IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/93 iphe. 1
  • Ngaba Unokukhonza UYehova Njengovulindlela?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Unokukhonza UYehova Njengovulindlela?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Inkonzo Yobuvulindlela—Ngaba Ikulungele?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • OovulindlelaBazisa Iintsikelelo Yaye Nabo Bayazifumana
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Kufuneka Abazalwana Abangakumbi Kwinkonzo Yobuvulindlela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Iintsikelelo Zobulungiseleli Bobuvulindlela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 1/93 iphe. 1

Ngaba Unokukhonza UYehova Njengovulindlela?

1 KwiNdibano YeSithili “Yabathwali Bokukhanya” ebesikuyo, esinye isithethi siye sabuza: “Ngaba unokuba nguvulindlela? Ngaba uza kuba nguye?” Sithe le mibuzo ibalulekile kuba iArmagedon isemnyango, nto leyo eyenza ukuba umsebenzi wokushumayela ungxamiseke ngakumbi kunanini na ngaphambili.—1 Kor. 7:29a.

2 Alithandabuzeki elokuba ubuvulindlela bungumsebenzi onzima. Bufuna ukuziqeqesha nokulungelelana okuhle. Sekunjalo, ukubulaleka kwethu kubulungiseleli “akulambathi.” (1 Kor. 15:58) Ngaba oku kunokuthethwa nangeminye imisebenzi esinokukhetha ukuyenza etya ixesha neqoba amandla ethu? Ukuthanda uYehova kushukumisela amaKristu ukuba abe nenzondelelo kwinkonzo yakhe, yaye ukuzondelela inkonzo kaYehova kuye kwakhokelela abaninzi ukuba bangenele umsebenzi wobuvulindlela.—1 Yoh. 5:3; ISityhi. 4:11.

3 Abakhonzi abaninzi bakaYehova abaselula nabasandul’ ukugqiba imfundo yamabanga aphakamileyo bacinga nzulu ngokungenela ubuvulindlela. Oko kufanelekile. Nguwuphi omnye umsebenzi onokubaluleka ngakumbi kunobulungiseleli bexesha elizeleyo? (Mat. 6:33) Iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo zimele zishunyayelwe; lo ngumsebenzi kaYehova, yaye elinjani lona ilungelo ukuba ubani uwungenela ukususela ebutsheni bakhe!—Mat. 24:14.

4 Ngaba nina bazali niyabakhuthaza abantwana benu ukuba bangenele inkonzo yexesha elizeleyo? Ngaba abantwana benu bayaqonda ngokucacileyo ukuba nifuna basebenzise intliziyo, umphefumlo, ingqondo namandla abo ephela kulo msebenzi uxabisekileyo? (Marko 12:30) Abavakalisi abaselula abaninzi bazilungiselela ukungenela umsebenzi wobuvulindlela obuthe ngxi ngokuba nesabelo njengoovulindlela abangabancedani ngalo naliphi na ithuba ebudeni beminyaka yabo yokuhamba isikolo. Ngokuqinisekileyo ukuzinikela okunjalo kuyayivuyisa intliziyo kaYehova!—IMize. 27:11.

5 Kambe ke, asinguye wonk’ ubani ovunyelwa ziimeko ukuba angenele inkonzo yobuvulindlela. Noko ke, enoba utshatile okanye akutshatanga, enoba uselula okanye ukhulile ngeminyaka, ngaba ukhe wakuqwalasela ngokunzulu nangomthandazo ukukhonza uYehova njengomlungiseleli weendaba ezilungileyo onguvulindlela? (Kol. 3:23) Izibini ezitshatileyo ezininzi eziselula zisebenzela ukwandisa ubulungiseleli bazo ukuze omnye okanye bobabini bangenele ubuvulindlela.

6 Ukuba okwangoku akunako ukungenela ubuvulindlela obuthe ngxi, ngaba unokukhonza njengovulindlela ongumncedani? Kusenokwenzeka ukuba abavakalisi abaninzi kwibandla okulo baceba ukwenjenjalo ebudeni buka-Aprili. Ngaba unokubathelela? Nangona bonke abakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo befumana iintsikelelo ezininzi, abo bachitha ixesha elingakumbi kwinkonzo yoBukumkani bekhangela ababumvu bafumana iintsikelelo ezongezelelekileyo.—IZe. 20:35.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share