Zilungiselele Iphulo Lokuhambisa Umrhumo WeMboniselo
Ekubeni ukhangele phambili kwiphulo elibalaseleyo lokuhambisa umrhumo weMboniselo ngoAprili nangoMeyi, uMbutho ulungiselela iinkupho eziya kubangel’ umdla ngokukhethekileyo zeMboniselo noVukani! Amanqaku aziimbalasane aya kuthetha ngemibandela eyahlukahlukeneyo ebalaseleyo ezingqondweni zabantu kuzo zonke iindawo.
IMboniselo iya kuxubusha le mibandela ilandelayo: “Ngaba Ixesha Lihambe Kakhulu Kunokuba Ucinga?” (Aprili 1), “Luya Kufika Nini Ngokwenene Uxolo?” (Aprili 15), “Ukuhlangabezana Nolwaphulo-mthetho Kwihlabathi Elineziphendu” (Meyi 1), nothi “Beka UThixo Tanci Kubomi Bentsapho Yakho!” (Meyi 15). Amanqaku kaVukani! aya kuthetha ngale mibandela: “Xa Umntu Nezilwanyana Behleli Ngoxolo” (Aprili 8), “Uncedo Lwabantwana Boqhawulo-mtshato” nelithi “Ukungcakaza—Ngubani Ophumelelayo? Ngubani Olahlekelwayo?” (Meyi 8), nelithi “Umabonwakude—Ibhokisi Eyaguqula Ihlabathi” (Juni 8).
Bonke abavakalisi, ngokukodwa oovulindlela, bafanele baqwalasele indlela abanokuyiphucula ngayo inkonzo yabo ekunikeleni imirhumo nasekusasazeni amaphephancwadi. Qiniseka ukuba uzifaka kwangethuba izicelo zezixa ezongezelelekileyo zamaphephancwadi ukuze ube nesixa esaneleyo kwalisaqala nje eli phulo lomrhumo weMboniselo.