IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 8/99 iphe. 8
  • Ukusebenzisa Amaphecana Ukuze Uvelise Imiphumo Emihle

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukusebenzisa Amaphecana Ukuze Uvelise Imiphumo Emihle
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
  • Amanqaku Afanayo
  • Sebenzisa Amaphecana Ukuze Usasaze Iindaba Ezilungileyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Isizathu Sokuba Amaphecana Ebaluleke Kakhulu Kubulungiseleli Bethu Namhlanje
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Sebenzisa Amaphecana Ukuze Uqalise Incoko
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngamaphecana Nangezimemo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
km 8/99 iphe. 8

Ukusebenzisa Amaphecana Ukuze Uvelise Imiphumo Emihle

1 Intlangano kaYehova yale mihla inembali yokuwasebenzisa ngokunempumelelo amaphecana. Igama lombutho wethu osemthethweni elithi, Watch Tower Bible and Tract Society, libonisa ukuba amaphecana anendima ebalulekileyo ekusasazweni kweendaba ezilungileyo. Ngaba uwasebenzisa onke amaphecana ukuze uvelise imiphumo emihle kubulungiseleli bakho?

2 Kuya kufuneka siziqhelanise nawo ngamanye. Ngokomzekelo, ngaba uye wawafunda ngokuphindaphindiweyo ngenyameko ukuze ufumane oko ngalinye lixubusha ngako? Ngaba uye wacinga ngohlobo lomntu iphecana ngalinye eliya kuba nomtsalane kuye? Ukuziqhelanisa ngokucokisekileyo nephecana ngalinye kuya kwakha intembelo yakho ekuwasebenziseni kwindlu ngendlu nakwezinye iimeko ezininzi onokunikela ubungqina obungacwangciswanga kuzo.

3 Wasebenzise Kubulungiseleli Bendlu Ngendlu: Omnye umveleli wesiphaluka ubhala esithi: “Ndiphumelela gqitha ekuqaliseni inkoliso yeengxubusho zam ngephecana.” Ngaba ukhe wayizama le ntshayelelo? Xa sinamaphecana amaninzi, sineentshayelelo ezininzi ezivusa umdla esinokukhetha kuzo. Iphecana ngalinye lisinika ithuba lokuqalisa isifundo seBhayibhile enoba kukutyelelo lokuqala okanye ebuyelweni.

4 Kukho amanye amathuba okusebenzisa iphecana. Ebudeni bencoko nomninimzi, usenokufumanisa ukuba loo mntu usandul’ ukufelwa ngumntu wakhe amthandayo okanye umntu othile entsatsheni uyagula. Abantu abasentlungwini enzulu okanye abazama ukuhlangabezana neengxaki ezizingisileyo badla ngokuba neemvakalelo ezingafanelekanga baze badandatheke. Kutheni ungabaniki iphecana elithi Intuthuzelo Kwabadandathekileyo!? Usenokufumanisa ukuba loo mntu usandul’ ukuqhawula umtshato okanye uphelelwe ngumsebenzi. Sebenzisa imibuzo ekwiphepha 2 kwiphecana elithi Bunandiphe Ubomi Bentsapho, ethi: “Kutheni iintsapho namhlanje zithwaxwa ziingxaki ezinzulu kangaka? Sinokubunandipha njani ubomi bentsapho?” Mhlawumbi le yimibuzo anayo umntu engqondweni. Nokuba akukho mdla ubonakalayo okwelo xesha, kunokwenzeka ukuba uya kulifunda iphecana kamva.—INtshu. 11:6.

5 Sebenzisa Amaphecana Ngokungacwangciswanga: Ukuba amaphecana siwabeka kwindawo anokufumaneka lula kuyo—kwipokotho yehempe, kwipokotho yebhatyi, kwingxowa esiyiphathayo okanye kwingxowa esinikela ngayo ubungqina—sinokuwasebenzisa kwizihlandlo ezininzi ezahlukahlukeneyo. Wasebenzise xa uye ezivenkileni, useluhambeni okanye xa uthetha nezalamane okanye iindwendwe. Sinokusoloko sizifumana sikwimeko yokwabelana nabanye ngesigidimi soBukumkani ngokufutshane, njengasemsebenzini okanye esikolweni. Amaphecana asinika ithuba lokunikela ubungqina obufutshane. Iphecana asinto inenkcazelo eninzi enokumdika umntu kodwa lingqalile yaye linobuchule. Lamkelwa lula kunencwadi okanye iphephancwadi, ekubeni kungekho nto ingako ifundwayo.

6 Waphaphele amathuba okuhambisa amaphecana ngokungacwangciswanga esikolweni okanye emsebenzini, kwiivenkile zokutyela, kwiigaraji, njalo njalo. Xa wayelungiselela ukusa uninakhulu kwagqirha, omnye udade waqinisekisa ukuba unamaphecana kuye. Eofisini kagqirha, waqalisa incoko nomama owayekhulelwe. Emva kokubonisa eli bhinqa iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo, lo dade wabuza: “Ubungathanda ukukhulisa umntwana wakho kwihlabathi elinjengeli likulo mfanekiso?” Wakwazi ukuyilandela loo ncoko ngokutyelela elo bhinqa emzini walo. Oku kwakhokelela ekubeni kubuyelwe ngokuthe rhoqo izihlandlo eziliqela.

7 Izifundo ZeBhayibhile Zinokuqaliswa Ngamaphecana: Ngokusebenzisa iphecana, unokukwazi ukubonisa ngokufutshane indlela yokuqhuba isifundo. Omnye udade wakwenza oku esebenzisa iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo. Esalatha emfanekisweni, wabuza umninimzi enoba wayecinga ukuba umhlaba wethu uya kuze ube njengalo kusini na. Emva kokuba umninimzi ephendule, lo dade wamcela ukuba afunde eyesi-2 kaPetros 3:13 noIsaya 65:17, izibhalo eziboniswe kweli phecana. Wandula ke wathi udadewethu: “Ezi zithembiso azilophupha okanye intelekelelo kodwa ziseLizwini likaThixo, iBhayibhile.” Walungiselela ukuyihambisela phambili le ncoko kwiveki elandelayo. Kutyelelo olulandelayo, kwaphendulwa imibuzo emininzi yeli bhinqa yaye kwashiywa incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile.

8 Ngaba usandul’ ukubhaptizwa okanye mhlawumbi ungumvakalisi ongabhaptizwanga ofumana amava kubulungiseleli bakho? Ukuba kunjalo, unokufuna abo banamava angakumbi uze ucele amacebiso kubo okusebenzisa amaphecana kumhlaba webandla lenu. Sinemizekelo emininzi eBhayibhileni yabo bafumana ulwalathiso kwabaqolileyo elukholweni.—IZe 18:24-27; 1 Kor. 4:17.

9 Ngokwabantu ngabanye neentsapho, chitha ixesha uhlolisisa indlela yokunikela ngalinye kula maphecana ahlukeneyo. Yiba namaxesha okuqhelisela. Unokuwasebenzisa njani amaphecana nolunye uncwadi olubalaseliswa kubulungiseleli basentsimini kule nyanga? Ziziphi iindawo ekusafuneka uye kuzo apho unokuphatha amaphecana ambalwa? Ngaba uza kudibana nothile kule veki oya kungenelwa kwisigidimi esisexesheni esinikelwa ngala maphecana?

10 Uthando olunzulu ngoYehova nenkxalabo ngabantu ziya kusishukumisela ukuba senze konke esinako ukwazisa iindaba ezilungileyo. Ukusebenzisa amaphecana rhoqo kuya kusinceda senjenjalo. Ukuba siwasebenzisa ngobulumko amaphecana xa sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, siqinisekile ngokufumana imiphumo emihle.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share