Kwenze Usukelo Lwakho Ukuziqeqeshela Ukuhlonela UThixo
1 Ngokuqhubekayo iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo sisiqeqeshela ukuba ‘silungise ukulahlula ilizwi lenyaniso.’ (2 Tim. 2:15) Ngaba ubhalisile kuso? Ukuba akubhalisanga yaye uyafaneleka, kutheni ungangenelwa kweli lungiselelo lihle ngokubhalisa ngoku?
2 Imbalasane ebalulekileyo yesi sikolo lucwangciso lofundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki. Kucwangciso lwakho lofundisiso lobuqu ufanele uquke ukufunda izahluko ezabelweyo zeBhayibhile ukuze ekuhambeni kwexesha ube uyifunde yonke iBhayibhile.
3 Ukususela kucwangciso lwesikolo lowe-1993, ufundo lweBhayibhile olugutyungelwa kwiNtetho Yesi-2 luya kuba kukufundwa kwawo wonke umbandela ngaphandle kokunqumama kwiingongoma eziphakathi. Oku kuthetha ukuba umfundi onikela le ntetho uya kuyiquka inkcazelo yakhe ecacisayo kwintshayelelo nakumqukumbelo kuphela. Umzalwana owabelwe iimbalasane zeBhayibhile ufanele anganabi kakhulu ngamagqabaza akhe kwiindinyana ezabelwe iNtetho Yesi-2 ukuze isithethi esiza kunikela loo ntetho sikwazi ukuyiphuhlisa ngokuzeleyo inkcazelo yaso kufundo lweBhayibhile.
4 Umveleli wesikolo uya kuliphawula iphetshana leSiluleko Sentetho labo banikela iNtetho Yesi-2, Yesi-3 neYesi-4. Akulindelekanga ukuba alandele uludwe olukwiphetshana lesiluleko kodwa usenokunikela isiluleko esingqalileyo kwiingongoma umfundi afanele aphucule kuzo. Akuyomfuneko ukuba aphawule iphetshana lesiluleko lesithethi esinikela iNtetho Yoku-1, nangona esenokusiluleka ngasese xa kuyimfuneko.
5 Bonke abafanelekayo bafanele bawasebenzise ngokuzeleyo amalungiselelo okomoya alungiselelwa nguYehova, kuquka uqeqesho olunikelwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Uqeqesho olunjalo lunokukhokelela kubulungiseleli obunemveliso ngakumbi.—1 Tim. 4:7.