IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/94 iphe. 1
  • Yandisa Ubuncwane Bakho Benkonzo YoBukumkani

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yandisa Ubuncwane Bakho Benkonzo YoBukumkani
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ufuna Ukwenza Okungakumbi?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Iindlela Zokwandisa Ubulungiseleli Bakho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
  • Ngaba Ungayandisa Inkonzo Yakho?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Ukuhlala Uxakekile Enkonzweni KaYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 9/94 iphe. 1

Yandisa Ubuncwane Bakho Benkonzo YoBukumkani

1 UYesu wafanisa ithemba loBukumkani nobuncwane obuxabiso likhulu. (Mat. 13:​44-46, NW) Ngaba sifana nalaa madoda akumzekeliso kaYesu athengisa zonke izinto zawo ukuze athenge izinto ezixabiso likhulu? Ukuba sinjalo, uBukumkani bukaThixo siya kububeka kwindawo yokuqala, kwanaxa oko kusenokuba nzima kuze kufune ukuzincama.​—⁠Mat. 6:​19-22.

2 Ekubeni inkonzo yethu yoBukumkani ibubuncwane, sifanele sibe nomnqweno wokuyandisa. Ikhondo lethu ebomini libonisa ntoni? Ngaba siyawandisa umsebenzi wethu woBukumkani? Sinokukwenza oko ngokuba nesabelo kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zobulungiseleli, kuquka umsebenzi wendlu ngendlu, ukubuyela, ukuqhuba izifundo zeBhayibhile nokunikela ubungqina obungacwangciswanga.

3 ‘Ndinokusandisa Njani Isabelo Sam?’ Ekubeni siqalisa unyaka omtsha wenkonzo, kuhle ukuba ngamnye ahlolisise umsebenzi wakhe ukuze abone anokukwenza ukuze andise ixesha alichitha kubulungiseleli basentsimini aze azibuze: ‘Ngaba ndingalungelelanisa iimeko zam ukuze ndibhalise njengovulindlela ongumncedani ngamathuba athile okanye ndithabathe obuqhubekayo? Xa ndingenza uhlengahlengiso olungephi, ngaba andinakungenela inkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi?’ Oovulindlela abatsha ababhalisa ngoSeptemba 1 bayakufanelekela ukungenela iSikolo Senkonzo Yobuvulindlela kunyaka olandelayo.

4 Bambi abavakalisi bazibekele usukelo lobuqu lokunikela ubungqina obungacwangciswanga ngakumbi. Ngokufuthi lo msebenzi uba neziqhamo ezihle kakhulu. Abanye basenokuziva befuna ukuphucula ekwenzeni amabuyelo aphumelelayo okanye ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile ezitsha.

5 Ukuba sigqiba kwelokuba ubulungiseleli bethu bulinganiselwe ngandlel’ ithile, singenza ntoni ukubandisa? Abo baye baphumelela ekufikeleleni usukelo oluphakamileyo bancomela ukuba simele siqale ngokuzimisela ukubeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala nokuba sekumnyam’ entla. (Mat. 6:33) Kufuneka sibe nokholo size sayame ngoYehova ngokupheleleyo. (2 Kor. 4:⁠7) Masicele uncedo lwakhe ngokuthandaza ngokunyanisekileyo nangokuzingisileyo. (Luka 11:​8, 9) Sinokuba nentembelo yokuba uYehova uya kuyisikelela imigudu yethu yokunyaniseka yokwandisa isabelo sethu enkonzweni yakhe.​—⁠1 Yoh. 5:⁠14.

6 Thetha nabanye abazalwana noodade abaye babandisa ngokuphumelelayo ubulungiseleli babo. Babuze indlela abakwazi ngayo ukoyisa imiqobo ngaphandle kokudimazeka. Amava abo obuqu asenokuba yile nto kanye ibifuneka ukukunceda weyiseke kukuba unako ukubandisa ubulungiseleli.

7 Xa ufunda amanqaku eMboniselo okanye oBulungiseleli Bethu BoBukumkani axubusha ngenkonzo yasentsimini, cingisisa ngomthandazo indlela onokuwasebenzisa ngayo loo macebiso kubulungiseleli bakho. Naxa ukwiintlanganiso okanye iindibano yenza okufanayo. Amacebiso anikelwe kweli nqaku asekelwe kwingxubusho eyayikwinxalenye yocwangciso lwendibano yesiphaluka yonyaka ophelileyo. Lelokuqala kungcelele lwamanqaku alungiselelwe ukusinceda silandele ekhondweni size sisebenzise ukhuthazo olwanikelwa kolo cwangciso.

8 UYesu wayebuxabise gqitha ubulungiseleli bakhe, babuyeyona nto iphambili ayixhalabeleyo. Wathi: “Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo.” (Yoh. 4:34) Ngaba nathi sivakalelwa ngolo hlobo? Ukuba sinjalo, ngokuqinisekileyo siya kufumana iindlela zokwandisa umsebenzi wethu size sabelane nabanye ‘ngezinto ezilungileyo’ ezikuvimba wethu wobuncwane.​—⁠Mat. 12:35; Luka 6:⁠45.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share