IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 8/92 iphe. 8
  • Ukusebenzisa Incwadi Umntu Obalaseleyo Kumabuyelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukusebenzisa Incwadi Umntu Obalaseleyo Kumabuyelo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Buyela Ukuze Uncede Abantu Bafunde Ngoko Banokukwenza Ukuze Baphile Ngonaphakade
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Ukwenza Amabuyelo Ngendlela Elula Nephumelelayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Buyela Kwabanomdla Obafumeneyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Nceda Abantu Ababumvu Bakhele Phezu Kwesiseko Esomeleleyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 8/92 iphe. 8

Ukusebenzisa Incwadi Umntu Obalaseleyo Kumabuyelo

1 Umpostile uPawulos wayekwazi ukubaluleka kokukhuthalela ukunyamekela abo babonakalisa umdla enyanisweni. Wabafanisa nezityalo ezincinane, ezifuna ukunkcenkceshelwa nokuhlakulelwa rhoqo. (1 Kor. 3:6-9) Ngokufanayo namhlanje, abanomdla bafuna ukuthantanyiswa xa sisenza amabuyelo ukuze sihlakulele ukukhula kwabo ngokomoya.

2 Kuhle ukuhlala sikhumbula ukuba abantu esibatyelelayo baya kusoloko befuna ukukhunjuzwa ukuze bancedwe ekukhumbuleni iingongoma ebesixubusha ngazo kwixesha elidlulileyo. Ngoko ke, sihlandlo ngasinye ubuyela kungakuhle ukukuphinda ngokufutshane oko niye nakuxubusha kutyelelo lwexa elidluleyo, usalathisel’ ingqalelo kwiingongoma umninimzi azithande ngokukhethekileyo. Mbandakanye umninimzi kwingxubusho uze ukwazi ukuziqonda lula izinto anomdla kuzo neentswelo zakhe.

3 Xa ubuyela, enoba ubushiye incwadi “Umntu Obalaseleyo” okanye akunjalo, usengathanda ukusebemisa le ntshayelelo ingqalileyo ukuze uqalise isifundo:

◼ Usenokubuza: “Yintoni eyenza ukuba uYesu abe ngoyena mntu ubalaseleyo ehla-bathini?” Unokukuphendula oko ngokwalatha kwizahluko ezimbalwa kwezili-133 ezingobomi, ubuntu, iimfundiso nemisebenzi yakhe. Isahluko 24 sichaza injongo yokuza kwakhe emhlabeni. Isahluko 35 sishwankathela iNtshumayelo yakhe edumileyo yaseNtabeni. Isahluko 133 sisithela thsuphe ngeentsikelelo uluntu oluya kuzinandipha xa egqibezela umsebenzi wakhe. Mbonise umninimzi indlela imibuzo nezibhalo ezisekupheleni kwesahluko ngasinye eziya kusinceda ngayo ukuqonda ezona ngongoma zibalulekileyo kwisahluko ngasinye. Gubungela iingongoma ezimbalwa kuphela uze wenze amalungiselelo aqinisekileyo okuphinda ubuyele.

4 Enye intshayelelo inokuthi:

◼ “Ngokwenene ndiyinandiphile ingxubusho yethu kwiveki ephelileyo. Abantu abaninzi baye bavakalisa inkxalabo ngeemeko zehlabathi eziya zisiba mbi. Ndiye ndacinga ukuba isahluko 111 sale ncwadi ethi, Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila, siya kubangel’ umdla kuwe. [Lungiselela ukugqabaza ngeenxalenye ezikhethiweyo kwisahluko 111 ukuze uphendule umbuzo omnye okanye emibini yempinda esekupheleni kweso sahluko, ngokomzekelo othi: “Ziziphi iimeko zehlabathi eziphawula ubukho bukaKristu?” okanye othi “UYesu unikela wuphi umzekeliso ukunceda abafundi bakhe bexesha elizayo ukuba baqonde xa isiphelo sisemnyango?” Ngokusekelwe koko sikufundayo apha, ungathi liyintoni ithemba lethu lekamva elingekude? Vumela impendulo wandule umncome umninimzi. Yintoni esimele siyenze ukuba sinethemba lokusinda kwisiphelo sale nkqubo ingendawo?” Funda uYohane 17:3 uze uncomele isifundo seBhayibhile sekhaya esiqhutywa rhoqo.

5 Xa ubuyela emva kotyelelo lwangaphambili apho kwakuhanjiswe incwadi “Umntu Obalaseleyo,” unokuthi:

◼ “Ukugqibela kwam ukukutyelela, saxubusha iimeko zehlabathi ezifuna ukuguqulwa. Ngaba wakha wazibuza ngendlela iimeko eziya kuba yiyo kulo mhlaba xa ubungendawo bungasekho?” Vumel impendulo wandule utyhile kwisahluko 133, unikel’ ingqalelo kwimibuzo yempinda yokuqala emibini esekupheleni kwesi sahluko. Funda uze uxubushe iziqendu eziphendula le mibuzo, ufunda ezinye zezibhalo ezisekupheleni kwesi sahluko. Usenokongezelela kuloo ngxubusho ngokutyhila kumzekeliso okwesi sahluko.

6 Apho Kwakushiywe Khona Iphecana: Maxa wambi sishiya amaphecana kutyeleloi lwethu lokuqala. Xa ubuyela, unokuxubusha isiqendu esinye okanye ezibini ezikweli phecana kunye nezibhalo ezicatshuliweyo. Ukuba loo mntu ubonakalisa umdla, usengafuna ukunikela incwadi Umntu Obalaseleyo uze wenze amalungiselelo okuqhubeka nengxubusho xa uphinde wabuyela.

7 Njengoko sinyamekela ngokuthembekileyo ukunkcenkceshela izityalo ezincinane zokholo lobuKristu esizinikwe ukuba sizinyamekele, uThixo uya kuzikhulisa ukuze kudunyiswe kuze kuzukiswe yena—1 Kor. 3:7.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share