IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/91 iphe. 7-8
  • Ukuthwala Umthwalo Wethu Wembopheleleko

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuthwala Umthwalo Wethu Wembopheleleko
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • Ucwangciso Olutsha Lwendibano Yesiphaluka
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Hlalani Niphaphile Nize Niqabuke
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1990
  • Ukwamkela, Ukusebenzisa Nokungenelwa KwiLizwi LikaThixo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Ucwangciso Olutsha Lwendibano Yesiphaluka
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 7/91 iphe. 7-8

Ukuthwala Umthwalo Wethu Wembopheleleko

1 Abantu namhlanje bayigqala njengoxanduva imbopheleleko. Abaninzi bazama ukuyiphepha. Ngenxa yoko, amadoda ashiya abafazi, oomama batyeshela abantwana, ulutsha lushiya isikolo ngaphambi kwethuba, yaye abemi bayakuphepha ukuhlawula irhafu. Singatshonelwa lilanga sibala izenzo zokuphepha imbopheleleko. Umntu onembopheleleko ngulowo unokuthenjwa, okulungeleyo ukuziphendulela ngehambo yakhe. Ngoko ke, iLizwi likaThixo lichaza ngokucacileyo ukuba phakathi kwamaKristu “elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo.” (Gal. 6:5) Hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba umxholo wendibano yesiphaluka yonyaka wenkonzo wowe-1992 usithi “Ukuthwala Umthwalo Wethu Wembopheleleko”! Olu ngcelele luya kuqalisa ngoSeptemba. Sonke sifanele senze amalungiselelo aqinisekileyo okubakho.

2 Ngeentetho, imiboniso, amava nodliwano-ndlebe, olu cwangciso lufanelekileyo lwendibano yesiphaluka luya kwandlala ngokucacileyo iimbopheleleko ezahlukahlukeneyo zethu sonke njengamaKristu. Ngemva kwemini ngoMgqibelo, kuya kubakho ungcelele lweentetho ezine eziya kucacisa indlela esinokuzinyamekela ngayo ngovuyo iimbopheleleko zethu. Abaselula banembopheleleko yabo, yaye intetho yangoMgqibelo emva kwemini yomveleli wesiphaluka iya kubhekiswa kubo ngokukhethekileyo. KwangoMgqibelo njalo kuya kulungiselelwa ithuba lokubhaptizwa kwabo basandul’ ukuzahlulela. Bonke abaceba ukubhaptizwa kwindibano yesiphaluka bafanele bazise umveleli owongamelayo kwangethuba ukuze kwenziwe amalungiselelo oku.

3 Kusasa ngeCawa kuya kubakho olunye ungcelele lweentetho ezine oluya kutsalel’ ingqalelo kwimbopheleleko yethu njengamaKristu yokushumayela. Kuya kwandula ke, ngemva kwemini ngeCawa, umveleli wesithili anikele intetho yesidlangalala enomxholo othi “Ihlabathi Elitsha LikaThixo—Ngubani Oya Kukufanelekela Ukungena Kulo?” Qiniseka ukuba umema bonke abasandul’ ukuba nomdla ukuba beze kuphulaphula le ntetho.

4 Sifanele sonke sihlengahlengise imicimbi yethu ukuze sibekho size singenelwe ngokupheleleyo kolu cwangciso lutyebileyo lweentsuku ezimbini. Umveleli wenu wesiphaluka uya kunazisa ngendawo nangemihla ecwangciselwe ibandla lenu.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share