Buyela Kwakamsinya Kwabo Babonakalisa Umdla
1 “Ungaze ukubekel’ amangomso oko unokukwenza namhlanje.” Abaninzi baqhelene nale ntetho ekhuthaza ukuzenza ngokukhawuleza izinto ekufuneka zenziwe. Amava alandelayo abonisa ukuba lo mgaqo sinokuwusebenzisa nakubulungiseleli bethu.
2 Omnye udade wahambisela indoda ethile incwadi waza wathembisa ukubuyela. Ngempazamo omnye udade watyelela loo ndlu ikwanye kwisithuba seyure kamva. Le ndoda yeza emnyango iphethe incwadi ngesandla yaza yathi kuye: “Xa ubusithi uza kubuya, khange ndiyicinge into yokuba uza kubuya ngokukhawuleza kangaka, kodwa ke ungangena, ndikulungele ukufundisisa.”
3 Ngoxa ukubuyela ngokukhawuleza kangako kusenokuba yinto engaqhelekanga, la mava abalaselisa ukuba sifanele singalibazisi ngokungeyomfuneko ukubuyela kwabo babonakalisa umdla nesibafumana kubulungiseleli bethu. NgoMatshi siza kube sinikela incwadi Incopho YeSityhilelo. Iziganeko zehlabathi zenza kubonakale ukuba le mpapasho, ecacisa incwadi yokugqibela yeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, iphethe inkcazelo esexesheni njengeendaba ezikwiphephandaba lanamhla, unomathotholo nomabonwakude onikela ingxelo ngeziganeko zehlabathi ezibuchaphazela ngokungqalileyo ubomi balo lonke uluntu.
4 Abantu Bafuna Uncedo Olongezelelekileyo: Ukuze sibancede abantu bayiqonde inkcazelo ekule mpapasho nokuze baqonde ukuba inokuthanani nobomi kunye nekamva labo, sifanele silungiselele ukubuyela, yaye kucebiseka ukuba kube kwisithuba nje seentsuku ezimbalwa emva kotyelelo lokuqala. Siya kukwenza njani oku? Mhlawumbi ukumazisa loo mntu ukuba uza kubuya kuya kukunceda uqonde ubungakanani bomdla wakhe.
5 Menze Alindele Ukuba Uza Kubuyela: Akusoloko kulula kwihlabathi lanamhlanje ukunamathela kwixesha elithile, yaye umninimzi usenokungaligcini ixesha ebeninqophisene ngalo. Sekunjalo, ukuba ngobulumko ulibhala phantsi elo xesha lokubuyela uze ke uqiniseke ukuba uyabuyela—ukuba kunokwenzeka kwisithuba nje seentsuku ezimbalwa—uya kuba uyayifeza imbopheleleko yakho yokuligcina ixesha eninqophisene ngalo. Ukuba loo mntu akakho ekhaya, qiniseka ukuba uyaqhubeka usenza amalinge okuqhagamshelana naye. Usenokukhuthazeka ukuba acinge nzulu ngotyelelo lwakho xa ebona ukuzimisela kwakho ukumfumana ekhaya.
6 Ekubeni singenakuze siqiniseke ngokupheleleyo ngomdla obonakaliswa ngumntu kutyelelo lokuqala, qinisekisa ukuba uyabuyela naxa kubonakala intlantsana nje yomdla. Ukubuyela kwakamsinya kumntu obonakalise umdla onjalo kuzisa iingenelo. Usenokuba uwuvuselele umdla womntu kwincwadi Incopho YeSityhilelo, yaye xa ubuyela usenokumangaliswa yindlela entle owamkelwa ngayo. Ngoko qiniseka ukuba ubuyela kwakamsinya kwabo babonakalisa umdla!