Zinikele Ngomphefumlo Uphela Kubulungiseleli Basentsimini
Icandelo 5: Iingenelo Ezityebileyo Zokukhonza Ngomphefumlo Uphela
1 UYehova ubazisela intabalala yeengenelo ezityebileyo abakhonzi bakhe abazinikele ngomphefumlo uphela. (INdu. 116:12) Sinokuzinandipha njani ngokuzeleyo iintsikelelo ezivela kuYehova kubulungiseleli bethu? Ziziphi iingenelo asigcinele zona? Simele senze ntoni ukuze siqinisekise ukuba singabamkelekileyo nabakholekileyo emehlweni akhe?
2 Kufuneka Umgudu Wobuqu: Umkhamo ozinandipha ngawo iingenelo ezivela kuThixo uxhomekeke ubukhulu becala kwimigudu yakho yobuqu ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. Ngokuphathelele ubulungiseleli, uPawulos wabhala oku: “Elowo uya kwamkela owakhe umvuzo ngokukokwakhe ukubulaleka.” (1 Kor. 3:8) Ngoko masibe nenxaxheba ngokuzeleyo kangangoko sinako kubulungiseleli. Umpostile uPawulos wavuzwa ngokunceda abantu abaninzi, kwanamabandla ephela, ukuba bamazi uThixo. Olunjani lona uvuyo awaba nalo ngokubona indlela ababeqine ngayo elukholweni! (1 Tes. 2:19, 20) Kusenokwenzeka ukuba iimeko zakho zingakuvumeli ubandakanyeke ngokuzeleyo kubulungiseleli njengoPawulos. Ukanti, bekungayi kuba yintsikelelo etyebileyo kusini na ukunceda umntu okanye intsapho yabantu ababumvu ukuba ihambe ngokuqinileyo kwindlela esa ebomini? Hayi indlela okufanele kusishukumise ngayo oku ukuba sizibhokoxe kubulungiseleli bendlu ngendlu size senze amabuyelo siqhube nezifundo zeBhayibhile!
3 Iingenelo Ezingakumbi: Ingenelo engenakuthelekiswa nanto yokukhonza ngomphefumlo uphela kukuba, njengedlelane nabo emsebenzini, ubani usondela ngakumbi kuYehova nakuYesu Kristu. (Mat. 11:29, 30; 1 Kor. 3:9) Hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukuwuva umoya kaThixo ukunceda kubulungiseleli! (Mat. 10:20; Yoh. 14:26) Ukongezelela, ukusebenza ngaxhatha linye nabanye ebandleni komeleza amaqhina ethu othando nawomanyano.
4 Asinakunandipha iingenelo ezipheleleyo ezivela kuYehova ukuba asiyixhasi ngokuzeleyo intlangano ayisebenzisayo ekuphumezeni ukuthanda kwakhe kule mihla yokugqibela. (Thelekisa eyesi-2 yooKumkani 10:15.) Xa siluthobela ngokupheleleyo nangokusuk’ entliziyweni ulwalathiso esilufumana ngejelo likaThixo size siyikhuthalele imisebenzi yebandla, sikhuselekile ngokomoya kumaqhinga achuliweyo kaSathana. Siba nempumelelo ngakumbi kubulungiseleli.
5 Olu ngcelele lwamanqaku anamacandelo amahlanu axubusha ngokuzinikela ngomphefumlo uphela kubulungiseleli basentsimini lubalaselise iinkalo eziliqela ezibandakanyekileyo. Ngaba uyakhumbula ukuba zintoni ezifuneka ngokuyintloko ukuze sakhe uxabiso ngoYehova, olushukumisela ukuba umntu azinikele ngomphefumlo uphela? (Julayi) Kutheni kubalulekile ukulungiselela ukuze sibe nentshiseko kubulungiseleli basentsimini? Sinokulungiselela njani? (Agasti) Abavakalisi abanamava banokubanceda njani abanye ukuba bazinikele ngomphefumlo uphela? (Septemba) Ukuba nocwangciso oluhle lobuqu kunokusinceda njani sizinikele ngomphefumlo uphela kubulungiseleli? (Oktobha) Ngaba uyawasebenzisa la macebiso?
6 UYehova ufuna ukuba sifumane iingenelo ngokumthobela. (Isa. 48:17) Ngapha koko, iingenelo zokuzinikela ngomphefumlo uphela enkonzweni zinabela nakwabo bakuphulaphulayo. (1 Tim. 4:15, 16) Unokuqiniseka ukuba njengoko uzibhokoxa kulo msebenzi owuphathisiweyo, uYehova uya kukuphawula oku yaye ‘uya kwamkela imbuyekezo yelifa,’ ubomi obungunaphakade.—Kol. 3:23, 24.