Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngesimo Sengqondo Sokuthandaza
1 Umpostile uPawulos ekhuthaza abaseFilipi wababhalela oku, “Ndinokuzenza izinto zonke ndikulowo undomelezayo.” (Fil. 4:13) Nathi kufuneka sikholose ngokupheleleyo ngoYehova ukuze sifumane amandla okunikela iindaba ezilungileyo ngenkalipho. Sinokukwenza njani oku?
2 UYesu wayibethelela imfuneko yokuba ‘sihlale sithandaza, singethi amandla.’ (Luka 18:1) UPawulos wabongoza esithi, “Thandazani ningayeki.” (1 Tes. 5:17) Ewe, amandla afumaneka ngokuthandaza. Kufuneka sizinikele iindaba ezilungileyo ngesimo sengqondo sokuthandaza. Sisenokuthandazela amathuba okunikela ubungqina kwabanye, ubulumko nokuqonda kumsebenzi wendlu ngendlu, nokuba nempumelelo ekufikeleleni iintliziyo zezifundo zethu zeBhayibhile. Ekubeni kukho imfuneko engxamisekileyo yokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ngaphambi kokufika kwesiphelo, kwakhona kufuneka sithandazele ukuhanjiselwa phambili kwezilangazelelo zoBukumkani zwenibanzi. (Mat. 24:14) Simele ‘sihlale sikuphaphele’ ukuthandaza ukuze siphephe ukozela ngokomoya size sandise uxabiso lwethu ngelungelo lokuthetha nabanye ngeenjongo zikaYehova.—Kol. 4:2; wXO63 iphe. 92.
KWIZIFUNDO ZEBHAYIBHILE
3 Kutheni umthandazo ubaluleke kangaka xa siqhuba isifundo seBhayibhile? Ukuqalisa isifundo ngomthandazo kusenza sibe nesimo sengqondo esifanelekileyo, ibe kunceda umfundi aqonde ukubaluleka koko kuthethwayo. Ufunda ukukhangela kuYehova ngolwalathiso. Kwakhona umfundi ufunda indlela yokuthandaza ngokubona umzekelo wethu.—Luka 11:1.
4 Ziziphi ezinye zezinto ebekuya kufaneleka ukuziquka kwimithandazo xa siqhuba izifundo zeBhayibhile? Umthandazo kaYesu ongumzekelo kunye nokaPawulos xa wayethandazela abaseFilipi ungumzekelo obalaseleyo. (Mat. 6:9-13; Fil. 1:9-11) Akuyomfuneko ukuba imithandazo yethu ibe yimilembelele, kodwa ifanele ithethe ngezinto ezingqalileyo. Kubalulekile ukuba siquke amabinzana afanelekileyo okudumisa uYehova ngenxa yemisebenzi yakhe engenakubalwa nebalaseleyo. Sinokuvakalisa ukubugqala kwethu ubukhulu nobungangamsha bakhe, kwaneempawu zakhe ezigqibeleleyo. (INdu. 145:3-5) Ukumkhankanya ngegama umntu esifunda naye iBhayibhile, mhlawumbi ukuthetha ngeemeko zakhe, nokuthandazela ukuba enze inkqubela ngokomoya bekuya kuba luncedo. Njengoko esenza inkqubela, sinokucela uYehova ukuba ayisikelele imigudu yakhe yokuya kwiintlanganiso neyokwabelana nabanye ngenyaniso ayifundayo. Imele iquke izibongozo zokuba uYehova awusikelele umsebenzi wazwenibanzi wokushumayela.
UKUTHANDAZELA ABAZALWANA NOODADE BETHU
5 Bonke abantu bakaYehova bangabasebenzi abadlelana nathi. (1 Kor. 3:9) Ngoko ke, xa iziphatha-mandla zehlabathi zifuna ukuphazamisa ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo, sishukunyiselwa ukuba sithandaze “ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni.” Ngayiphi injongo? “Ukuze sihlale ngokonwaba nokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke.” (1 Tim. 2:1, 2) Enyanisweni imithandazo enjalo yenziwa ngenxa yabazalwana bethu ehlabathini jikelele. Sithandazela ukuba abasemagunyeni babe nesimo sengqondo esihle ngomsebenzi wethu.
6 Ngomthandazo, sinokucela ukuba abazalwana bethu abashumayela phantsi kweemeko ezinzima kwakunye nabo basenokuba bayagula ngokomoya bomelezwe, ukuba babe nesabelo esizele ngakumbi kubulungiseleli. (2 Tes. 3:1, 2) Kukwayinto entle ukuthandazela abadala bebandla, abaveleli abahambahambayo neQumrhu Elilawulayo—bonke “ababulalekayo phakathi kwenu.”—1 Tes. 5:12.
7 Ngamaxesha onke kufuneka siphose amaxhala ethu kuYehova. (INdu. 55:22; 1 Pet. 5:7) Siyaqinisekiswa ukuba kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvisisana nokuthanda kwakhe, uya kusiva. (1 Yoh. 5:14) Ngoko ke, ukuba sithandazela uncedo lukaYehova ukuze sibufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bethu, sifanele sibe nentembelo yokuba uya kusiphulaphula aze ayiphumelelise indlela yethu.—2 Tim. 4:5.