Zinikele Ngomphefumlo Uphela Kubulungiseleli Basentsimini
Icandelo 4: Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu Ngokunempumelelo
1 Ukuze sizinikele ngomphefumlo uphela kubulungiseleli basesidlangalaleni kufuneka sibe nocwangciso oluhle lobuqu. UYesu wamisela umzekelo obalaseleyo womsebenzi wethu wobulungiseleli namhlanje. (Luka 10:1, 2; IZe. 1:8) Kwakhona sinokufunda kwindlela abafundi bakhe benkulungwane yokuqala ababufeza ngayo ubulungiseleli babo. (IZe. 5:42; 2 Tim. 4:5) Kodwa unokuluphucula njani ucwangciso lwakho uze ufumane imiphumo emihle ngokufanayo namhlanje?
2 Cwangcisa Ixesha Lenkonzo Yasentsimini: Ubulungiseleli bethu abuyonkalo yobomi esiyithabatha lula okanye njengengabalulekanga. Umlinganiselo wexesha esilichithela ekufezeni ubulungiseleli bethu awunakuyekelwa nje kumabona-ndenzile. Ukuze sibe nocwangciso oluphumelelayo kubulungiseleli bethu, simele sibekele ecaleni ixesha leenkalo zabo ezahlukahlukeneyo. (Efe. 5:15, 16) Abavakalisi abaninzi bakufumanisa kuluncedo ukuzibekela usukelo lweeyure abaya kuzichitha kubulungiseleli nyanga nganye. Ngokuqhelekileyo oku kufuna bahlengahlengise imicimbi yabo ukuze babe nenxaxheba kwinkonzo yasentsimini veki nganye. Abazali abangamaKristu bafanele bancede abantwana babo ukuba bacwangcise ixesha lokuba nenxaxheba rhoqo kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zobulungiseleli basentsimini.—Dut. 6:7; IMize. 22:6.
3 Zibekele Usukelo Olunenjongo: Ukuzibekela usukelo lokwenene kuya kukwenza ube nokuthile onenjongo yokukufeza. Wakuba ulufezile usukelo lwakho, uya kunandipha uvuyo lokufeza okuthile. (IMize. 13:12) Umpostile uPawulos wabongoza wathi: “Noko ke, apho sifikelele khona, masihambe ngamgca mnye, masicinge nto-nye [“masibe nehambo elungeleleneyo,” NW].” (Fil. 3:16) Njengazo zonke iinkalo zenkqubela yakho yokomoya, umsebenzi wakho wasentsimini ufanele unikele ubungqina bokuba unehambo elungeleleneyo.
4 Ngokomzekelo, ngaba unesixa esaneleyo samaphecana nezimemo? Ngaba uhlala unesixa esaneleyo samaphephancwadi akutshanje, yaye ngaba akwimeko entle? Ngaba uzisebenzisa kakuhle iingxelo zendlu ngendlu, usebenzisa enye ekubhaleni abanomdla yaye enye ekubhaleni amakhaya angenabantu?
5 Ngaphambi kokuba nenxaxheba kubulungiseleli, zinike ithuba lokuhlola uMxholo Wencoko wangoku. Khetha iingongoma oya kuthetha ngazo kwimpapasho enikelwayo, uze ukulungele ukuzisebenzisa ngokunempumelelo ekuvuseni umdla. Kwakhona, kulungele ukusebenzisa incwadi esisikhokelo kwinkonzo yasentsimini ethi Ukuqiqa NgeZibhalo. Kwanaxa usuka kwenye indlu usiya kwenye, unokuhlola ngokukhawuleza amanye amacebiso ayo amaninzi. Ukuzisebenzisa ezi ngongoma ziluncedo kuya kukwenza ube nempumelelo engakumbi kubulungiseleli bakho.
6 Ukuba nenxaxheba ngokuzeleyo “kumsebenzi ongcwele weendaba ezilungileyo” ebudeni bale mihla yokugqibela kulilungelo elisikelelekileyo. (Roma 15:16) Sifanele sizabalazele ukubufeza ubulungiseleli bethu ngokunikela ubungqina, “isiqhamo somlomo,” kangangoko sinako. (Heb. 13:15; thelekisa uHoseya 14:2.) Ukuze senze oku, masicwangcise ixesha lokuba nesabelo rhoqo kwinkonzo yasentsimini size sizibekele usukelo olusengqiqweni oluya kusenza sikwazi ukufeza ubulungiseleli bethu ukuze kudunyiswe uYehova.