IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/95 iphe. 4
  • Buyela Kwabanomdla Obafumeneyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Buyela Kwabanomdla Obafumeneyo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukusebenzisa Incwadi Umntu Obalaseleyo Kumabuyelo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Iintshumayelo Ezicetyiswayo Ezinokusetyenziswa Entsimini
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Indlela Yokuhambisa Incwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Buyela Kubo Bonke Ababonise Umdla Ukuze Bangenelwe
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
km 2/95 iphe. 4

Buyela Kwabanomdla Obafumeneyo

1 Xa sisebenza kwindlu ngendlu, sidla ngokuba nexesha elincinane esilichitha nomntu onomdla. Kwiimeko ezininzi umsebenzi wokwenene wokufundisa siwenza xa sibuyela naxa siqhuba izifundo zeBhayibhile. (Mat. 28:​19, 20) Ukuze sifundise ngokuphumelelayo kwibuyelo, kufuneka sihlolisise oko sikuxubushe kutyelelo lokuqala size silungiselele ukukuxubusha ngakumbi.

2 Ukuba ubuthethe ngokungazinzi kwentsapho, usenokusebenzisa umbandela okwisahluko 29 sencwadi ethi “Unokuphila Ngonaphakade.” Unokuthi:

◼ “Kwixa elidluleyo sithethe ngobulumko bokulandela isiluleko seBhayibhile ukuze sibe nobomi bentsapho obonwabisayo. Ucinga ukuba yintoni efunekayo ukuze iintsapho zimanyane namhlanje?” Vumela impendulo. Bhekisela kwisiqendu 27 kwiphepha 247, uze ufunde amaKolose 3:​12-14. Yenza amagqabaza abhekele phaya abonisa indlela uthando lokwenene olunokuzimanyanisa ngayo iintsapho. Cacisa indlela ukufundisisa rhoqo incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade okunokunceda ngayo ekucombululeni iingxaki.

3 Ukuba kutyelelo lwakho lokuqala ubuxubushe ngeemeko zehlabathi eziya zisiba mandundu, usenokubuyela uze uthi:

◼ “Ndiqinisekile ukuba uyavumelana nelokuba kufuneka kwenziwe utshintsho olukhulu ukuba siza kuphila ngoxolo. IBhayibhile ibonisa ukuba uSathana ngoyena nobangela weengxaki zethu. Abaninzi bazibuza isizathu sokuba uThixo emvumele ukuba aqhubeke ithuba elide kangaka. Uthini wena?” Vumela impendulo. Tyhila kwiphepha 20, isiqendu 14 nese-15, kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade, uze ucacise isizathu sokuba uSathana engekatshatyalaliswa. Yandula ke ufunde amaRoma 16:​20, abonisa oko sinokukulindela kungekudala.

4 Ukuba ubuthethe ngeentsikelelo eziya kuziswa lulawulo loBukumkani, xa ubuyela, usenokuthi:

◼ “UBukumkani bukaThixo buya kuzisa iintsikelelo ezimangalisayo kulo mhlaba nakuluntu. Ezi ntsikelelo ziboniswa kakuhle apha kwiphepha 12 nele-13. Yintoni oyibonayo enomtsalane kuwe? [Vumela impendulo.] Khawucinge ukuba bekuya kuba njani ukuphila kwihlabathi elifana neli.” Funda isiqendu 12. Ukuba kukho umdla, buza umbuzo okwisiqendu 13, uze uxubushe impendulo. Chaza ukuba esi sahluko siphendula imibuzo engakumbi engeentsikelelo zoBukumkani yaye uya kukuvuyela ukuzixubusha xa uphinda ubuya.

5 Usenokukwazi ukuqalisa isifundo ngokuthetha oku:

◼ “Abantu abaninzi bafumene iimpendulo kwimibuzo yabo yeBhayibhile ngokusebenzisa le ncwadi.” Tyhila kwiziqulatho, uze ubuze oku: “Nguwuphi umbandela onomdla ngakumbi kuwo?” Vumela impendulo, tyhila kwisahluko abe nomdla kuso, uze ufunde isiqendu sokuqala. Cacisa indlela umbuzo osemazantsi ephepha ozibalaselisa ngayo iingongoma eziziintloko zesiqendu ngasinye. Bonisa indlela yokuqhuba isifundo ngokuxubusha isiqendu esinye okanye ezibini ezingakumbi, uze wenze amalungiselelo okubuyela.

6 Ukubuyela kwabo banomdla kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade kubonisa ukuba sinqwenela ukubuzalisa ubulungiseleli bethu. (2 Tim. 4:⁠5) Sisenokukwazi ukunceda abasiphulaphulayo ukuze bazuze ubomi obungunaphakade.​—⁠Yoh. 17:⁠3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share