INtlanganiso YeNkonzo Isixhobisela Wonke Umsebenzi Olungileyo
1 Injongo yeNtlanganiso Yenkonzo ikukusikhuthaza nokusixhobisa ukuze sibe nesabelo ngokuzele ngakumbi kumsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi. (2 Tim. 3:17) Noko ke, ukuba asiyilungiseleli kakuhle le ntlanganiso okanye siyasilela ukusebenzisa oko sikufundayo, asiyi kungenelwa kangako.
2 Ukulungiselela kusengaphambili kuya kukunceda ungenelwe ngokuzele ngakumbi kwimiyalelo enikelwayo. Hlolisisa iimpapasho eziza kusetyenziswa uze uziphathe ukuze ujonge kuzo xa zicatshulwa nokuze ukwazi ukuba nenxaxheba. Yiba ngumphulaphuli onenyameko, uze ubhale amanqaku oya kuwasebenzisa kamva.
3 Umveleli owongamelayo uhlolisisa ngenyameko iinxalenye ezicwangciselwe le ntlanganiso. Abadala nezicaka zolungiselelo abanobuchule nabafanelekayo babelwa ukuba bazilungiselele. (om-XO iphe. 70) Amabandla anabadala nezicaka zolungiselelo abambalwa asenokwabela abanye abazalwana abafanelekayo babancedise. (km 12/76, ISingxobo Semibuzo) Isithethi ngasinye sifanele silungiselele kakuhle, sinamathele ngokupheleleyo kulwalathiso olunikelweyo, size siqinisekise ukuba asilityi ixesha.
4 Ngokuqhelekileyo le ntlanganiso iqala ngezaziso. Umzalwana ezabelwe yena ufanele adibane nomveleli owongamelayo kusengaphambili ukuze afumane imibandela ekufuneka ikhankanyiwe. Le isenokuquka iileta ezivela kuMbutho okanye izikhumbuzo zamalungiselelo enkonzo okanye iingxelo zeenyanga ngeenyanga. Sisenokuva ukuba kukho abathile abasesibhedlele abafuna ukutyelelwa okanye sive iinkcukacha zemisebenzi yebandla ecetyelwe ukwenziwa kwixa elizayo. Nikela ingqalelo epheleleyo ukuze wazi okuqhubekayo uze ukulungele ukuphumeza indima yakho.
5 Xa kwinxalenye yale ntlanganiso kufuneka abaphulaphuli babe nenxaxheba, lungiselela ngokuwufunda loo mbandela nangokuhlolisisa izibhalo. Cinga ngendlela oceba ukuwasebenzisa ngayo amacebiso anikelweyo nangamagqabaza onokuwenza ukuze ukhuthaze abanye. Usenokubonisa ukuxabiseka okusebenzisekayo komyalelo othile ngokubalisa amava amafutshane.
6 Xa kukho umboniso, zama ukuzicingela ukwimeko efanayo, uze ucinge ngoko ubuya kukuthetha. Phawula iingongoma ezisetyenzisiweyo nendlela yokuqiqa. Zama ukukhumbula oko ubukuthethe kwixa elidluleyo xa ubukwimeko efanayo, uze ucinge ngendlela iingongoma ezikulo mboniso ezinokukunceda ngayo ufumane imiphumo emihle ngakumbi kwixa elizayo.
7 Abo banenxaxheba kwimiboniso nakudliwano-ndlebe bafanele balungiselele kakuhle kusengaphambili. Ngamnye ufanele akwazi oko aza kukuthetha noko afanele akwenze xa eseqongeni. Iinxalenye ezingalungiselelwanga azidli ngakubashukumisa okanye zibakhuthaze abaphulaphuli. Bambi beza belungele ukulungiselela iinxalenye zabo emva kweSifundo seMboniselo ukuze baqhelisele eqongeni baze bazise abazalwana abanyamekela izandisi-lizwi okuya kufuneka.
8 Maxa wambi olu cwangciso luba nentetho exubusha ngentswelo ethile yebandla okanye esekelwe kwinqaku elisexesheni leMboniselo. Phulaphula ngenyameko, sithabathe nzulu eso siluleko, uze uzame ukusisebenzisa.
9 Sifuna ‘ukulungela wonke umsebenzi olungileyo.’ (2 Tim. 2:21) INtlanganiso Yenkonzo lelinye lamalungiselelo enziwa nguYehova okusinceda senze oko. Ukubakho ngokuthembeka nokwenza umgudu ngokunyanisekileyo wokusebenzisa oko sikufundayo ngokuqinisekileyo kuya kusinceda ukuze ‘sibuzalise ubulungiseleli bethu.’—2 Tim. 4:5.