Ukwamkela Imbopheleleko Yokwenza Amabuyelo
1 Kukho izizathu eziliqela ezisishukumisela ekubeni sibe nesabelo ngokuzeleyo kangangoko kunokwenzeka ekwenzeni amabuyelo. Sifuna ukuwufeza ngokucokisekileyo umsebenzi esiwunikiweyo ukuba siwenze, njengokuba noPawulos wenzayo. (IZe. 20:21, 24) Ukuba siyacokisa ekubuyeleni bonke abantu abanomdla, siya kuhlala sinesazela esihle ngoxa sizabalazela ukubufeza ngokuzeleyo ubulungiseleli bethu.—2 Tim. 4:5.
2 Ulwazi Lusenza Sibe Nembopheleleko: Isibakala sokuba ubomi babantu busesichengeni sifanele sisishukumisele ekubeni sikukhuthalele ukwenza amabuyelo. (Yoh. 17:3) Ulwazi lwethu ngomgwebo kaYehova nangokusondela kweArmagedon lumele lusishukumisele kungekuphela nje ekulumkiseni abangendawo kodwa kwanasekuncedeni ‘abagcumayo nabancwinayo ngenxa yamasikizi enzekayo emhlabeni.’ (Hez. 9:4) Kufuneka bangeniswe kwintlangano kaYehova ebonakalayo.
3 Abantu bafuna ukuncedwa ukuze bayiqonde ngokuchanileyo inyaniso. (IZe. 8:30, 31; 18:26) Esi sesinye isizathu sokuba siyamkele imbopheleleko yethu yokubuyela size ‘sinkcenkceshele’ imbewu yenyaniso ebihlwayelwe. Thina ngokwethu ngesenze inkqubela engakanani ngokomoya ukuba bekungengenxa yokuba othile eye wabuyela ngokuphindaphindiweyo kuthi ukuze asincede sizuze ulwazi oluchanileyo ngoYehova nangeenjongo Zakhe ezimangalisayo?—Mat. 7:12.
4 Bonisa Uthando Nenzondelelo: Ukwenza amabuyelo kuyindlela entle yokubonisa uthando lwethu ngabantu. Omnye umzalwana oyimfama okhonza njengovulindlela wathi: “Ukususela ekubhaptizweni kwam, bendisoloko ndinomnqweno wokuxelela abanye ngoko ndikufundileyo eBhayibhileni. Ndavuya kuba isiphene endinaso singazange sindithintele ekwenzeni oku. . . . Kwakhona ndaziqhelisa ukuyikhumbula ngentloko indlu nganye kwisitrato ngasinye, yaye ngale ndlela, ndakwazi ukubabuyela abantu abanomdla kwisifundo seBhayibhile.” Lo mzalwana oyimfama unokubona ngokwenyaniso ngentliziyo yakhe, yaye akarhoxobisi ekwenzeni amabuyelo nasekuvakaliseni uthando lwakhe lobuKristu ngabanye.
5 Xa sisenza amabuyelo, ngokufuthi siba nethuba lokuyisebenzisa kangangoko iBhayibhile size sinikele ubungqina ngethemba elikuthi. (1 Pet. 3:15) Oku akuncedi nje kuphela umninimzi kodwa kukwakhulisa inzondelelo yethu noxabiso lwethu ngenyaniso. Ukwenza amabuyelo kuzisa uvuyo olungenakufunyanwa ngenye indlela. Yaye akuyomfuneko ukuba olo vuyo luthothe. Lunokuhlaziywa rhoqo ngokwenza kwethu amabuyelo ngenzondelelo.—IMize. 10:22.
6 Simele siyithabathe nzulu imbopheleleko yethu yokwenza amabuyelo. Abantu bakaYehova abakugogotyi oko kubalungeleyo abanye, yaye oku kunokubonwa kumsebenzi wethu wazwenibanzi ebudeni bonyaka wenkonzo we-1991. (IMize. 3:27) Senze amabuyelo angama-344 926 952 saza saqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezizizi-3947 261. Kukho abafundi abatsha abangama-300 945 abaye bazahlulela kuYehova baza babhaptizwa. Olu lwando lumangalisayo belungenakwenzeka ukuba bekungengenxa yokuyamkela kwethu ngokuvumayo imbopheleleko yokwenza amabuyelo.—1 Tes. 2:8.