Isingxobo Semibuzo
◼ Zifanele ziqhutywe nini iZifundo Zencwadi Zebandla?
Ngokuqhelekileyo kusengqiqweni yaye kuluncedo ukuba namaqela amaninzi esifundo sencwadi ahlanganisana kwiindawo ezigqagqeneyo kwintsimi yebandla kunokuba bonke abantu bahlanganisane eHolweni yoBukumkani. Ezi zifundo zifanele ziqhutywe ngexesha elilelona lilungele inkoliso yabantu ababelwe kuzo. Ngokuqhelekileyo, eli xesha liba ngorhatya ebudeni beveki xa kungekho ntlanganiso zizezinye okanye imisebenzi yenkonzo elungiselelweyo. Noko ke, kusenokuba yingenelo ukulungiselela isifundo sencwadi sasemini ukulungiselela abantu abalupheleyo abangafuni kuhamba xa sekurhatyele kunye nabo basebenza ebusuku. Kwiimeko ezimbalwa, kusenokuba sengqiqweni ukuba nesifundo esiqhutywa emini ngempela-veki.
Abadala banokwenza uhlolisiso olufanelekileyo ukuze babone enoba amaxesha eentlanganiso ‘aya kulungela inkoliso yabavakalisi’ kunye nabanomdla. (om-XO iphe. 62) Ixesha elikhethiweyo lifanele libe ngosuku nangeyure engayi kuphazamisana okanye inciphise ngokungeyomfuneko amalungiselelo enkonzo yasentsimini.