Indlela Yokulungiselela INtlanganiso Yenkonzo
1. Yintoni injongo yeNtlanganiso Yenkonzo, yaye sinokungenelwa njani kuyo?
1 INtlanganiso Yenkonzo yenzelwe ukusixhobisa ukuba siphumelele entsimini. Injongo isekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani, ekwenzeni abafundi, nasekuvakaliseni imigwebo kaThixo eza kufika kungekudala. (Mat. 28:19, 20; Marko 13:10; 2 Pet. 3:7) Singenelwa kakhulu kwezi ntlanganiso zibalulekileyo xa silungiselele yaye sikulungele ukuba nenxaxheba.
2. Sinokukulungiselela njani ukuphulaphula intetho?
2 Intetho: Umthombo wombandela wentetho udla ngokunikelwa kwimiyalelo eya kwisithethi. Unokufunda umbandela owabelweyo, kuquka nezibhalo, yaye ucinge ngendlela onokuyisebenzisa ngayo inkcazelo entsimini.
3. Yintoni esinokuyenza ukuze silungiselele ingxubusho yemibuzo neempendulo?
3 Ingxubusho Yemibuzo Neempendulo: Le nxalenye iya kusingathwa njengeSifundo SeMboniselo, iya kuba nentshayelelo nomqukumbelo omfutshane. Krwelela iingongoma eziyintloko kwisiqendu ngasinye, uze ukulungele ukunikela amagqabaza amafutshane.
4. Sinokuyilungiselela njani ingxubusho nabaphulaphuli?
4 Ingxubusho Nabaphulaphuli: Le nxalenye iya kunikelwa njengentetho, kodwa isithethi siya kufuna inxaxheba yabaphulaphuli. Ukuba ukrwelela iingongoma eziyintloko uze ujonge izibhalo ezibonisiweyo, unokukulungela ukugqabaza xa kubuzwa imibuzo. Umzalwana osingatha le nxalenye uya kwenza unako-nako ukubandakanya abaphulaphuli ukuze kugutyungelwe iingongoma eziyintloko.
5. Yintoni eya kusinceda singenelwe ngakumbi kwimiboniso?
5 Imiboniso: Ezinye inxalenye ziyakuquka imiboniso esengqiqweni ebonisa indlela inkcazelo exutyushwayo enokusetyenziswa ngayo kwintsimi yasekuhlaleni. Abadala okanye abavakalisi abanamava okanye oovulindlela baya kucelwa ukuba bancedise kule nkalo. Ukulungiselela le nxalenye kuya kuquka ukucinga ukuba inokunikelwa njani. Xa kuboniswa intshumayelo engumzekelo, cinga ngendlela onokuyinikela ngayo ebantwini ukuze ilungele abaninimzi abahlukeneyo. Qinisekisa ukuba unayo impapasho okanye iphephancwadi eliza kusetyenziswa embonisweni. Ebudeni boNqulo Lwentsapho yakho, uya kukufumanisa kuyingenelo ukuqhelisela enye yezi ntshayelelo.
6. Ziziphi ezinye izizathu zokulungiselela iNtlanganiso Yenkonzo?
6 Siya kungenelwa ngakumbi kwiNtlanganiso Yenkonzo xa siye salungiselela saza sacingisisa ngemiyalelo eza kunikelwa. Ukwenjenjalo kuya kubangela ukuba sikhuthazane. (Roma 1:11, 12) Ukuba sizenzela ixesha lokulungiselela iNtlanganiso Yenkonzo, siya kukuxhobela ukuphumeza umsebenzi wethu.—2 Tim. 3:17.