Ucwangciso Olutsha LweNdibano Ekhethekileyo Yosuku Olunye
1 Kutheni simele sishumayele iindaba ezilungileyo singayeki? Ziziphi izinto ezifunekayo ukuze ube ngumshumayeli weendaba ezilungileyo? Kwanabo baneentloni banokuba nesabelo njani ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kwabanye bengaqhutywa? Le neminye imibuzo ehlokoz’ ingcinga iya kuphendulwa kucwangciso lwendibano ekhethekileyo yosuku olunye oluya kuqalisa ngoSeptemba, olunomxholo othi “Ukufaneleka Njengabalungiseleli Beendaba Ezilungileyo.”—Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 3:5.
2 Njengabantu bakaYehova, simele siyilumkele ihambo yethu. Kuya kunikelwa amava akhuthazayo ngabaselula ababalisa indlela abaye bayixhathisa ngayo ingcinezelo yoontanga. Abazali baya kunikwa ukhuthazo lothando ngokuphathelele intswelo yokuqeqesha abantwana babo njengabalungiseleli bakaThixo. Sonke siya kuncedwa siqonde ukubaluleka kokushumayela neentsikelelo ezizuzwa sithi nabo basiphulaphulayo.—1 Tim. 4:16.
3 Ngokuqinisekileyo ubhaptizo luya kuba yincopho yolo suku. Ngaphambi kweso siganeko, kuya kubakho intetho esekelwe eBhayibhileni ebhekiswa ngokukhethekileyo kubantu abasandul’ ukuzahlulela. Kakade ke, bonke abakhoyo kuya kufuneka banikele ingqalelo njengoko kuxutyushwa ngobhaptizo yaye kucaciswa intsingiselo yalo. Nabani na onqwenela ukubhaptizwa kwindibano ekhethekileyo yosuku olunye ufanele azise umveleli owongamelayo kusengaphambili ukuze abe nexesha elaneleyo lokulungiselela ukuba abadala bahlolisise imibuzo elungiselelwe abo baza kubhaptizwa.
4 Enye imbalasane iya kuba yintetho ephambili eya kunikelwa sisithethi esityeleleyo. Inomxholo othi “Ukufanelekela Nokuxhotyiselwa Ukuba Ngabalungiseleli BakaThixo.” Kuya kuxutyushwa amalungiselelo amane aziintloko asixhobisa njengabalungiseleli, yaye le ntetho iya kuquka amava akha ukholo.
5 Kwiminyaka embalwa edluleyo liye lehla inani labezayo kwiindibano zethu ezikhethekileyo zosuku olunye, ngoko ceba kwangoku ukubakho kucwangciso lonke. Qiniseka ukuba umema abanomdla nabaqhutyelwa izifundo zeBhayibhile ukuze nabo bangenelwe kolu suku lwemfundo yobuthixo. Ngale ndlela sinokuqinisekisa ukuba “sifaneleka ngokupheleleyo” njengabalungiseleli beendaba ezilungileyo.