Ekulungiseleleni Isikhumbuzo
Ngaba bonke, kuquka isithethi, bazisiwe ngexesha nendawo echanileyo yesikhumbuzo? Ngaba isithethi sinayo into yokuhamba?
Ngaba enziwe amalungiselelo aqinisekileyo okufumana imifuziselo kwindawo efanelekileyo nawokuba ibe ngexesha elifanekileyo?
Ngaba enziwe amalungiselelo okuba itafile ilungiselelwe kwangaphambili nelaphu elicocekileyo neegilasi ezaneleyo neepleyiti?
Ngawaphi amalungiselelo enziweyo okucoca iHolo yoBukumkani kusengaphambili? Ngaba silungiselelwe isandisi-lizwi esifanelekileyo ukuba kuqeshwe iholo?
Ngaba abalindi nabo baza kuhambisa imifuziselo babelwe? Ngaba kuye kwalungiselelwa ukuba kubekho intlanganiso nabo ukuze bachazelwe kusengaphambi kweSikhumbuzo izabelo zabo? Iza kuba nini? Yiyiphi inkqubo eya kulandelwa ukuqinisekisa ukuba imifuziselo ihanjiswa kubo bonke ngendlela eyiyo?
Ngaba enziwe amalungiselelo okunceda abazalwana noodade abakhulileyo nabagulayo? Ngaba enziwe amalungiselelo okuhambisela imifuziselo nawuphi omnye wabathanjiswa onokuba uvalelekile yaye akanakho ukubakho ebandleni?