Iindaba Ezingokobuthixo
ECyprus: NgoAgasti kubekho incopho yabavakalisi yesibhozo kunyaka wenkonzo, abali-1433 baye bafaka ingxelo. Olu ibilulwando lwesi-9 ekhulwini kunomlinganiselo wanyakenye.
EDominican Republic: NgoAgasti abali-15-418 baye bafaka ingxelo, bafikelele kulwando lwabavakalisi lwama-20 ekhulwini kunomlinganiselo wonyaka wenkonzo ophelileyo. Abavakalisi abangaphezu kwama-20 ekhulwini bakwinkonzo yexesha elizeleyo.
EGhana: NgoAgasti kufikelelwe ulwando lwe-18 ekhulwini kunomlinganiselo wanyakenye wenani labavakalisi, abangama-37 676 baye bafaka ingxelo yenkonzo yasentsimini.
EMzantsi Afrika: Ngasekupheleni kowe-1992 kuye kwagqitywa ukwakhiwa ezi Holo zoBukumkani zilandelayo: KwaNyamazane Central (kufutshane naseNelspruit), eKatlehong (kufutshane naseAlberton—esi sakhiwo sineeholo ezimbini siye sakhiwa ngeempela-veki ezintathu ngo-Oktobha yaye siza kusetyenziswa ngamabandla amane), eMeyerton (yenye iholo eyakhiwe ngokukhawuleza), eCala naseLugangeni eTranskei.
Ebudeni bonyaka we-1992, kuye kwanikezelwa kuYehova iiHolo zoBukumkani ezingama-34. Eli lelona nani liphakamileyo ukodlula nawuphi na unyaka apha eMzantsi Afrika. Sibabulela bonke abaye banikela inkxaso yobubele ngokuphathelele oku. Masiwulondoloze loo moya mhle size siqhubeke sikhangela kuYehova kuko konke esikwenzayo.
EOstreliya: NgoAgasti kufikelelwe incopho entsha yabavakalisi abangama-57 272, unyaka wenkonzo uphele kukho abavakalisi abangakumbi abali-1541 kunabo bebekho kwincopho yangaphambili. Kunikelwe ingxelo yencopho eyiyeyona iphakamileyo yezifundo zeBhayibhile ezingama-31 712.
EPuerto Rico: Incopho entsha yabavakalisi abangama-25 315 iye yafak’ ingxelo ngoAgasti.
ETogo: Kuye kwafikelelwa ulwando lwama-28 ekhulwini kubavakalisi kunomlinganiselo wanyakenye ngoAgasti. Unyaka wenkonzo uphele kukho abavakalisi abafaka ingxelo abangama-7100. Ebudeni bonyaka kubhaptizwe abantu abatsha abangama-728.