‘Nibafundisa . . . Izinto Endiniwisele Umthetho Ngazo”
1 Ukwenza abafundi kubandakanya ukufundisa. Ngaphambi kokuba ubani abe ngumfundi kaKristu, umele afundiswe ‘ukugcina zonke izinto’ uYesu awawisa umthetho ngazo. (Mat. 28:19, 20) Eyona ndlela ilunge ngakumbi yokuphumeza oku kungesifundo seBhayibhile sekhaya.
2 Izifundo zeBhayibhile akusoloko kulula ukuziqalisa. Ukuba unobunzima ekufumaneni isifundo seBhayibhile, musa ukudimazeka. Impumelelo ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile ifuna ukuzimisela nomnqweno wokunyaniseka wokudlulisela inyaniso kwabanye.—Gal. 6:9.
3 Ukukhulisa Umdla: Ingxubusho yakho yokuqala isenokuvelisa umdla olinganiselweyo kuphela. Abazalwana bethu abaninzi banomkhwa wokubuyela kuphela apho bekushiywe incwadi khona okanye apho bekufunyenwe umntu onomdla kakhulu. Kwiimeko ezininzi simele siwuhlakulele umdla womninimzi ngenyaniso. Mhlawumbi umninimzi wamkele iphecana kuphela, incwadana enemifanekiso, okanye amaphephancwadi. Usenokukwazi ukusebenzisa enye yezi ukuqalisa isifundo seBhayibhile sekhaya. Ukuba umninimzi ubonisa umdla obhekele phaya kwisigidimi, usenokukhuthazelwa kwenye impapasho efanelekileyo kutyelelo lwexesha elizayo.
4 Ukulungiselela kungundoqo wokuzuza impumelelo. Kutheni ungakhethi kusengaphambili indinyana yeSibhalo ecatshuliweyo kwiphecana, kwincwadana enemifanekiso, okanye kwiphephancwadi oceba ukulisebenzisa kwibuyelo? Ngaloo ndlela uya kukwazi ukunxibelelanisa amagqabaza asuka kwimpapasho nengxubusho yakho. Usenokude ukwazi nokufunda isiqendu esinye okanye ezibini ngokungqalileyo ngokusuka kwimpapasho leyo.
5 Usenokuthetha oku:
◼ “Besisabelana ngenkcazelo ethile engesiprofeto esiphawulekayo esizalisekayo ngoku.” Funda uMateyu 24:3 wandule ke unxibelelanise imifanekiso namagqabaza akwiphepha 149-54 encwadi Unokuphila Ngonaphakade. Intshayelelo efana nale isenokusetyenziswa nalapho umninimzi ebamkele kuphela iphephancwadi, incwadana enemifanekiso, okanye iphecana.
6 Sifanele sibuyele ngokukhawuleza kubo nabaphi na abanomdla. Zama ukubuyela ebudeni baloo veki ukuze incoko yexesha elidluleyo ibe isentsha engqondweni yomninimzi. Sihlandlo ngasinye usiya kuye, qwalasela iziqendu ezimbalwa kuloo mpapasho ubuyishiyile.
7 Namhlanje kusekho umsebenzi omninzi osafanele wenziwe kwisivuno esikhulu esaxelwa kwangaphambili nguYesu. (Mat. 9:37, 38) Njengokuba siqhubeka sifundisa abantliziyo zinyanisekileyo, sinesiqinisekiso sikaYesu esomelezayo sokuba ‘unathi yonke imihla kude kube sekuphelisweni kweli phakade.’