Isigidimi Esisexesheni
Njengokuba bekwenziwe isaziso kwinkupho kaJanuwari 1993 yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani, intetho yesidlangalala ekhethekileyo yexesha leSikhumbuzo kulo nyaka iya kunikelwa kumabandla amaninzi ngoMatshi 28. Isigidimi sayo esisexesheni sinomxholo othi “Uyijonga Njani ‘Imisebenzi KaThixo’?” Kufanele kwenziwe umgudu okhethekileyo wokumema bonke abantu abanomdla. Abo bakhoyo banokukhuthazwa ukuba babekho kwiSikhumbuzo esingoAprili 6.