Yakha Umdla KuBukumkani BukaThixo Boxolo
1 Ebudeni benyanga kaFebruwari, siza kuhambisa incwadi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Injongo yethu ifanele ibe kukunceda abantu abantliziyo zinyanisekileyo babe noxabiso ngoBukumkani bukaThixo nangoko buya kukufeza. Imibuzo ehlokoz’ imbono inokusinceda kule nkalo.
2 Iphecana elithi “Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo” lisenokusetyenziswa ukutshayelela umnikelo. Emva kokubulisa ngobuhlobo, sisenokuthetha okufana noku:
◼ “Kwenzeka iinguqulelo ezimangalisayo koorhulumente namhlanje ehlabathini lonke, yaye kusoloko kuthethwa ngokufuna uxolo. Ngaba ucinga ukuba uxolo lokwenyaniso luya kuze lufunyanwe? [Vumela impendulo.] Nangona abaninzi bethembele kubalawuli abangabantu ukuba bazise uxolo, phawula indlela uThixo athembisa ukuluzisa ngayo uxolo njengokuba kuboniswe kwiNdumiso 46:9. [Yifunde.] Ziziphi iinguqulelo ocinga ukuba eli nyathelo likaThixo liya kuzizisa? [Phulaphula impendulo yomninimzi, wandule ke umbonise iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo.] Ngaba unomfanekiso-ngqondweni woko kuboniswe kulo mfanekiso?” Qwalasela inkcazelo ephantsi komxholwana othi “Ubomi Kwihlabathi Elitsha LikaThixo.” Ukuba imeko iyavuma, yalathisela ingqalelo yomninimzi kwinkcazelo ekwiphepha 156-62 kwincwadi Unokuphila Ngonaphakade. Yihambise le mpapasho ngomnikelo wee-R9,00. Mshiyele iphecana umninimzi enoba uyawamkela umnikelo okanye akawamkeli. Sinokuyiqukumbela ingxubusho ngokubuza oku: “Ngaba ucinga ukuba urhulumente kaThixo uya kuzizisa ezi nguqulelo?” Lungiselela ukubuyela uze uqhubeke nengxubusho.
3 Okanye sisenokuthi:
◼ “Abantu abaninzi bavakalisa ukuxhalaba okukhulu ngeengxaki eziphazamisayo sonke ekufuneka sihlangabezane nazo mihla le. Ngaba uvakalelwa kukuba likho ithemba lokuba singakhululeka kwezi ngxaki? [Vumela impendulo.] Bambi basenokuvakalelwa kukuba uThixo akayikhathalele imeko esikuyo. Noko ke, phawula oko akuthembisa kwiSityhilelo 21:3, 4.” Zifunde ezi ndinyana. Emva koko yalathisela ingqalelo yomninimzi kwincwadi Unokuphila Ngonaphakade. Usenokuphakamisa lo mbuzo: “Kutheni uThixo evumele ubungendawo?” Tyhila kwisahluko 11 sencwadi Unokuphila Ngonaphakade. Ukuba ixesha liyavuma, ngokufutshane usenokwalathisela ingqalelo yomninimzi kwisiqendu 1 nesesi-2 kwiphepha 99. Hambisa incwadi uze wazise umninimzi ukuba ungakuvuyela gqitha ukuqhubeka nale ngxubusho kutyelelo olulandelayo.
4 Ukuba umninimzi sele enayo le mpapasho okanye akanamdla wakuyithabatha ngenxa yesizathu esithile, ngoko hambisa amaphephancwadi akutshanje ngokwenza amagqabaza ngengongoma ethile kwinqaku olikhethileyo.
Usenokuhambisa iphephancwadi ngokuthi:
◼ “Eli nqaku liyanaba ngalo mbandela. [Funda isivakalisi esinye okanye ezibini ozikhethe kwangaphambili.] Eli nqaku linikela iingongoma ezongezelelekileyo eziya kungqineka zilukhuthazo kuwe nakwintsapho yakho. Ekubeni ubonakala unomdla kulo mbandela, singakuvuyela ukukushiyela le nkupho nephephancwadi eliliqabane layo ngomnikelo we-R1,60.”
5 Ngokufuthi abantu namhlanje abayazi indawo abanokuya kuyo ukuze bafumane izicombululo zeengxaki uluntu olujamelene nazo. Sinelungelo lokwabelana nabo ngethemba eliqaqambileyo ngekamva. (IZe. 17:27) Ngoko, ngamana ngenkuthalo singalathisela ingqalelo yabantu kuBukumkani bukaThixo, obungumthombo wokwenyaniso woxolo.