Sebenzisa Amaphecana Ukuze Usasaze Iindaba Ezilungileyo
1. Abantu bakaThixo baye bawasebenzisa njani amaphecana?
1 Kudala abantu bakaYehova besebenzisa amaphecana ukuze basasaze iindaba ezilungileyo. Ngowe-1880, uC. T. Russell nabahlobo bakhe baqalisa ukushicilela iiBible Students’ Tracts, yaye la maphecana ayenikwa abafundi beMboniselo ukuze bawasasaze kuwonke-wonke. Amaphecana ayebalulekile, kangangokuba ngowe-1884 xa uC. T. Russell wayebhalisa umbutho osemthethweni wokuxhasa uBukumkani, igama elithi “tract” (elithetha ukuthi iphecana) laqukwa xa kwakuthiywa lo mbutho ngokuba yiZion’s Watch Tower Tract Society, ngoku ebizwa ngokuba yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania. Ngowe-1918, aBafundi beBhayibhile babesele besasaze amaphecana angaphezu kwezigidi ezingama-300. Nanamhlanje, amaphecana aseluncedo xa kushunyayelwa.
2. Kutheni amaphecana eluncedo?
2 Isizathu Sokuba Eluncedo: Isigidimi sawo esifutshane sibangela umdla yaye siyafundisa. Abangel’ umdla kubaninimzi abasenokonqena ukufunda iphephancwadi okanye incwadi. Kulula ukuhambisa amaphecana, yaye oko kunjalo nkqu nakubavakalisi abasebatsha okanye abantwana. Ukongezelela koko, kulula ukuphatha amaphecana kuba mancinci.
3. Balisa amava, enoba ngawakho okanye ngapapashiweyo, abonisa ukubaluleka kwamaphecana.
3 Abaninzi baqala ukufunda inyaniso kumaphecana. Ngokomzekelo, elinye ibhinqa laseHaiti labona elinye lamaphecana ethu esitratweni. Lalichola, lalifunda laza ladanduluka lisithi, “Ndiyifumene inyaniso!” Ekugqibeleni, laya kwiHolo YoBukumkani, laqalisa ukufunda iBhayibhile laza labhaptizwa—yonke le nto isenzeka kuba laqalisa ukufunda iLizwi likaThixo kwiphecana.
4. Yintoni esifuna ukuyifeza ngenyanga ekuhanjiswa ngayo amaphecana?
4 Kwindlu Ngendlu: Ekubeni amaphecana eluncedo entsimini, siza kumane siwahambisa ngeenyanga ezithile ukususela ngoNovemba. Injongo yethu asikokuhambisa nje amaphecana, kodwa kukuwasebenzisa ukuze siqalise incoko. Ukuba umninimzi unomdla xa uqala ukudibana naye okanye ubuyela, unokumbonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile ngencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile okanye enye esiqhuba ngayo isifundo. Sinokulihambisa njani iphecana kwindlu ngendlu? Iphecana ngalinye lahlukile, ngoko kufuneka siwazi kakuhle lawo siwahambisayo.
5. Sinokuwahambisa njani amaphecana kwindlu ngendlu?
5 Intshumayelo yethu ifanele ilungele intsimi esisebenza kuyo kunye nephecana esiliphetheyo. Sinokuqalisa incoko ngokunika umninimzi iphecana. Umninimzi usenokuba nomdla kumxholo wephecana. Okanye, sinokumbonisa amaphecana aliqela size simvumele azikhethele alithandayo. Ukuba sisebenza kwintsimi apho abantu bemadolw’ anzima ukuvula iminyango yabo, sisenokumbonisa umxholo walo okanye sicele ukulifaka phantsi komnyango, size simcele athi gqaba-gqaba ngalo. Ukuba umxholo walo ngumbuzo, sisenomkumcela ukuba ahlomle ngaloo mbuzo. Okanye sisenokubuza umbuzo oza kumenza abe nomdla. Emva koko sisenokufunda kunye naye inxalenye ethile yeli phecana, sinqumame xa sifika kwindawo enombuzo ukuze akwazi ukuphendula. Izibhalo eziyintloko zifanele zifundwe ngqo eBhayibhileni. Emva kokuxubusha loo nxalenye, usenokuqukumbela uze wenze amalungiselelo okubuyela. Ukuba ibandla lenu lidla ngokushiya uncwadi kwizindlu ezingenabantu, nisenokushiya iphecana endaweni efihlakeleyo xa nifika kungekho bantu kwizindlu ezithile.
6. Sinokuwasebenzisa njani amaphecana xa sishumayela esitratweni?
6 Ukushumayela Esitratweni: Ngaba wakha wawasebenzisa amaphecana xa ushumayela esitratweni? Abanye abantu badla ngokugqitha kuthi bengxamile yaye bengakulungelanga ukuma baze bancokole. Kusenokuba nzima ukubona ukuba banomdla kangakanani. Kunokuba sibanike amaphephancwadi amatsha sibe singazi nokuba baza kuwafunda kusini na, kubhetele sibanike amaphecana. Ngenxa yokuba enomtsalane yaye emancinci, abantu basenokuba nomdla wokuwafunda xa befumana ixesha lokwenjenjalo. Kakade ke, xa bengangxamanga sisenokuncokola nabo ngoko kuqulethwe lelo phecana.
7. Balisa amava abonisa indlela yokusebenzisa amaphecana xa sishumayela ngokungacwangciswanga.
7 Ukushumayela Ngokungacwangciswanga: Kulula ukusebenzisa amaphecana xa sishumayela ngokungacwangciswanga. Omnye umzalwana ufaka amaphecana ambalwa epokothweni yakhe xa ephuma endlwini yakhe. Xa edibana nomntu, mhlawumbi osebenza kwikhawuntara yasevenkileni, uye amnike iphecana. Xa enye indoda nomfazi wayo babetyelele eNew York, baqonda ukuba baza kudibana nabantu abaninzi abavela kwamanye amazwe. Ngoko baphatha incwadana ethi Nations kunye namaphecana eelwimi ezahlukahlukeneyo. Xa besiva umntu othengisayo, odlula ngendlela, ohleli epakini okanye kwivenkile ethengisa ukutya ethetha ulwimi lwasemzini, babemnika iphecana lolwimi lwakhe.
8. Amaphecana afana njani nembewu?
8 “Hlwayela Imbewu Yakho”: Amaphecana afana nembewu. Umlimi uhlwayela imbewu eninzi kuba engazi ukuba yiyiphi eya kuntshula. INtshumayeli 11:6 ithi: “Kusasa hlwayela imbewu yakho, yaye ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa; kuba akuyazi indawo oya kuphumelela kuyo, enoba kulapha okanye phaya, okanye enoba ziya kulunga zombini ngokufanayo.” Ngoko ke, ngamana singaqhubeka sisebenzisa le ndlela yokushumayela iphumelelayo ukuze ‘sichithachithe ukwazi.’—IMize. 15:7.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]
Ekubeni amaphecana eluncedo entsimini, siza kumane siwahambisa ngeenyanga ezithile, ukususela ngoNovemba