Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Februwari 1
“Ucinga ukuba singamazi ukuba uThixo unjani? [Mlinde aphendule.] Ndinenkcazelo ebangel’ umdla ngokuphathelele lo mbandela.” Xubusha umbandela ophantsi kombuzo 2 okwiphepha 16 nesinye sezibhalo ezicatshuliweyo. Mnike amaphephancwadi uze wenze amalungiselelo okubuya ukuze nixubushe umbandela ophantsi kombuzo 3.
Vukani! Februwari
“Ngenxa yokuba iBhayibhile iyincwadi endala, abanye bathi ayichananga ngokwenzululwazi. Uthini wena? [Mlinde aphendule.] Abaninzi bayothuka xa besiva oku kuthethwa yiBhayibhile. [Funda uIsaya 40:22.] Inqaku elikwiphepha 22 liphendula umbuzo othi, Ngaba inzululwazi neBhayibhile ziyavumelana?”
IMboniselo Matshi 1
“AmaNgqina kaYehova aziwa ngokushumayela. Ngaba wakha wazibuza isizathu sokuba senze lo msebenzi? [Mlinde aphendule.] Nasi isizathu. [Funda uMateyu 24:14.] Eli phephancwadi liphendula le mibuzo: Ziziphi ezi ndaba zilungileyo? Buyintoni uBukumkani? Yaye siyintoni esi siphelo siza kufika?”
Vukani! Matshi
“Njengoko bebaninzi abantu abagulayo, sikhuthaza abantu ngokubafundela le ndinyana. [Funda uIsaya 33:24.] Xa le ndinyana sele izalisekile, ucinga ukuba ubomi buya kuba njani? [Mlinde aphendule.] Njengoko uThixo engekakwenzi oku, zikho izinto esinokuzenza ukuze sibe sempilweni. Ezo zinto ziyachazwa kweli phephancwadi.”