Isityhilelo—Ukutyhilwa Kweemfihlelo
1 Kudala incwadi yeSityhilelo iyimfihlelo. Kangangeenkulungwane abaphengululi beBhayibhile babefuna ukutyhila iimfihlelo zayo, nangona bengaphumelelanga kuyaphi. Kodwa inkcazelo ephefumlelwe nguThixo ekwiSityhilelo yayingacetyelwanga ukuba ihlale iyimfihlelo ngonaphakade. Iyinxalenye yeLizwi likaThixo ekufuneka siliqonde. (2 Tim. 3:16, 17) Okuvuyisayo kukuba uThixo uyasityhila iSityhilelo njengoko iziprofeto zaso ezichulumancisayo zizaliseka kumhla wethu. Kanye njengokuba uYehova wasebenzisa uYohane ukudlulisela le mibono kumaKristu awayekunye naye, namhlanje usebenzisa ‘umkhonzi othembekileyo’ ukutyhila intsingiselo yesi siprofeto sichulumancisayo.—Mat. 24:45-47; ISityhi. 1:1-3.
2 Umnikelo KaMatshi: Incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! iye yabakhanyisela yaza yabakhuthaza kakhulu abantu bakaThixo. Kodwa kutheni ifanele ibe yebangel’ umdla kubantu abakwintsimi okuyo? Kungenxa yokuba le mpapasho ichulumancisayo ithetha ngeziganeko zokugqibela ezichazwe eBhayibhileni kwincwadi yeSityhilelo nezenzeka kule mihla yokugqibela. Ngaba abantu abacingayo abanamdla kwikamva elityhilwe nguThixo? Ngoxa incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo inikela inkcazelo ngemigwebo kaThixo yobulungisa, ikwanikela namadinga eentsikelelo ezizukileyo ezizayo. (ISityhi. 21:1-5) Ukuqonda isigidimi sayo esiphefumlelweyo kuyasinceda sibone indawo esikuyo kumsinga wexesha yaye kubethelela kuthi ukungxamiseka kokwenza ukuthanda kukaThixo.
3 Ngaba incwadi Incopho YeSityhilelo intsonkothe gqitha ukuba ingaqondwa ngabantu ngokubanzi? Kucacile ukuba abaninzi abayifumanisanga inzima kakhulu. Phawula nje amanye amagqabaza amaninzi abo baye bayifunda le ncwadi. Enye indoda yathi: “Le yinkcazelo enamandla. Kodwa ibangel’ umdla. Ndiyayithanda.” Omnye umlungiseleli wathi: “Andizange ndiyibone okanye ndifunde into echukumisa nehlab’ emxholweni ngaphezu kwale ncwadi!” Omnye umntu owafunda le ncwadi kwisithuba nje esingaphantsi kweveki wathi: “Ngoku amehlo am ayibona kakuhle inyaniso. Ndifuna ukubuguqula ngokupheleleyo ubomi bam.” Ngokucacileyo, abaninzi bayayoliswa kukufunda baze bayiqonde incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo okwesihlandlo sokuqala kubomi babo baze baqalise ukugcina amazwi ayo.
4 Yincomele Ngokunyanisekileyo Incwadi Incopho YeSityhilelo Kwabanye: Njengoko uxubusha nabanye nge- Zibhalo ngoMatshi, musa ukuthingaza ukubabonisa abo banomdla incwadi Incopho YeSityhilelo. Baxelele abo banqwenela ukuyifunda ukuba basenokuphawula iindawo abangaziqondiyo kule ncwadi, yaye xa ubuyela, uya kuxubusha nabo ngezo ngongoma. Oku kunokuba yindlela yokufumanisa ubungakanani bomdla wabo nokukunika isizathu esingakumbi sokubuyela.
5 Ukongezelela kwinkonzo yendlu ngendlu, abaninzi baye baphumelela ukunikela incwadi Incopho YeSityhilelo ngokungacwangciswanga kwizalamane, kwabo baqhelene nabo nakwabo badibana nabo kwezoshishino. Bonisa indlela oye wangenelwa ngayo ngokobuqu kwimifanekiso eqaqambileyo, izicangca ezifundisayo nezinye iindlela eziluncedo nezimangalisayo zokufundisa ezikule ncwadi. Oku kusenokubakhuthaza abanye ukuba bahlolisise incwadi yeSityhilelo, nangona basenokuba bebevakalelwa kukuba intsonkothe gqitha ukuba iqondwe.
6 Elinjani lona ilungelo esinalo ngokwazi iziganeko zexesha elizayo ezityhilwe kwincwadi yeSityhilelo nezicaciswa ngomjelo kaThixo namhlanje! Ekubeni siphathiswe ulwazi olunjalo, masingaze, njengababhali bomhla kaYesu nabefundisi banamhla, sisilele ukwazisa okanye ukutyhila intsingiselo yeLizwi likaThixo kwabo baphulaphulayo. (Thelekisa uLuka 11:52.) Njengoko sisenjenjalo, kukho ithemba lokuba abaninzi ngakumbi baya kulamkela ithemba lobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo baze basithelele ekwenzeni ukuthanda koMdali wethu.—ISityhi. 4:11.