Ukusebenzisa IBhayibhile Kwinkonzo Yasentsimini
1 Amazwi aphefumlelweyo eBhayibhile anokuba nempembelelo enamandla ebantwini. Ngenxa yoku, amaKristu enkulungwane yokuqala azisebenzisa kakhulu iZibhalo xa ayevakalisa iindaba ezilungileyo. UPawulos ‘wayethabatha eZibhalweni,’ ecacisa kwaye engqinela iingongoma zakhe. (IZe. 17:2, 3) UApolo, xa wayenikela ubungqina kumaYuda, ‘wabonakalisa ngeZibhalo ukuba uYesu wayenguKristu.’—IZe. 18:24-28.
2 AmaNgqina kaYehova namhlanje alandela lo mzekelo. Njengoko kuchazwe kwiMboniselo kaMatshi 1, 1986, iphepha 26: “Xa enesabelo kubulungiseleli basesidlangalaleni, afuna abantu baqonde ukuba isigidimi asivakalisayo asiveli kuwo kodwa sivela eLizwini likaThixo. Ngoko ayisebenzisa ngokungqalileyo iBhayibhile, eyifundela abanye ngokoqobo nanini na kunokwenzeka.” Ngaba uyisebenzisa ngokuzeleyo iBhayibhile kubulungiseleli bakho?
ISIZATHU SOKUBA IBE NEMPUMELELO
3 Kutheni iBhayibhile inempumelelo kangaka? Kungenxa yokuba iliLizwi likaThixo kwaye ‘igweba iingcingane nezicamango zentliziyo.’ (Heb. 4:12) Iintshukumisa zokwenene zabantu zibonakala ngokucacileyo xa kudandalaziswa inyaniso engokweZibhalo phambi kwabo. Abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo bayatsaleleka kuyo. Ngokomzekelo, esinye isibini esiselula esenza inkqubela ekhawulezileyo ekukhonzeni uYehova sabuzwa isizathu sokuba sisabele ngokukhawuleza kangako kwiindaba ezilungileyo. Sathini ukuphendula? “YayiyiBhayibhile.” Xa abavakalisi abasityelelayo balathisela ingqalelo yaso eBhayibhileni, saliqonda ilizwi ‘lomalusi olungileyo.’—Yoh. 10:14; wXO78 12/1 iphe. 19-20.
4 Ngaba maxa wambi uziva ungakhululekanga xa usebenzisa iBhayibhile yakho kwinkonzo yasentsimini? Ukuba nocwangciso olucetywe kakuhle lofundisiso lobuqu, kuquka ukulungiselela nokubakho kuzo zonke iintlanganiso zebandla, kuya kukuxhobisela wonke umsebenzi olungileyo kuze kukwenze ube nentembelo engakumbi. (2 Tim. 3:16, 17) Abantu abahamba kunye enkonzweni namalungu entsapho anokuqhelisela kunye uMxholo Wencoko. Kwakhona, inkoliso yeentshayelelo ezikwiphepha 9-15 kwincwadi Ukuqiqa ziquka ukufunda isibhalo kwasekuqaleni kwencoko. Kutheni ungaqheliseli ezinye zazo? Sebenzisa ezo zisebenzisekayo nezinokutsala umdla wabantu kwintsimi yenu.
UKUSEBENZISA INGQIQO
5 Kukho amaxesha axa siya kufuna ukumcela umninimzi ukuba eze neyakhe iBhayibhile aze atyhile isibhalo kunye nathi. Sebenzisa ingqiqo kwiimeko ezinjalo. (Bona incwadi Ukuqiqa, iphepha 221, isiqendu 2.) Xa kufuneka siquphile, sisenokugqiba ekubeni sifunde isibhalo nje esinye soMxholo wethu Wencoko. Okanye ukuba umninimzi ubonakala exakekile, sisenokucaphula nje ibinzana elifanelekileyo, simazise umninimzi ukuba livela eBhayibhileni. UYesu nabapostile babengenayo imibhalo yobuqu yeZibhalo zesiHebhere ababenokuyiphatha xa beshumayela. Ukanti bacaphula kakhulu kuzo. Nathi sifanele senze umzamo wokucengceleza izibhalo ukwenzela ukuzisebenzisa kubulungiseleli bethu.
6 UPawulos wabongoza uTimoti ukuba ‘alungise ukulahlula ilizwi lenyaniso.’ (2 Tim. 2:15) Esi sibongozo siyasebenza nakuthi namhlanje. Sifuna ukuxelisa uYesu nabapostile ngokuyisebenzisa rhoqo iBhayibhile kubulungiseleli bethu basentsimini. Yifunde nanini na iimeko zivuma, kodwa ukuba kuyimfuneko, caphula kuyo ngentloko. Ukwenza kwethu oko ngokuphumelelayo kuya kusenza sicace ukuba singabalungiseleli bakaThixo nokuba isigidimi sethu sisekelwe ngokuqinileyo eLizwini lakhe.