IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/95 iphe. 5-6
  • Wasebenzise Kakuhle Amaphephancwadi Ethu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Wasebenzise Kakuhle Amaphephancwadi Ethu
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Hambisa Amaphephancwadi Entsimini
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Amaphephancwadi Avakalisa UBukumkani
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Zibekele Ixesha Lomsebenzi Wamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Ukuba Nabantu Obanika Rhoqo Iimagazini Kukhokelela Kwizifundo ZeBhayibhile
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
km 9/95 iphe. 5-6

Wasebenzise Kakuhle Amaphephancwadi Ethu

1 Xa usiya kwindawo ekuthengiswa kuyo amaphephandaba noolindixesha, ubona ntoni? Amaphephancwadi. Kwivenkile esekoneni, yintoni etsala iliso lakho? Ngamaphephancwadi. Yintoni ebangela unoposi asindwe ngumthwalo wengxowa yakhe yeposi? Ngamaphephancwadi. Ngoko, yintoni efundwa ngabantu abaninzi? Ngamaphephancwadi. Uhlolisiso lubonise ukuba abaselula abasithoba kwabalishumi abaneminyaka ephakathi kweli-10 neli-18, kunye nomlinganiselo okwamnye wabantu abakhulu, ubuncinane bafunda iphephancwadi elinye nyanga nganye. Ihlabathi liyawathanda amaphephancwadi.

2 Ngaba singabenza abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo bathande IMboniselo noVukani!? Singanako, ukuba THINA siyayithanda IMboniselo noVukani! Yintoni enokusinceda? Khawuqwalasele la macebiso:

◼ Funda Amaphephancwadi: Omnye umveleli ohambahambayo wathi, ngokomlinganiselo, ngumvakalisi omnye kuphela kwabathathu kwisiphaluka sakhe ofunda inkupho nganye yeMboniselo noVukani! ayigqibe. Ngaba wena uyawafunda? Xa ufunda inqaku ngalinye, zibuze, ‘Ngubani oya kuyixabisa le nkcazelo​—⁠ngumama, ngumntu othi uThixo akanakwaziwa, ngusomashishini, ngumntu oselula?’ Kumbhalo wakho wobuqu, phawula ingongoma enye okanye ezimbini onokuzisebenzisa xa uhambisa amaphephancwadi. Yandula ke ucinge ngendlela onokuwuvuselela ngayo umdla kulo mbandela ngesivakalisi nje esinye okanye ezibini.

◼ Yiba Neodolo Eqinisekileyo Yamaphephancwadi: Yenza iodolo echanileyo kumzalwana osingatha amaphephancwadi ukuze ube nenani elithile kwinkupho nganye. Ngale ndlela, wena nentsapho yakho niya kuba nesixa esaneleyo samaphephancwadi.

◼ Cwangcisela Ukuba Nosuku Lwamaphephancwadi Oluthe Rhoqo: Amabandla amaninzi aye abekela bucala usuku olukhethekileyo ngokuyintloko esenzela ukunikela ubungqina ngamaphephancwadi. Ngaba unako ukuluxhasa uSuku Lwamaphephancwadi lwebandla? Ukuba akunako, ngamaxesha athile zama ukusebenzisa ixesha lenkonzo yasentsimini ekunikeleni ubungqina ngamaphephancwadi nokusasaza ngokobuqu amaphephancwadi ebantwini, kwindlu ngendlu nakwimizila yamaphephancwadi.

◼ Yithande “IMboniselo” no-“Vukani!”: Phatha imibhalo yala maphephancwadi xa useluhambeni okanye usiya ezivenkileni. Wahambise xa uncokola nabo usebenza nabo, abamelwane, ofunda nabo, okanye abafundisi-ntsapho. Esinye isibini esisoloko sihamba ngenqwelo-moya sisebenzisa ingongoma ekwelinye lamaphephancwadi akutshanje ukuze siqalise incoko nalowo uhleli ecaleni kwaso. Siye sanamava amaninzi amyoli. Bambi abantu abaselula basoloko bephatha esikolweni amanqaku abavakalelwa kukuba aya kubangel’ umdla kubafundisi-ntsapho babo okanye kwabo bafunda nabo. Phatha imibhalo xa uhambela umba othile woshishino, uze uyihambise koosomashishini emva kokuba ukugqibile obukuhambele. Uninzi lwethu luthenga ipetroli rhoqo; kutheni ungahambisi amaphephancwadi kubantu abasebenza kwisikhululo sepetroli? Wagcine ekwindawo ebonakalayo xa kutyelele izalamane, xa uhamba ngesithuthi sikawonke-wonke, okanye xa ulindele idinga. Ngaba zikho ezinye izihlandlo ezifanelekileyo ocinga ngazo?

◼ Lungiselela Intshumayelo Emfutshane Yokuhambisa Amaphephancwadi: Cwangcisa intshumayelo emfutshane, kodwa ivakale. Yiba nehlombe. Fikelela intliziyo. Ngqala. Khetha nje ingongoma enye kwinqaku, yibeke ngamazwi nje ambalwa uze uhambise amaphephancwadi. Eyona ntshumayelo isemagqabini kukubuza umbuzo kumbandela obangela umdla wandule ke ubonise inqaku elinikela impendulo yeZibhalo. Qwalasela le mizekelo imbalwa engendlela ekunokwenziwa ngayo oku:

3 Ukuba ubalaselisa inqaku elingokwanda kolwaphulo-mthetho, usenokubuza:

◼ “Yintoni ebiya kufuneka ukuze sikwazi ukulala ebusuku ngaphandle kokoyika ulwaphulo-mthetho?” Umninimzi usenokuba unethemba lokuba izinto ziyalunga. Unokuphendula ngelithi uninzi lwabantu luvakalelwa ngaloo ndlela uze wongezelele ngokuthi unayo inkcazelo okholelwa kukuba uya kuba nomdla kuyo. Yandula ke ubhekisele kwingongoma efanelekileyo kwinqaku elo.

4 Ukuba ubonisa inqaku elingobomi bentsapho, usenokuthi:

◼ “Kule mihla uninzi lwabantu lukufumanisa kunzima ngenene ukuziphilisa luze lukhulise intsapho. Kuye kwabhalwa intaphane yeencwadi ngalo mbandela, kodwa kwanoomakhwekhwetha abavumelani ngezicombululo zeengxaki zethu. Ngaba ikho indawo esinokulufumana kuyo ukhokelo olunokuthenjwa?” Yandula umbonise amagqabaza athile kwiphephancwadi abonisa ubulumko obufumaneka eBhayibhileni.

5 Usenokuthetha oku xa ubalaselisa inqaku elingengxaki yasekuhlaleni:

◼ “Namhlanje inkoliso yabantu iphantsi kwengcinezelo. UThixo wayengafuni siphile ngale ndlela.” Yandula ke ubonise indlela umbandela osekelwe eBhayibhileni onokusinceda sihlangabezane ngayo neengxaki zobomi ngoku uze usinike ithemba lesicombululo esihlala sihleli kwikamva.

6 Asifanele sibe mathidala ekuceleni umnikelo ocetyisiweyo, sicinge ukuba amaphephancwadi ethu abiza imali eninzi; eneneni amaphephancwadi ethu axabisa kancinane gqitha xa ethelekiswa namaphephancwadi ehlabathi. Ngoko ke, sifanele siwukhankanye ngentembelo umnikelo wokugubungela iindleko zokushicilela.

7 Ukunikela Ubungqina Esitratweni Kuyaphumelela: NgoJanuwari 1940 inkupho yeInformant (Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani) yakhuthaza abavakalisi okokuqala ngqa ukuba babe nocwangciso losuku olukhethekileyo lokunikela ubungqina esitratweni besebenzisa amaphephancwadi veki nganye. Ngaba uba nesabelo ekunikeleni ubungqina esitratweni ngamaxesha athile? Ukuba kunjalo, ngaba indlela oyisebenzisayo iphumelela ngokwenene? Bambi abavakalisi baye babonwa bemi kwikona yesitrato esinyakazelayo, bencokola ngoxa kudlula abantu abaninzi bengababoni. Kunokuba sibe sisiqhu siphethe amaphephancwadi, kuhle gqitha ukwahlukana size siye ebantwini. Abanye abantu basenokuma baze baphulaphule ngokufutshane ukuba bamiswa ngumntu omnye kuphela, kodwa bambalwa abantu abaya kuzizela kwiqela elizincokolelayo. Ekubeni sitsala ingqalelo enkulu esitratweni, kufuneka ngokukhethekileyo ukuba sizilungise kakuhle size sinxibe ngokundilisekileyo ngendlela efanele abalungiseleli bakaThixo.​—⁠1 Tim. 2:​9, 10.

8 Imizila Yamaphephancwadi: Abo banemizila yamaphephancwadi bahambisa amaphephancwadi amaninzi kwanaxa intsimi igutyungelwa ngokufuthi. Imizila yamaphephancwadi iluncedo kakhulu ekufumaneni izifundo zeBhayibhile zamakhaya.

9 Xa ubuyela rhoqo ukuze uhambise amaphephancwadi, uya kufumanisa ukuba ubuhlobo phakathi kwakho nomninimzi buya kukhula. Okukhona nisiya niqhelana, kokukhona kuya kuba lula ngakumbi ukuncokola ngemibandela yeZibhalo. Oku kusenokukhokelela ekuqaliseni isifundo seBhayibhile sekhaya esinenkqubela. Kumabuyelo anoxabiso olungazenzisiyo ngamaphephancwadi, hambisa umrhumo. Ibe khumbula, sihlandlo ngasinye udibana nomninimzi unokufaka ingxelo yebuyelo.

10 Omnye udade wayesoloko ephathela elinye ibhinqa amaphephancwadi elalisoloko liwamkela kodwa limxelele oku: “Andikukholelwa oko undixelela kona.” Ekubuyeni kwakhe, lo dade wafika kukho indoda yeli khaya. Emva kwencoko yobuhlobo, kwenziwa amalungiselelo okuqalisa isifundo seBhayibhile. Lo dade waba ngumhlobo woonyana beli khaya abathathu ababathelelayo kwesi sifundo. Ekugqibeleni, umama noonyana bakhe bahlulela ubomi babo kuYehova baza babhaptizwa. Sithetha nje, amalungu ale ntsapho angama-35 amkela inyaniso. Konke oku kwenzeka ngenxa yokuba lo dade wayesoloko ebuyela kumzila wakhe wamaphephancwadi!

11 Zininzi iindlela zokuqalisa umzila wamaphephancwadi. Unokuwuqalisa umzila ngokugcina ingxelo yabantu obahambisele amaphephancwadi uze ulungiselele ukubuyela rhoqo kwisithuba seeveki ezimbini neenkupho zakutshanje. Enye indlela kukusebenzisa inkcazelo ephantsi komxholo othi “Kwinkupho Yethu Elandelayo.” Xa ubuyela, mxelele umninimzi ukuba umphathele inqaku oye walikhankanya kwixa elidluleyo. Okanye, xa ubuyela, usenokuthi: “Xa bendifunda eli nqaku, ndicinge ukuba uya kulithanda . . .” Yandula ke uthi gqabagqaba ngenqaku elo uze ulihambise. Emva kwelo buyelo, phawula iingongoma ezintlanu kwingxelo yakho yendlu ngendlu: (1) igama lomninimzi, (2) ikhelingi yomninimzi, (3) umhla wotyelelo, (4) iinkupho ozihambisileyo, kunye (5) nenqaku olibalaselisileyo. Abanye abavakalisi bebenempumelelo kakhulu ekuqaliseni imizila yamaphephancwadi, benamabuyelo amalunga nama-40 okanye nangaphezulu kuludwe lwabo!

12 Intsimi Enamashishini: Maninzi amaphephancwadi ahanjiswa ngabavakalisi abasebenza kwintsimi enamashishini. Ngaba wakha wazama ukungena kwiivenkile ngeevenkile? Iingxelo zibonisa ukuba kwamanye amabandla, bambalwa ababa nenxaxheba kule nkalo yenkonzo. Ekuqaleni, bambi bayoyika ukutyelela oosomashishini, kodwa emva kokuba beye bakuzama kangangezihlandlo ezimbalwa, bakufumanisa kubangel’ umdla yaye kunomvuzo. Kutheni ungaceli umvakalisi onamava okanye uvulindlela akuncede uqalise?

13 Kukho iingenelo eziliqela zokungena kwiivenkile ngeevenkile. Baba mbalwa gqitha ofika bengekho, ubuncinane ngeeyure zomsebenzi! Ngokuqhelekileyo oosomashishini banesimilo, kwanaxa bengenamdla ungako eBhayibhileni. Qala kwangethuba; usenokwamkelwa ngobubele ngakumbi. Emva kokuzazisa, usenokuthi kunqabile ukuba ubafumane emakhaya oosomashishini, ngoko ubatyelele nje kangangemizuzwana embalwa kwindawo abasebenzela kuyo ukuze ubanike iinkupho zakutshanje zeMboniselo noVukani! Mxelele ukuba oosomashishini abaninzi bayawaxabisa amaphephancwadi ethu ngenxa yokuba bafuna ukuhlala bezazi iziganeko ezenzeka ehlabathini kodwa abanaxesha lininzi lokufunda. La maphephancwadi anenkcazelo ehlokoz’ iingcinga nembono eyahlukileyo, akathabathi cala kwezonqulo, kwezopolitiko, okanye kwezorhwebo. Usenokuqalisa umzila wamaphephancwadi kubantu abanomdla obafumana kwintsimi enamashishini.

14 Lungiselelani Njengentsapho: Kusenokubekelwa ecaleni ixesha ebudeni besifundo senu sentsapho ukuze nixubushe amanqaku akumaphephancwadi akutshanje asenokufanelekela ukusetyenziswa kwintsimi yenu. Amalungu entsapho​—⁠kuquka abantwana⁠—​anokutshintshana ekuqheliseleni iintshumayelo zawo neendlela zokuphendula amazwi aqhelekileyo enkcaso, anjengala: “Ndixakekile,” “Sinonqulo lwethu,” okanye “Andinamdla.” Intsebenziswano entle inokwenza intsapho iphela ikwazi ukuba nesabelo rhoqo ekusasazeni amaphephancwadi.

15 Abaqhubi Bezifundo Zencwadi Banokunceda: Nanini na kunokwenzeka, cwangciselani iintlanganiso zenkonzo yasentsimini ngoSuku Lwamaphephancwadi kwiindawo eziqhutyelwa kuzo izifundo zencwadi kunokuba ibandla lonke lihlanganisane kwiHolo yoBukumkani. Abo baqhuba iintlanganiso zenkonzo yasentsimini bafanele balungiselele kakuhle benamacebiso abanokuwanika iqela. Asenokuquka umboniso nengongoma okanye ezimbini ezithatyathwe kwiinkupho zakutshanje ezinokusetyenziswa ukuze kuvuswe umdla ekuhlaleni. Iintlanganiso zenkonzo yasentsimini​—⁠kuquka ukwaba iqela⁠—​zifanele zibe mfutshane, zingadluli kwimizuzu eli-10 ukuya kweli-15. Abaqhubi bezifundo bafanele baqinisekise ukuba kukho umhlaba owaneleyo ukuze iqela ligcinwe lixakekile ngalo lonke ixesha lenkonzo yasentsimini.

16 Bonisa Uxabiso Ngamaphephancwadi: Inqaku elapapashwa kwinkupho yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani kaJulayi 1993 elithi “Ukusebenzisa Kakuhle IMboniselo noVukani!” laveza le ngongoma ebalulekileyo: “IMboniselo noVukani! aziphelelwa lixabiso lazo, kwanokuba azihanjiswanga kangangenyanga enye okanye ezimbini emva komhla wokukhutshwa kwazo. Inkcazelo eziyiquletheyo ayibi yengabalulekanga ngenxa yokudlula kwexesha . . . Ukuyeka amaphephancwadi amadala afumbe size singawasebenzisi kubonakalisa ukungabi naluxabiso ngezi zixhobo zixabisekileyo. . . . Endaweni yokuzibekela ecaleni iinkupho ezindala size siziphose kwelokulibala, ngaba bekungayi kuba kokufaneleke ngakumbi ukwenza umgudu okhethekileyo wokuzihambisela abantu abanomdla?”

17 Namhlanje kukho abantu abaninzi abaneentliziyo ezinyanisekileyo abafuna inyaniso. Inkcazelo equlethwe nje liphephancwadi elinye isenokuba koko kanye bakufunayo ukuze kubakhokelele kwinyaniso! UYehova uye wasinika isigidimi esichwayitisayo ukuze sisivakalise, ibe amaphephancwadi ethu anendima ebalaseleyo ekuseni esi sigidimi kwabanye. Ngaba uya kukuphaphela ngakumbi ukusasaza amaphephancwadi kwixesha elizayo? Ngaba uya kuwasebenzisa la macebiso kwangale mpela-veki? Uya kusikelelwa kakhulu ukuba wenjenjalo.

Amacebiso Asebenzisekayo:

◼ Wafunde kusengaphambili amaphephancwadi, uze uwazi kakuhle amanqaku awo.

◼ Khetha inqaku elithetha ngento ebangel’ umdla ngokubanzi ekuhlaleni.

◼ Lungiselela intshumayelo eya kufanelekela abantu abahlukeneyo, enoba ngamadoda, amabhinqa, okanye ulutsha. Bonisa indlela iphephancwadi elisebenza ngayo kumninimzi nendlela eliya kuthandwa ngayo yintsapho iphela.

◼ Cwangcisela ukuba nesabelo kumsebenzi wakho wenkonzo yasentsimini xa inkoliso yabantu isemakhaya. Amanye amabandla acwangcisela ukunikela ubungqina ngamarhatya ngamaphephancwadi.

◼ Intshumayelo yakho mayihlale imfutshane ize ingqale.

◼ Musa ukukhawulezisa xa uthetha. Ukuba umphulaphuli wakho akanamdla, ukukhawulezisa xa uthetha akuyi kunceda nto. Zama ukuzola uze unike nomninimzi ithuba lokuphendula.

Ukuhambisa Amaphephancwadi Kwindlu Ngendlu:

◼ Yiba noncumo lobuhlobo uze uthethe ngobubele.

◼ Yiba nehlombe ngamaphephancwadi.

◼ Musa ukuthetha ngokungxama uze ungavakali.

◼ Thetha ngombandela omnye kuphela; ngokufutshane vusa umdla, uze ubonise ukubaluleka kwawo kumninimzi.

◼ Balaselisa nje inqaku elinye.

◼ Balaselisa iphephancwadi elinye, uhambise elinye njengeqabane lalo.

◼ Nika umninimzi amaphephancwadi.

◼ Yazisa umninimzi ukuba ucwangcisela ukubuyela.

◼ Qukumbela ngobuhlobo nangokhuthazo ukuba amaphephancwadi akamkelwa.

◼ Bhala kwingxelo yendlu ngendlu bonke abanomdla nobahambisele amaphephancwadi.

Amathuba Okuhambisa Amaphephancwadi:

◼ Ukunikela ubungqina kwindlu ngendlu

◼ Ukunikela ubungqina esitratweni

◼ Kumsebenzi wasezivenkileni

◼ Kumzila wamaphephancwadi

◼ Ukunikela ubungqina ngamarhatya

◼ Xa ubuyela

◼ Ukubuyela kwabo babefudula bezizifundo zeBhayibhile

◼ Xa useluhambeni, usiya ezivenkileni

◼ Xa uthetha nezalamane, osebenza nabo, abamelwane, ofunda nabo, abafundisi-ntsapho

◼ Kwizithuthi zikawonke-wonke, kumagumbi okulinda

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share