IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/95 iphe. 4
  • Iindaba Ezilungileyo Zabalulamileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iindaba Ezilungileyo Zabalulamileyo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Hambisa Amaphephancwadi Entsimini
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Hambisa Imirhumo Ngawo Onke Amathuba
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Zama Ukululama Uze Uvuyise UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
km 5/95 iphe. 4

Iindaba Ezilungileyo Zabalulamileyo

1 Siphila kwixesha apho umgwebo usondeleyo. (Hez. 9:​5, 6) Kungxamisekile ukuba abalulamileyo baziswe kwiindawo zonke ukuze balungele oko kuzayo. Ngobubele bakhe obunothando, uYehova uthume abantu ‘ukuba bashumayeze abalulamileyo iindaba ezilungileyo.’ (Isa. 61:​1, 2) Amaphephancwadi ethu asinceda sivakalise ezi ndaba zilungileyo kwiindawo zonke.

2 IMboniselo noVukani! zisinika ukudla okuqinileyo kokomoya okusomelezayo nokusikhuthazayo. IMboniselo ithuthuzela abalulamileyo ngeendaba ezilungileyo zokuba uBukumkani bukaThixo kungekudala buza kuguqula umhlaba ube yiparadisi. UVukani! wakha ukholo kwidinga loMdali lehlabathi elitsha elinoxolo nonqabiseko. Ukusasaza la maphephancwadi kwiindawo zonke kuyenye yezona ndlela zikhawulezayo zokusa iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo. Ziziphi iingongoma ekunokuthethwa ngazo esinokuzibalaselisa kwiinkupho zakutshanje?

3 “IMboniselo” kaMeyi 1 unokuyihambisa ngokutyhila kwinqaku elithi “Ukungenelwa Ekufundeni IBhayibhile Yonke Imihla” uze ubuze lo mbuzo:

◼ “Ucinga ukuba sinokungenelwa njani ngokufunda iBhayibhile? [Vumela impendulo.] IBhayibhile, kumaRoma 15:​4, isinceda sicinge ngaloo mbuzo. [Funda amaRoma 15:⁠4.] Inkoliso yabantu ekuhlaleni inayo iBhayibhile, kodwa bambalwa abanexesha lokuyifunda rhoqo. Sikholelwa ukuba ekuphela kwethemba ngekamva lifumaneka eBhayibhileni, ibe siya kusikelelwa ukuba siyayifunda.” Yongezelela ngamagqabaza afanelekileyo, wandule ke unikele umrhumo. Ukuba umrhumo awamkelwa, nikela amaphephancwadi amabini.

4 “IMboniselo” kaMeyi 15 ibalaselisa inqaku elinomtsalane elinomxholo othi: “Ookhokho Bethu Baya Kufumana Ubomi Obutsha.” Usenokuvusa umdla ngale ntshayelelo:

◼ “Abaninzi baye bafuna ukwazi ukuba babenjani ookhokho babo. Ekubeni bafayo yaye bengasekho, inkoliso yabantu igqiba kwelokuba asinakuze sibazi. Ngaba ucinga ukuba kungaze kwenzeke sibazi ookhokho bethu?” Vumela impendulo. Funda uYohane 5:​28, 29, uze ucacise indlela uThixo athembise ukubanika ubomi obutsha ngayo kumhlaba oyiparadisi.

5 U-“Vukani!” kaMeyi 8 unokumhambisa ngokubuza lo mbuzo:

◼ “Ucinga ukuba kuya kufuneka ntoni ukuze kube mnandi ukuphila?” Vumela impendulo. Tyhila kwinqaku elithi “Iyintoni Intsingiselo Yobomi?,” iphepha 29, uze ufunde amazwi kaSolomon kwiNtshumayeli 2:11. Wandule ke, ubonise icebiso lakhe kwisahluko 12, indinyana 13. Cela umninimzi amkele umrhumo weli phephancwadi. Ukuba akanamali yaneleyo, usengathanda ukunikela umrhumo weenyanga ezintandathu, okanye amaphephancwadi amabini.

6 Ukuba uhambisa amaphephancwadi ngaphambi kukaMeyi 14, qiniseka ukuba uphatha imibhalo yephecana iKingdom News No. 34 uze uyinike nabani na ongekawufumani umbhalo walo. Sifanele sisoloko sikulungele ukunikela uncwadi lwethu, siqonda ukuba lusenokufundwa ngabanye entsatsheni nangabahlobo abasenokubatyelela. (1 Tim. 6:⁠18) Iindaba ezilungileyo esizizisela abalulamileyo zisenokusindisa ubomi babo.​—⁠1 Tim. 4:⁠16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share