Ukuvakalisa Inyaniso Mihla Le Sixelisa UYesu
1 UYesu weza emhlabeni enomsebenzi okhethekileyo awayemele awenze. Ngokuyintloko: ‘Wawukukunikela ubungqina ngenyaniso.’ (Yoh. 18:37) Wayevakalisa inyaniso engeempawu neenjongo ezimangalisayo zikaYise. Lo msebenzi wawufana nokudla kuye; bonke ubomi bakhe wayebunikele kuwo. (Yoh. 4:34) ULuka unikela ingxelo yokuba uYesu wayeqhubeka “efundisa mihla le etempileni.” (Luka 19:47) UYesu wayelisebenzisa kakuhle ixesha awayenalo. (Yoh. 9:4) Ngaphambi nje kokufa kwakhe, wathi kuYise: “Ndikuzukisile emhlabeni, ekubeni ndiwugqibile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.”—Yoh. 17:4.
2 Xa iintliziyo zethu zizaliswe luxabiso ngako konke uYehova akwenzileyo, nathi siziva sinyanzelekile ukuthetha ngaye mihla le. Siye sifane nabafundi bakaYesu abathi ngenkalipho: “Asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.” (IZe. 4:20) Babesoloko bethetha ngoYehova, kuba ingxelo ithi “imihla yonke . . . babeqhubeka ngaphandle kokuyekelela.” (IZe. 5:42) Sifanele sizibuze, ‘Ngaba mna ndiyamxelisa uMfundisi wam, uYesu?’
3 Ukushumayela Ngongxamiseko: UYesu waxela kwangaphambili ukuba xa isigidimi soBukumkani sivakaliswe kuwo wonke umhlaba, kuya ‘kwandula ke ukufika ukuphela.’ (Mat. 24:14) Oku kufanele kubethelele ezingqondweni zethu ukubaluleka nokungxamiseka komsebenzi wethu. Ekubeni ubomi bezigidi zabantu busengozini, ayikho enye into ebalulekileyo okanye eyingenelo esinokuyenza. Ekubeni le nkqubo yezinto isondela kwisiphelo sayo, ixesha elisaseleyo lokugqibezela lo msebenzi lincinane!
4 Iingxelo zibonisa ukuba uYehova uyakukhawulezisa ukuhlanganiswa kwabanjengezimvu. (Isa. 60:22) Kwiindawo ezininzi zehlabathi, abantu bayathontelana ukuza enyanisweni, ngokungathi kunjalo, bevakalisa ngovuyo besithi: “Siya kuhamba nani, ngokuba sivile ukuba uThixo unani”! (Zek. 8:23) Ngaphezu kwalo naliphi na ixesha kwimbali, ayazaliseka amazwi kaYesu athi: “Isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. . . . Bongozani iNkosi yesivuno, ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Mat. 9:37, 38) Ngaba oku akusenzi sibe nenzondelelo kanye njengabafundi bakaYesu ‘ababesetempileni ngokuqhubekayo bebonga uThixo’?—Luka 24:53.
5 Yazisa Inyaniso Mihla Le: Yonke imihla, sifanele sifune iindlela zokudlulisela inyaniso kwabanye. Amathuba asoloko ekho. Ngaba unokuzipha imizuzu embalwa ukuze utsalele umhlobo umnxeba okanye umntu omaziyo ocinga ukuba usenokuphulaphula? Okanye kuthekani ngokubhalela umntu ongamfumananga kwikhaya lakhe ileta? Ngaba ukhe wacinga ngokunikela iphecana kunovenkile xa usiya kuthenga? Mhlawumbi, usenokucinga ngamanye amathuba amaninzi onawo okwabelana nabanye ngethemba onalo. Ukuba wenza umgudu yaye ubonakalisa inkalipho, uYehova uya kukunceda.—1 Tes. 2:2.
6 Ngoko ke, xa siqalisa umsebenzi suku ngalunye, sifanele sizibuze, ‘Ngaba ndiya kuthabatha inyathelo lokuqala ukuze ndabelane ngethemba endinalo nomnye umntu xa kuvela ithuba namhlanje?’ Yiba nesimo sengqondo sikaYesu, owacacisa isizathu sokuthunyelwa kwakhe emhlabeni ngokuthi: “Ndimele kukuzivakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo.” (Luka 4:43) Ukuba sifuna ukufana noMfundisi wethu, nathi siya kwenza okufanayo.—Luka 6:40.