Hlalani Niphaphile Nize Niqabuke
1 Ngenxa yokuguquka ngokufuthi kwemeko yehlabathi, hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba indibano yesiphaluka yonyaka wenkonzo wowe-1991 ibe nomxholo othi “Hlalani Niphaphile Nize Niqabuke.” (1 Tes. 5:6, NW) Olu ngcelele luya kuqalisa ngoSeptemba. Sonke sifanele senze amalungiselelo okubakho zisuka nje akuba umveleli wethu wesiphaluka esazisile ngeentsuku zayo.
2 Ezinye zeembalasane zocwangciso ziya kuquka ungcelele lweentetho ezine ezicetyelwe ukusinceda ukuba ‘sihlale siphaphile ezintweni zonke.’ (2 Tim. 4:5, NW) Ekubeni kunokwenzeka ukuba besikade singaphaphanga kwixesha elidluleyo, sinokuphumelela njani ngoku ekuphepheni imigibe kaSathana nasekuxhathiseni umoya wehlabathi? Qinisekisa ukuba awuphoswa yile nkcazelo ibalulekileyo. Kuyo yonke le ndibano yeentsuku ezimbini, kwakhona kuya kutsalelwa ingqalelo yethu kwisiluleko esisebenzisekayo esiqulethwe kwimpapasho ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo. Usengathanda ukuza nombhalo wakho. Abaselula ngokukhethekileyo basengathanda ukunikela ingqalelo engakumbi kwinkcazelo eza kubhekiswa kubo ngumveleli wesiphaluka ngoMgqibelo. Ngokuqhelekileyo, kuya kubakho amalungiselelo obhaptizo ngoMgqibelo, ngoko abo banqwenela ukubonisa uzahlulelo lwabo kwindibano yesiphaluka bafanele bazise umveleli owongamelayo kusengaphambili ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.
3 Kusasa ngeCawa kuya kubalaseliswa izifundo ezibalulekileyo ngongcelele lwemiboniso ebonisa indlela esinokungenelwa ngayo kwizilingo, kuquka iimpazamo zethu. Ngemva kwemini umveleli wesithili uya kunikela intetho yesidlangalala enomxholo othi “Ukwenza Ngobulumko Kwihlabathi Elingaphaphanga.” Bonke abavakalisi boBukumkani nabantu abanomdla bafanele benze wonke umgudu wokubakho.
4 Ekubeni iingcinezelo zobomi ziqhubeka zisanda, sikholelwa kwelokuba sonke siya kungenelwa size sihlaziywe lolu cwangciso olucetyelwe ukusikhuthaza. Siya kubona iindlela esinokuziphaphela ngakumbi ngazo iintswelo zethu zokomoya nezeentsapho zethu nezabanye abasebandleni. Zimisele ukubakho kuyo yonke le ndibano yesiphaluka uze unikele ingqalelo kulo lonke ucwangciso, “kuba ngoku usindiso lukufuphi kuthi, kunokuya saqalayo ukukholwa.”—Roma 13:11.