 17:2.
6. Sinokuyisebenzisa njani le ncwadana inemifanekiso: (a) xa abantu bengaqinisekanga ngoThixo nangeBhayibhile? (b) xa sikwindlu ngendlu? (c) xa sisebenzisa indlela engqalileyo yokuqalisa isifundo seBhayibhile? (d) xa sibuyela?
6 Njengezinye iimpapasho ezenzelwe ukuqhuba isifundo, le ncwadana inemifanekiso inokuhanjiswa nanini na, enoba kuhanjiswa ntoni ngaloo nyanga. Abaninzi baya kukuvuyela ukuyisebenzisa xa befuna ukuqalisa izifundo zeBhayibhile emnyango. Ukongezelela, njengokuba besele kutshiwo endibanweni yesithili, ukusebenzisa yona xa ubuyela kwabo banomdla “kunokwenza kubangel’ umdla ngokwenene ukubuyela!”—Funda ibhokisi ekwiphepha 5-7.
7. Unokusiqhuba njani isifundo seBhayibhile usebenzisa le ncwadana inemifanekiso?
7 Indlela Yokuqhuba Isifundo: Sinokuqalisa ingxubusho ngokufunda imibuzo ebhalwe ngqindilili. Emva koko, ufunde isiqendu nesibhalo (nezibhalo) ezikekelisiweyo. Mbuze ngobuchule umninimzi ukuze umncede aqonde oko kuthethwa zizibhalo. Ngaphambi kokuba udlulele kwicandelo elilandelayo, mcele aphendule imibuzo ebhalwe ngqindilili, ukuze uqinisekise ukuba uyayiqonda le nto ayifundayo. Kumatyelelo ambalwa okuqala, kunokuba kuhle ukuxubusha umbuzo omnye kwebhalwe ngqindilili. Ekuhambeni kwexesha, sinokukwazi ukuxubusha ixesha elidana ukuze sigubungele sonke isifundo.
8. Sifanele sizitshayelele njani izibhalo, yaye ngoba?
8 Izibhalo ezitshayelelwa ligama elithi “funda” zezo ziphendula umbuzo obhalwe ngqindilili. Xa utshayelela isibhalo, kuphephe ukuthi, “Umpostile uPawulos wabhala” okanye, “Khawuve oko kwaxelwa kwangaphambili nguYeremiya.” Umninimzi usenokucinga ukuba sifunda amazwi omntu. Kunokuba ngcono ukuthi, “ILizwi LikaThixo lithi” okanye, “Khawuve oko kwaxelwa yiBhayibhile kwangaphambili.”
9. Ngaba zifanele zifundwe zonke izibhalo ezibonisiweyo xa kuqhutywa isifundo?
9 Ngaba sifanele sizifunde zonke izibhalo ezibonisiweyo okanye simele sifunde kuphela ezo kubhalwe “funda” ecaleni kwazo? Kuya kuxhomekeka kwiimeko. Zonke izibhalo zibekwe ngenjongo. Isibhalo ngasinye sinenkcazelo efanele ixutyushwe. Kodwa kwezinye iimeko, ukungabi naxesha elaneleyo kwesifundo, ukungabi namdla okanye ukungakwazi ukufunda kakuhle zonke ezi zinto zinokubangela ukuba kufundwe kuphela ezo kubhalwe “funda” ecaleni kwazo.
10. Sinokutshintshelwa nini isifundo kwincwadi ethi Okufundiswa yiBhayibhile?
10 Kunokuqaliswa Nini Kwincwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile: Emva kweengxubusho eziliqela nasemva kokuba siye safunda rhoqo, sinokuqalisa incwadi ethi Okufundiswa yiBhayibhile okanye siqhubeke nencwadana enemifanekiso ethi Iindaba Ezilungileyo de siyigqibe. Abavakalisi banokubona xa kufanelekile ukutshintshela kwincwadi ethi Okufundiswa yiBhayibhile. Xa sele kutshintshelwe kuyo, ngaba ifanele iqalwe ekuqaleni? Akukho mithetho ingqongqo kule nkalo. Abantu abafani. Noko ke, inkoliso yezifundo iya kungenelwa xa iwufunda ngokweenkcukacha umbandela kwincwadi ethi Okufundiswa yiBhayibhile.
11. Kutheni sifanele siyisebenzise kakuhle le ncwadana intsha inemifanekiso?
11 Kwihlabathi elisoloko lisiva iindaba ezibuhlungu, sinelungelo elizukileyo lokuvakalisa ezona ndaba zilungileyo—zokuba uBukumkani bukaThixo buyalawula yaye kungekudala buza kuzisa ihlabathi elitsha elinobulungisa! (Mat 24:14; 2 Pet. 3:13) Sinethemba lokuba abantu abaninzi abeva ezi ndaba zilungileyo baza kuvumelana nala mazwi aphefumlelweyo athi: “Hayi indlela ezibukeka ngayo ezintabeni iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo, lowo uvakalisa uxolo, lowo uzisa iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi, lowo uvakalisa usindiso, lowo uthi kwiZiyon: ‘UThixo wakho uye waba ngukumkani!’” (Isaya 52:7) Ngamana singasebenzisa le ncwadana intsha inemifanekiso ukuze sise iindaba ezilungileyo zikaThixo kubantu abanxaniweyo kwintsimi yethu!
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
Xa Abantu Bengaqinisekanga NgoThixo NangeBhayibhile:
● Kwamanye amazwe, abavakalisi baye bafumanisa ukuba igama elithi “uThixo” nelithi “iBhayibhile” ayayithintela incoko. Kwimeko elolo hlobo, kunokuba kuhle kutyelelo lokuqala, ukuthetha ngezinto ezikhathaza abantu basekuhlaleni, njengorhulumente olungileyo, indlela ezinokuncedwa ngayo iintsapho noko sikuphathelwe likamva. Mhlawumbi incwadana enemifanekiso ethi Iindaba Ezilungileyo inokufundwa emva kokuba siye sancokola izihlandlo eziliqela, ukuze sixubushe ngendlela esazi ngayo ukuba uThixo ukho nesizathu sokuba iBhayibhile inokuthenjwa.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Xa Sikwindlu Ngendlu:
● “Ndize kukubonisa indlela ekulula ngayo ukwazi injongo kaThixo ngekamva loluntu. Ngaba wakha wazibuza enoba uThixo uza kusikhulula kwimbandezelo kusini na? [Mvumele aphendule.] Le ncwadana inemifanekiso ibonisa indawo onokuyifumana kuyo impendulo yalo mbuzo eBhayibhileni. [Mnike incwadana, uze ufunde isiqendu sokuqala kwisifundo 1 noYeremiya 29:11.] Kule vesi, ngaba kusengqiqweni ukuba uThixo afune sibe nekamva elihle? [Mvumele aphendule.] Ukuba uyathanda ndingakushiyela le ncwadana. Kwixesha elizayo, sinokuxubusha isiqendu sesibini ukuze sifumane impendulo yalo mbuzo, ‘UThixo uza kulukhulula njani uluntu kwimbandezelo?’” Ukuba umninimzi ubonakala enexesha elininzi kwakutyelelo lokuqala, ninokuxubusha nesiqendu sesibini nemibhalo emithathu. Lungiselela ukubuyela ukuze nixubushe umbuzo wesibini kwesi sifundo.
● “Abantu abaninzi bayakuthanda ukuthandaza ngokukodwa xa beneengxaki. Ngaba nawe ukhe uthandaze? [Mvumele aphendule.] Ngaba ucinga ukuba uThixo uyayiphulaphula yonke imithandazo, okanye eminye imithandazo ayimkholisi? [Mvumele aphendule.] Ndinencwadana enemifanekiso eneempendulo zeBhayibhile kuloo mibuzo. [Mnike ikopi, nize nixubushe isiqendu sokuqala sesifundo 12 kunye nezibhalo ezibhalwe “funda.”] Ngaba akuyonto entle ukukulungela kukaThixo ukusiphulaphula? Kodwa ukuze usincede ngokupheleleyo umthandazo, kufuneka simazi kakuhle uThixo. [Tyhila kwisifundo 2 uze umbonise imixholwana.] Ukuba uyayifuna ndingakushiyela le ncwadana inemifanekiso, size ngelinye ixesha sifunde iimpendulo zeBhayibhile zale mibuzo.”
● “Ndize apha kwakho kuba abantu baxhalabile kuba abazi ukuba lisingise phi eli hlabathi. Ngaba ucinga ukuba ezi meko ziya kuze ziphucuke? [Mvumele aphendule.] Abantu abaninzi bayothuka kukufumanisa ukuba iBhayibhile ineendaba ezilungileyo ezinokusinika ithemba. Nantsi eminye yemibuzo ephendulwa yiBhayibhile.” Mnike le ncwadana, uze umcele ukuba akhethe owona mbuzo awuthandayo kwiphepha elingasemva. Tyhila kweso sifundo uze umbonise indlela esiqhutywa ngayo isifundo. Lungiselela ukubuyela ukuze nixubushe umbuzo olandelayo kweso sifundo.
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
Zama Indlela Engqalileyo:
● “Ndithe mandingene apha kwakho ukuze ndikuchazele ngendlela entsha yokufunda iBhayibhile. Le ncwadana inezifundo ezili-15 ezibonisa indlela onokuzifumana ngayo iimpendulo ezibalulekileyo kwiBhayibhile yakho. [Mbonise iphepha lokuqala nelokugqibela.] Ngaba wakha wazama ukuqonda iBhayibhile? [Mvumele aphendule.] Makhe ndikubonise indlela ezilula ngayo ezi zifundo. [Xubushani isiqendu sokuqala kumbuzo wesi-3 kwisifundo 3, uze ufunde ISityhilelo 21:4, 5. Ukuba iimeko ziyavuma, xubushani isiqendu esilandelayo nezibhalo ekubhalwe “funda” ecaleni kwazo.] Ukuba uyayinqwenela le ncwadana ndingakushiyela yona. Siyakukhuthaza ukuba ukhe uyizame le ndlela intsha. Ukuba uyayithanda, ungaqhubeka uyifunda. Kwixesha elizayo sinokuxubusha isifundo sokuqala. Phawula ukuba liphepha nje elinye.”
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
Yisebenzise Xa Ubuyela:
● Xa sibuyela kumntu obebonise umdla sinokuthi: “Kuyandivuyisa ukukubona kwakhona. Ndikuphathele le ncwadana inemifanekiso ephendula imibuzo emininzi ebangel’ umdla ngeBhayibhile. [Mnike incwadana, uze umcele ukuba ajonge iphepha elingasemva.] Nguwuphi obangel’ umdla kuwe kule mixholo? [Mvumele aphendule. Uze utyhile kwisifundo asikhethileyo.] Makhe ndikubonise indlela onokuyisebenzisa ngayo le ncwadana ukuze ufumane iimpendulo zeBhayibhile.” Mbonise indlela efundwa ngayo ngokuxubusha isiqendu esinye okanye ezibini nezibhalo ekubhalwe “funda” ecaleni kwazo. Sele uqalise isifundo seBhayibhile. Yishiyele umninimzi le ncwadana, uze wenze amalungiselelo okubuyela. Usakuba usigqibile isifundo, unokuxubusha esinye isifundo esikhethwe ngumninimzi okanye uyiqale ekuqaleni.