IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/93 iphe. 4
  • Iintshumayelo Ezilula Neziphumelelayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintshumayelo Ezilula Neziphumelelayo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukunxibelelanisa Iintshayelelo Zethu Noncwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Nxibelelanisa Amaphecana Nolunye Uncwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Ukusebenzisa Iincwadana Ezinemifanekiso Ngokuphumelelayo NgoJulayi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Yandlala Isiseko Esifanelekileyo Kutyelelo Lwakho Lokuqala
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 2/93 iphe. 4

Iintshumayelo Ezilula Neziphumelelayo

1 UYesu wabuvakalisa uBukumkani bukaThixo ngendlela elula nengqalileyo. Wayesazi ukuba ababumvu babeya kusabela kakuhle xa besiva inyaniso. Kwakhona wayesazi ukuba abantu bayahluka ngokucinga, ngezinto abanomdla kuzo nangamandla okuqiqa. Ngokuvisisana noko, wasebenzisa iintshayelelo ezahlukahlukeneyo nezilula, imibuzo nemizekelo ukuze azuze ingqalelo yabaphulaphuli bakhe nokuze achukumise iintliziyo zabo. Sinokuwuxelisa umzekelo wakhe size sisebenzise kakuhle iintshumayelo ezilula neziphumelelayo.

2 Sebenzisa Incwadi Ukuqiqa Ngokuphumelelayo: Intshayelelo yokuqala kumxholo othi “Umsebenzi/Izindlu” kwiphepha 14 kwincwadi Ukuqiqa isexesheni yaye kulula ukuyinikela.

Usenokuthi:

◼ “Besithetha nabamelwane bakho ngento enokwenziwa ukuqinisekisa ukuba wonke ubani uya kuqeshwa aze afumane indlu. Ngaba ukholelwa ukuba kusengqiqweni ukulindela ukuba oorhulumente babantu baya kukwenza oku? . . . Kodwa kukho umntu othile oyaziyo indlela yokucombulula ezi ngxaki; lowo nguMdali wabantu.” Funda uIsaya 65:21-23. Usenokwandula ubuze umninimzi indlela oku okuvakala ngayo kuye.

3 Intshayelelo ekumxholo othi “Okungekho Sikweni/Ukubandezeleka” kwiphepha 12 uya kubangel’ umdla kwabaninzi namhlanje.

Usenokubuza oku:

◼ “Ngaba wakha wazibuza: Ngaba uThixo ngokwenene ukukhathalele okungekho sikweni nokubandezeleka okuviwa ngabantu?” Vumela umninimzi ukuba aphendule uze ke ufunde INtshumayeli 4:1 neNdumiso 72:12-14. Tyhila kwimifanekiso ekwiphepha 150-3 kwincwadi Unokuphila Ngonaphakade uze ngokufutshane umbonise indlela iimeko zehlabathi namhlanje ezisizalisekisa ngayo isiprofeto seBhayibhile. Yandula ke utyhile kwiphepha 161-2 ukubonisa oko uThixo aye wakuxela kwangaphambili ngeentsikelelo zoluntu. Buza umninimzi eyona nkalo anomdla ngakumbi kuyo.

4 Ukuba umninimzi akanamdla kule ncwadi okanye sele enayo, kutheni unganikeli amaphephancwadi amabini? Ngamaxesha onke zama ukushiya uncwadi oluthile kumninimzi njengencwadana enemifanekiso okanye kwanephecana lesisa.

Ngokomzekelo, ukuba umnikelo woncwadi awamkelwa, usenokuthi:

◼ “Le ncwadana inemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, ikuchaza ngokucacileyo oko uThixo athembisa ukukwenza ukuze anyamekele iintswelo zethu zemihla ngemihla yaye ibonisa indlela esinokungenelwa ngayo.” Tyhila kwiphepha 26 nelama-27 lale ncwadana inemifanekiso uze utsalele ingqalelo kwisiqendu 21.

5 Ukuba ugqiba kwelokuba ushiye iphecana, njengelithi Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda?, unokusebenzisa le ntshayelelo ilandelayo:

Usenokuthi:

◼ “Ehlabathini namhlanje kukho ukubandezeleka neengxaki ezininzi. Eli phecana libonisa ukuba imfazwe, ukunqongophala kokutya neengxaki zempilo zonke ezo zinto kwaprofetwa ngazo eBhayibhileni. Kodwa kwakhona uThixo uye wathembisa ngokuzisa inguqulelo engummangaliso kuluntu.” Funda isiqendu sokugqibela kwiphepha 5 leli phecana.

6 Umdla wethu onyanisekileyo ebantwini, ndawonye nentshumayelo elula nephumelelayo echukumis’ intliziyo, ngokuqinisekileyo uya kuba nomtsalane kwababumvu.—Yoh. 10:16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share