IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/95 iphe. 1
  • Ukuqonda​—⁠ILizwi LoBukumkani

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuqonda​—⁠ILizwi LoBukumkani
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • UBukumkani BukaThixo—Ngaba Uyabuqonda?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ukudla Kokomoya Kwemihla Ngemihla—Kuyimfuneko Kwintsapho YamaKristu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Ucwangciso Lwentsapho—Itekisi Yosuku
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Vakalisa Isigidimi SoBukumkani
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
km 2/95 iphe. 1

Ukuqonda​—⁠ILizwi LoBukumkani

1 Kumzekeliso wakhe womhlwayeli, uYesu wathi imbewu ewa ‘kumhlaba omhle’ ifanekisela ‘lowo ulivayo ilizwi aliqonde.’ (Mat. 13:23) Sakuba sivile ngoBukumkani, ngaba ‘sibuqondile’? Bubuchaphazela kangakanani ubomi bethu? Ngaba izilangazelelo zoBukumkani sizibeke kwindawo yokuqala, ngaloo ndlela sibonisa ukuba siyasiqonda eso sigidimi?

2 Ukuze sisiqonde ngokuchanileyo isigidimi soBukumkani kufuneka senze ufundisiso lobuqu. Kufuneka sibe nexesha lokucamngca ngokudla kokomoya esikulungiselelweyo. Ukufunda IMboniselo singxamile kufana nokuphanga ukutya okumnandi nokunesondlo. Ngaba uzinika ixesha lokukuqwalasela kakuhle ukutya kokomoya? Ukuze singenelwe ngokona kona, kumele kubekho into esishukumisayo nomdla wokutya kokomoya. Ukuba asinazo ezi zinto, ezinye izinto zinokuyinciphisa indlela esingenelwa ngayo kufundisiso lobuqu okanye zisityele ixesha esilifunayo lako. Ukunamathela kucwangciso oluhle lofundisiso akulula. Nangona kufuna ukuzilungelelanisa ngenyameko izinto eziza kuqala, ubutyebi bokomoya obufumanayo abunganganto.​—⁠IMize. 3:​13-18; Kol. 1:⁠27.

3 Ukuhlolisisa IZibhalo kusinceda mihla le ukuba sicinge ngezinto ezifanelekileyo nezakhayo ezingoBukumkani. Abo “bangamahlwempu ngomoya” baceba ukuba yonke imihla bachithe imizuzu embalwa behlola itekisi yosuku namagqabaza. (Mat. 5:⁠3) Iitekisi zosuku ezininzi zicacisa iinkalo ezahlukeneyo zoBukumkani. Ngokomzekelo, ngoNovemba 22, 1994, isibhalo esasibalaseliswa yayinguMateyu 13:⁠4. Amagqabaza ayexubusha ngethemba loBukumkani aza asikhumbuza ngeengozi zonxulumano olungakhiyo nezalamane nabamelwane. Isibakala sokuba kumakhaya aseBheteli ehlabathini lonke, kubakho ingxubusho yemizuzu eli-15 yetekisi yosuku kusasa ngosuku ngalunye ekusetyenzwayo ngalo sibethelela iingenelo nobunzulu bokuqwalasela itekisi yosuku kunye. Ngaba intsapho yakho yenza okufanayo kucwangciso lwayo lwemihla ngemihla?

4 Njengokuba uxabiso lwakho ngoBukumkani lukhula, uya kuba nentshukumisa engakumbi yokwabelana nabanye ngesigidimi soBukumkani. IMboniselo noVukani! zinikela oko kunokufaniswa nokutya kwengqondo okondla iingqondo zethu ngenkcazelo ehlaziyayo nesexesheni. Zisinceda sihlale sisazi ukuba ihlabathi libufuna kangakanani na uBukumkani bukaThixo. Zisinceda sibe ngabantu bokomoya, ‘abanengqiqo kaKristu.’ (1 Kor. 2:​15, 16) Konke oku kunokomeleza ithemba lethu kuze kwandise inzondelelo yethu ekwabelaneni nabanye ngethemba loBukumkani.​—⁠1 Pet. 3:⁠15.

5 Kubalulekile ukuba ngamnye wethu asiqonde isigidimi soBukumkani. UBukumkani yindlela uThixo aya kuyisebenzisa ukuphakamisa ulongamo lwakhe, aphelise ubungendawo aze azise ihlabathi elitsha​—⁠iparadisi. UYesu wayalela ukuba sibubeke kwindawo yokuqala ebomini bethu. Ukuze silawulwe bubo simele sibe ngabalawulwa ababumvu. (Mat. 6:​10, 33) Lixhakamfule ithuba onalo lokunandipha iintsikelelo zabo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share