Ukuhlala Uxakekile Enkonzweni KaYehova
1 Ngokwenene kulilungelo kuthi ukukhonza uYehova. Njengoko siye sangenisa ulwazi oluchanileyo ngaye nangoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, uYesu, sishukunyiswa luthando ukuba sizibhokoxe ngokupheleleyo ekwenzeni ukuthanda Kwakhe. (Yoh. 17:3) Sisenokutyhafa, kodwa uYehova usinika amandla ukuze sibe namandla amakhulu.—Isa. 40:29.
2 Yiyiphi eyona ndlela ibalaseleyo esinokubonakalisa ngayo uxabiso ngothando olukhulu uYehova uThixo noYesu Krisu abalubonakalisileyo kuthi? (2 Kor. 5:14, 15) Eyona ndlela ibalaseleyo kungokuxelisa uYesu, ongazange ethe amandla ekunikeleni ubungqina ngegama nangoBukumkani bukaYise. (1 Pet. 2:21) Ukuba sinokholo olomeleleyo, siya kuphilela ukwenza umsebenzi esiwunikwe nguThixo wokushumayela iindaba ezilungileyo.—Mat. 24:14.
3 Ngaba sinomlinganiselo wexesha esingenakwenza nganeno kwalo kubulungiseleli basentsimini? Iimeko ziyahluka. Sisenokwenza okuncinane ngenxa yokwaluphala, ukukhathazwa yimpilo, okanye ngenxa yeembopheleleko zentsapho. Ukanti, sonke silindeleke ukuba sizinikele ngeentliziyo zethu ziphela kwinkonzo yethu kuYehova. Oku kuthetha ukuba ngamnye wethu ufanele abonise ubunzulu bozinikelo lwakhe nokunyaniseka kozahlulelo lwakhe ngokwenza okusemandleni akhe kubulungiseleli. (2 Tim. 2:15) Akho amathuba avulekele ngamnye wethu ngokweemeko zethu zobuqu. Ngawaphi amanye aloo mathuba?
4 Iindlela Zokwandisa Ubulungiseleli Bethu: Okokuqala sifanele sibe nomdla wokuphucula umgangatho wobulungiseleli bethu. Oku sinokukwenza ngokuvelisa ubuchule obungakumbi bokufundisa. Enye yeenjongo eziyintloko zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kukusinceda sibe nempumelelo ngakumbi kubulungiseleli basentsimini. Ngaba sicinga ngenkonzo yasentsimini xa silungiselela izabelo zethu? Ngaba siyasisebenzisa isiluleko esisifumanayo ukuze siphucule ubulungiseleli bethu? (sgXO iphe. 96-9) Kwakhona, kunikelwa amacebiso amaninzi ngokuphathelele ubulungiseleli basentsimini kwiNtlanganiso Yenkonzo. Masiwasebenzise ngokukhawuleza kangangoko sinako.
5 Kwakhona, hlola enoba akungebi nako kusini na ukuhlengahlengisa iimeko zakho ukuze ube nesabelo kumsebenzi wobuvulindlela bobuncedani okanye obuthe ngxi. Ngokuqinisekileyo ukwenjenjalo kuya kukugcina uxakekile kwinkonzo kaBawo wethu, uYehova. (1 Kor. 15:58) Kuthekani ukuba akunakukwazi ukuba nguvulindlela? Unokubonakalisa umoya wobuvulindlela ngokuhlakulela uthando lokwenene ngobulungiseleli nenkxalabo enzulu ngabantu abasentsimini. Kwakhona unokusebenzisa thuba ngalinye elivelayo ekuncedeni abanyanisekileyo ukuba bamazi uYehova neenjongo zakhe ezimangalisayo ngokwenza amabuyelo nangokuqhuba izifundo zeBhayibhile.
6 Ukusabela kubizo lokukhonza apho kukho imfuneko enkulu khona kusekwanokuba yinxalenye yokuhambela kwethu phambili. (Isa. 6:8) Abo baye bafudukela kwibandla elifuna uncedo lwabantu abakhonza njengezicaka okanye ebelifuna uncedo ekugubungeleni intsimi yalo baye ngokuqinisekileyo bazuza iintsikelelo ezininzi.
7 Xa sasiqala ukufunda inyaniso, uthando ngoYehova noKristu Yesu lwasishukumisela ekubeni senze iinguqulelo ezinkulu ebomini bethu. Ngoku, njengoko siluxabisa ngakumbi ulwalamano lwethu noBawo wethu osemazulwini kwanoko uNyana wakhe awasenzela kona, ngaba kukho ezinye iinguqulelo esinokuzenza ukuze sandise ubulungiseleli bethu? Sonke masizibhokoxe ngokuhlala sixakekile enkonzweni kaYehova.—Roma 12:11.