IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/94 iphe. 1
  • Zukisani Izibulo LikaYehova!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Zukisani Izibulo LikaYehova!
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukunceda Bonke Ababonakalise Umdla
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • “Nikela Ubungqina Obucokisekileyo Kwiindaba Ezilungileyo”
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Yenza Okulungileyo!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • UYehova Uyazisikelela Iinzame Esizenzayo Zokubakho ESikhumbuzweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 2/94 iphe. 1

Zukisani Izibulo LikaYehova!

1 NgeCawa, ngoNisan 9, 33 C.E., isihlwele esikhulu esasiphethe amasebe esundu ezandleni zaso sazukisa uNyana kaYehova olizibulo, iNkosi uYesu Kristu, ‘njengoKumkani ozayo egameni leNkosi!’ (Luka 19:38; Heb. 1:⁠6) NgoMvulo nangoLwesibini, ngoNisan 10 nowe-11, uYesu wayexakeke kakhulu kubulungiseleli bakhe basekuhleni, nto leyo eyenza ukuba loo mihla yakhe yokugqibela ibe yeyona ixakekileyo kubomi bakhe basemhlabeni.

2 Namhlanje, isihlwele esikhulu ngakumbi esiphethe amasebe esundu okomfuziselo ezandleni zaso sidanduluka ngezwi elikhulu sisithi: “Usindiso kuye uThixo wethu, lowo uhleli phezu kwetrone, nakuyo iMvana!” (ISityhi. 7:​9, 10) NgoMatshi 26, siya kuhlanganisana ukuze senze iSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Njengokuba loo mhla usondela, ngaba singawandisa umgudu wethu kubulungiseleli size ngaloo ndlela songezelele kwintswahla yendumiso eyenziwa emhlabeni wonke?

3 Yandisa Umsebenzi Wasentsimini: Abavakalisi abaninzi sele bebhalisele ukuba ngoovulindlela abangabancedani ebudeni bukaMatshi. Ngaba ungathanda ukubathelela? Ukuba kunjalo, faka isicelo sakho ngaphandle kokulibazisa. Omnye wabadala uya kukuvuyela ukuphendula nayiphi na imibuzo osenokuba nayo mayela nalo msebenzi.

4 Enoba unokukhonza njengovulindlela ongumncedani okanye akunakukwazi, kuya kufuneka ube nesabelo ngokupheleleyo kubulungiseleli ebudeni bukaMatshi. Ibandla lisenokukwazi ukwenza ilungiselelo lokunikela ubungqina njengeqela yonke imihla ebudeni bale nyanga. Kufanele kubekho intsimi eyaneleyo egcinelwe le njongo.

5 Onke amabandla afanele alungiselele ukuba nentlanganiso ekhethekileyo yenkonzo yasentsimini ngoMgqibelo, ngoMatshi 26. Nangona kukuninzi ekufuneka kwenziwe ukulungiselela iSikhumbuzo, kunconyelwa ukuba wonke ubani onako ukwenjenjalo abe nesabelo kubulungiseleli basentsimini ngentsasa yangoMgqibelo. Ukongezelela ekusebenzeni kwindlu ngendlu, qinisekani ukuba abo nibamemele eSikhumbuzweni banayo into yokuhamba yaye balazi kakuhle ixesha nendawo ekuhlanganiswana kuyo.

6 Mema Uze Ukhuthaze Abanye: UYesu wayalela abalandeli bakhe wathi: “Oku kwenzeleni ukundikhumbula.” (1 Kor. 11:24) Njengokuba abalandeli bakaYesu abathanjisiweyo abalandela emanyathelweni akhe bewuthobela loo myalelo, mkhonzi ngamnye kaYehova uyamenywa ukuba abekho aze agcine iSikhumbuzo. Phakathi kwabantu obamemayo, ufanele umeme abo ubaqhubela isifundo seBhayibhile, izalamane, abo wawukhe waxubusha nabo iBhayibhile, amaqabane angakholwayo nabo usebenza nabo. Yenza uludwe lwamagama ukuze ungalibali namnye kubo.

7 Kuya kubakho amathuba awongezelelekileyo okukhuthaza abantu abanomdla eSikhumbuzweni. Qiniseka ukuba ufika kwangethuba ukuze ukwazi ukubulisa abasebatsha abaqalayo ukubakho. Ukuba kukho abaninzi kwabo ubaqhubela isifundo seBhayibhile, kusenokuba sengqiqweni ukuba omnye umvakalisi ahlale nabanye babo ebudeni bentlanganiso. Mema abo basebatsha ukuba babekho kwiNtlanganiso Yesidlangalala ebakho rhoqo ebandleni. Umdala okhethelwe ukunikela intetho yesidlangalala ufanele alungiselele kakuhle ukuze anikele intetho ekhuthazayo.

8 Ekuqukumbeleni iSikhumbuzo, xa sonke sithelela ngamazwi ethu ekuvumeni ingoma 105, “Zukisani Izibulo LikaYehova!,” ngamana singajonga emva sanelisekile yinzondelelo ebesinayo ebudeni benyanga yomsebenzi wobuthixo ukuze kuzukiswe uYehova!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share