IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/92 iphe. 8
  • Yandlala Isiseko Esifanelekileyo Kutyelelo Lwakho Lokuqala

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yandlala Isiseko Esifanelekileyo Kutyelelo Lwakho Lokuqala
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukwenza Amabuyelo Ngendlela Elula Nephumelelayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Nceda Abanye Bafunde NgoNyana KaThixo, UYesu Kristu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Ebudeni BukaDisemba
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Buyela Ukuze Uncede Abantu Bafunde Ngoko Banokukwenza Ukuze Baphile Ngonaphakade
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 11/92 iphe. 8

Yandlala Isiseko Esifanelekileyo Kutyelelo Lwakho Lokuqala

1 Ukwenza amabuyelo ngokuphumelelayo kuba lula ngakumbi xa sisandlala isiseko esifanelekileyo kutyelelo lokuqala. Incwadi Ukuqiqa inokusinceda ukwenza oko.

2 Intshumayelo elandelayo isekelwe kwintshayelelo yesibini kwiphepha 10 lencwadi Ukuqiqa, phantsi komxholo othi “IBhayibhile/UThixo.”

Emva kokuba ubulise ngobuhlobo, yithi:

◼ “Sifumanisa ukuba abantu abaninzi namhlanje abaqinisekanga ngendawo abanokufumana kuyo isicombululo kwiingxaki zemihla ngemihla ezandayo. Ngaba nawe uvakalelwa ngaloo ndlela? [Vumela impendulo.] Ngaphambili abantu babekhangela eBhayibhileni ukuze bafumane uncedo. Kodwa ngoku abaninzi bathi bayathandabuza. Wena uvakalelwa njani ngeBhayibhile?” Ukuba umninimzi uvakalisa ukuthandabuza okuthile ngokuchana kwayo, khupha iphecana elithi Isizathu Sokuba Unokukholosa NgeBhayibhile uze ufunde isiqendu sesibini nesesithathu kwiphepha 2. Ukuba umninimzi uyavuma ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo, hlola uze ufunde izibhalo ezicatshulwe kwisiqendu sesibini kwiphepha 2 lelo phecana, uze ngokufutshane uzixubushe kunye naye. Nikela umnikelo wenyanga.

3 Ukuba kwintsimi yenu baninzi abantu abavakalisa ukungakholwa, zama ukusebenzisa intshayelelo yesihlanu kwiphepha 10 lencwadi Ukuqiqa ukuze uvuse umdla wabo.

Usenokuthi:

◼ “Ngenxa yazo zonke iingxwabangxwaba ezikhoyo ehlabathini namhlanje, abantu abaninzi bakufumanisa kunzima ukukholelwa kuThixo. Okanye ukuba bayakholelwa kuye, abakholelwa ukuba unokuzicombulula iingxaki esijamelana nazo. Wena uvakalelwa njani?” Vumela impendulo. Funda intshayelelo yencwadi Ililizwi LikaThixo kwiphepha 5. Cela imbono yomninimzi ngombuzo wokugqibela othi: “Ngaba ucinga ukuba iingxaki ezinjengezi ziya kuze ziconjululwe?” Qhubeka nengxubusho ngokufunda iinxalenye ezifanelekileyo kwiziqendu ezihlanu ezilandelayo kwisahluko sokuqala. Nika umninimzi le ncwadi uze ulungiselele ukubuyela ukuze niqhubeke nengxubusho.

4 Buza Imibuzo Ekwiphecana Ukuze Ulungiselele Utyelelo Lwakho Olulandelayo: Ceba ukuba wenze utyelelo lwakho lokuqala lube sisiqalo songcelele lwamatyelelo anemveliso. Musa ukuvakalelwa kukuba ufanele ungene nzulu kwiinkcukacha ezininzi; ibe kwakhona akufanele ugxabhagxabhise ngokokude umninimzi avakalelwe kukuba akunamdla wokwenene kuye. Emva kokuba ufunde iziqendu ezibini okanye ezithathu kwiphecana, buza umbuzo eninokuwuxubusha kutyelelo olulandelayo.

5 Ngokomzekelo, unokwalathisel’ ingqalelo kwisiqendu sesithathu kwiphepha 4 uze ubuze oku: “Ngaba ucinga ukuba iBhayibhile inikela ubungqina obaneleyo ukuqinisekisa oko ikuthethayo ngekamva?” Oku kuya kuvelisa into eninokubhekisela kuyo xa ubuyele. Nikela incwadi ethi Ililizwi LikaThixo. Xa ubuyela usenokuqwalasela isahluko 9 nese-10 sencwadi Ililizwi LikaThixo.

6 Ukuba sigqala umninimzi ngamnye njengomntu osenokuba ngumfundi, siya kuzabalazela ukuba sisebenzise amagqabaza ethu okuqukumbela ukuze sandlale isiseko sokubuyela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share