IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/90 iphe. 12
  • Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngokuncokola Nabantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngokuncokola Nabantu
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UKUSEBENZISA OKO SINAKO
  • LUNGISELELA KWANGAPHAMBILI
  • Indlela Yokuphucula Ubuchule Bokuncokola
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngokusebenzisa Ingqiqo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Incoko Yobuhlobo Inokuyifikelela Intliziyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukuqalisa Incoko Ukuze Ushumayele Ngokungacwangciswanga
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1990
km 10/90 iphe. 12

Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngokuncokola Nabantu

1 Ngokwesichazi-magama, incoko “kukwabelana ngeemvakalelo, okuphawuliweyo, iimbono, okanye iingcamango okwenziwa ngomlomo.” Kodwa unokuyiqalisa njani incoko esekelwe eBhayibhileni xa abantu odibana nabo besenokuba bayaluchasa unqulo okanye baxakeke zizinto zabo? UYesu wabuza imibuzo ukuze abandakanye abaphulaphuli bakhe encokweni.—Yoh. 4:9-15, 41, 42.

2 Sifanele sithandaze ngokunyanisekileyo kuThixo ukuze asincede sifumane abantu abantliziyo zinyanisekileyo aze asivulele indlela yokuba sincokole nabo. Ukunikel’ ubungqina kuba lula noko ukuba sijonga umninimzi ngamnye njengomkhonzi kaYehova wangomso. Esi simo sengqondo siya kusinceda ukuba sidlulisele inyaniso ngendlela efudumeleyo neyokunyaniseka eya kutsala abo banomdla.

UKUSEBENZISA OKO SINAKO

3 Incwadi Ukuqiqa ineentshayelelo ezininzi ezintle kwiphepha 9-15. Ezininzi zezi zinemibuzo enomphumo omhle. Xa umninimzi ephendula umbuzo othile, phulaphula ngentlonelo uze ke uphendule ngendlela eya kubonisa umninimzi ukuba sikunikele ingqalelo oko akuthethayo.—Kol. 4:6.

4 Kakade ke, xa ubuza umbuzo, akuyazi indlela aza kuphendula ngayo umninimzi. Kulungele ukuyihlengahlengisa ingxubusho yakho ngokuvisisana nayo. Zama ukuyigcina incoko ishushu ngokuvelisa inkcazelo engakumbi ephuma eBhayibhileni engezinto anomdla kuzo nangokumbuza imibuzo engakumbi ecingisiswe kakuhle.

LUNGISELELA KWANGAPHAMBILI

5 Usenokuba sele uqhelene kakade nendlela abacinga ngayo abantu ngokubanzi kwintsimi okuyo. Ukuba kunjalo, ngoko khetha kwincwadi Ukuqiqa iintshayelelo eziya kuba zezona zinempumelelo kuloo ntsimi ukuyo. Ukwenza enye yezi ntshayelelo ifanelane noMxholo Wencoko wangoku kusenokuba koko kanye ukufunayo. Qalisa incoko yakho ngezinto okholelwa kukuba zixhalatyelwe ngumninimzi, gqabaza nje ngokufutshane ngaloo ngxaki, uze ke umkhokelele kwisicombululo esifumaneka eBhayibhileni. Xa ephawula nto ithile, gqabaza ngendlela evumelanayo, kungekhona ekugxekayo oko akuthethayo. Ukuba nomdla kwakho koko akucingayo navakalelwa kuko kufanele kumkhuthaze ukuqhubeka encokola nawe. Zama ukufumana iingongoma enivumelana ngazo uze ugqabaze ngazo. Yigcine incoko iyeyakhayo ngokugxininisa kwiintsikelelo zoBukumkani njengesicombululo esinikelwa yiBhayibhile kwiingxaki zoluntu.

6 Zijonge iimbono ezahlukileyo njengezikhokelela kwincoko eqhubekayo. Ukuba umninimzi ukulungele ukuqiqa ngazo, usenokumbuza oku, “Ngaba wakha wakucinga oku ngale ndlela?” Ngoko yalatha koko iLizwi likaThixo likutshoyo ngombandela lowo. Ukuba ufumanisa ukuba lo mntu akaqiqi, musa ukuzingisa ukuba amkele oko ukutshoyo. Kunoko, qukumbela ngamagqabaza obuhlobo, ushiya ithuba livulekile lokuba kunikelwe iindaba ezilungileyo kuye kwakhona.—IMize. 12:8, 18.

7 Abanye abantu batyekele ngakumbi ekuncokoleni xa udibana nabo ngokungacwangciswanga. Musa ukuthandabuza ukuqalisa incoko nabantu odibana nabo esitratweni okanye abasebenzayo okanye abaziphumleleyo nje ngaphandle eyadini. Banokuwuvuyela umdla onawo koko bakwenzayo, ibe usenokukwazi ukuyiphethulela incoko leyo kwidinga leBhayibhile lokuba ngokukhawuleza umhlaba uza kuba yiparadisi. Xa uqalisa incoko, zama ukuyenza ibe ngamava amnandi kumninimzi. Zama kangangoko unako ukumshiya umntu enesimo sengqondo sokumcacela uThixo, iLizwi lakhe nabakhonzi bakhe. Ngale ndlela, nakubeni usenokungaphumeleli kuqala ukufikelela intliziyo yakhe, kwixesha elizayo unokuba nomdla kumatyelelo amaNgqina.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share