Zibekele Ixesha Lomsebenzi Wamaphephancwadi
1 UYehova wenze isigqibo sokuba abo balandela iindlela zakhe baya kuba ‘noxolo, ikamva nethemba.’ (Yer. 29:11) Inkcazelo engeli themba inikelwe ngendlela esexesheni kwiMboniselo noVukani! La maphephancwadi anokuba yingenelo kuzo zonke iindidi zabantu abaphantsi kwazo zonke iimeko. (1 Tim. 2:4) Ngaba wena nentsapho yakho nizibekela rhoqo ixesha lokusasaza amaphephancwadi?
2 Ukuba inani lamaphephancwadi owahambisayo belisihla, unokuyilungisa njani le ngxaki? Enye indlela ebalulekileyo kukugcina uxabiso lwakho luphila ngoko kuqulethwe ngamaphephancwadi ethu. Enye indoda yabhala oku: “Ukufunda amaphephancwadi enu kuvuyisa ngokwenene. ‘Akangobathuthuzeli’ nje abangacacanga nabanexabiso eliphantsi kodwa aqulethe ukhokelo nolwalathiso ngendlela yokwenza ubomi bube nentsingiselo.” IMboniselo noVukani! ziveliswe ngokuthi kwenziwe uphando ngenyameko ibe zilungiselelwe ‘ngumkhonzi othembekileyo noqondayo.’ (Mat. 24:45) Zizixhobo eziphumelelayo zokufikelela iintliziyo zabantu.
3 Wazi kakuhle amanqaku akumaphephancwadi owahambisayo. Khangela iingongoma ezixubusha ngeengxaki eziqhubekayo kwindawo ohlala kuyo. Kuhle ukuzilungiselela ukuthetha namadoda, abafazi nolutsha osenokudibana nalo ezindlwini okanye ezitratweni. Kulungele ukubonisa indlela la maphephancwadi anokubachaphazela ngayo abantu ngabanye neentsapho ziphela.
4 Kuphaphele Ukuhambisa Amaphephancwadi: Ukunikela ubungqina ngamaphephancwadi kufanele kusoloko kukwindawo ebalulekileyo kucwangciso lwakho lwenkonzo yasentsimini. Ngawaphi awona mathuba akulungeleyo okuhambisa amaphephancwadi? Ngaba ukhe wazama ukusebenza kwindlu ngendlu ithuba elimalunga neyure ngenjikalanga okanye ngorhatya ngaphambi kweSifundo Sencwadi Sebandla? Ukunikela ubungqina ngamarhatya kuye kwaba nemiphumo gqitha kweminye imimandla. UMgqibelo lusuku olufanelekileyo lokusasaza amaphephancwadi ngeendlela ezahlukeneyo, kodwa nezinye iintsuku zisenokusetyenziselwa lo msebenzi. Umsebenzi wendlu ngendlu noweevenkile ngeevenkile ufanele rhoqo ube yinxalenye yoSuku Lwamaphephancwadi.
5 Ngamnye ufanele abe neodolo esisigxina yenani aliqingqileyo lemibhalo aza kuyisasaza yenkupho nganye yamaphephancwadi. Ukuba kuyenzeka ngamathuba athile ube neenkupho ezindala, usenokuzisebenzisa ekuboniseni abaninimzi imibandela eyahlukeneyo exutyushwa ngamaphephancwadi ethu. Maxa wambi, kunokuhanjiswa iqela leenkupho ezindala kumakhaya abantu abalupheleyo, kumakhaya abantu abagulayo nabaneziphene nasezibhedlele apho kuvumelekileyo. Onke loo maphephancwadi anokubalwa njengahanjisiweyo ibe afanele afakwe kwiphetshana lakho leNgxelo Yenkonzo Yasentsimini nyanga nganye.
6 Ngokusebenzisa la macebiso angasentla, ngokungathandabuzekiyo uya kubona lisanda inani lamaphephancwadi owasasazayo. Abantu abantliziyo zinyanisekileyo abasindwa yimithwalo yobomi kule nkqubo yezinto ingendawo bayayixabisa inkcazelo ehlaziyayo enjengaleyo ifumaneka kwiMboniselo noVukani! Ngokwenyaniso la maphephancwadi anikela ukutya kokomoya okufunwa ngabo bafuna inkoliseko kaYehova. Ngoko ke, kuphaphele ukuhambisa amaphephancwadi, uze ufune iindlela zokwandisa inani lezi mpapasho zixabisekileyo ozihambisayo kwintsimi yakho.