Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Ngesimo Sengqondo Esifanelekileyo
1 Sonke siyakuthanda ukufumana uvuyo nolwaneliseko kwinto esiyenzayo, ingakumbi kumsebenzi wokwenza abafundi. Yintoni ebangela ulwaneliseko olunjalo? Into yokuqala kukuhlala sinesimo sengqondo esifanelekileyo ngoxa sizigcina sixakekile kulo msebenzi ubalulekileyo wokunceda abanye. (IMize. 11:25) Indlela esizishumayela ngayo iindaba ezilungileyo ifanele ibonise ukuba siyakukholelwa oko sikuthethayo. Ukuba sithetha ngokusuka entliziyweni, kuya kwandula ke kubonakale ukunyaniseka kwethu nolweyiseko esinalo. (Luka 6:45) Ngokuyiqhelisela intshumayelo yethu, siya kuba nentembelo ngakumbi xa sithetha nabantu abasentsimini. Oku kuza kubaluleka ngakumbi ngoSeptemba xa sihambisa incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni okanye ethi Ukwenza Ubomi Bentsapho Yakho Bonwabe. La macebiso alandelayo uya kuwafumanisa eluncedo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo ngesimo sengqondo esifanelekileyo.
2 Xa uhambisa incwadi ethi “Unokuphila Ngonaphakade,” usenokuthetha oku kutyelelo lokuqala:
◼ “Xa bendincokola nabantu apha elumelwaneni, ndiye ndaphawula ukuba inkoliso yabo ilangazelela indawo enqabisekileyo nehlabathi elinoxolo. Wena unokuthi siyintoni isizathu sokuba umntu eye wasilela ukubangela iimeko ezinjalo? [Vumela impendulo.] Ezinye iinkokeli zisenokuba zinyanisekile yaye zenza izinto ezintle ezithile, kodwa phawula isiluleko sobulumko seBhayibhile.” Funda INdumiso 146:3, 4; wandule ke ubuze oku: “Ngaba ukho nawuphi na umntu onokuzanelisa iintswelo zabantu?” Funda indinyana 5 neyesi-6. Mbonise imifanekiso ekwiphepha 156-8 kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade, uze utsalel’ ingqalelo kwiingenelo zolawulo lukaThixo. Hambisa le ncwadi ngomnikelo ocetyisiweyo.
3 Ukuba ubuxubushe ngolawulo lukaThixo ekuqaleni, usenokuzama eli cebiso xa ubuyela:
◼ “Xa bendilapha kwiintsukwana ezimbalwa ezidluleyo, sixubushe ngokusilela komntu ukuzisa uxolo emhlabeni. Mhlawumbi usakhumbula ukuba siye samfumana unobangela onikelwa yiBhayibhile wokusilela okunjalo. [Phinda ufunde INdumiso 146:3.] Ngaba usiphawule isizathu sokuba uThixo acebise ukuba singakholosi ngabantu? [Vumela impendulo.] Mhlawumbi uyavuma ukuba naliphi na ithemba lesicombululo esihlala sihleli limele livele kuThixo. Isizathu sokuba sibe nale ntembelo sicaciswe kwiNdumiso 146:10. [Yifunde.] Ukuba sifuna ukulawulwa buBukumkani bukaThixo, yintoni esimele siyenze?” Tyhila kwiphepha 128 kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade, funda isiqendu 5, uze ubalaselise uYohane 17:3. Cela ukumbonisa indlela izigidi zabantu eziye zalufumana ngayo ulwazi olukhokelela kubomi obungunaphakade, ngokufundisisa iBhayibhile. Ukuba uyavuma, mchazele ngencwadi ethi Ulwazi uze uqalise isifundo.
4 Usenokuzama le ntshumayelo xa uhambisa incwadi ethi “Ubomi Bentsapho”:
◼ “Xa besincokola nabamelwane bethu, sifumanise ukuba abaninzi bafuna ubomi bentsapho obonwabisayo. Ucinga ukuba yintoni enokunceda abantu bafumane ulonwabo olukhulu kwiintsapho zabo? [Vumela impendulo.] Ngaba akulivumi kusini na elokuba bekuya kuba kuhle ukuphulaphula oko kuthethwa nguMdali wentsapho? EBhayibhileni umisela imigaqo efunekayo. Le migaqo ixutyushwa kule ncwadi ethi, Ukwenza Ubomi Bentsapho Yakho Bonwabe. Phawula imibandela eyahlukeneyo exutyushwa kuyo. [Mbonise iziqulatho.] Le ncwadi ikwalatha kwisicombululo esihlala sihleli kwiingxaki zoluntu. Le ncwadi siyishiya ngomnikelo wee-R3,50.”
5 Xa ubuyela kwabo ububashiyele incwadi ethi “Ubomi Bentsapho,” usengathanda ukuthetha oku:
◼ “Kwiintsuku ezimbalwa ezidluleyo sixubushe ngendlela okunokuzicombulula ngayo iingxaki zentsapho ukuphulaphula uMdali wethu. Ngaba ukhe waphawula ukuba iingcinezelo neengxaki zemihla ngemihla zibangela ucelomngeni lokwenene kwiintsapho namhlanje? [Vumela impendulo.] Phawula oko kwathethwa nguMsunguli womtshato kwisibini sokuqala esingabantu.” Funda iGenesis 1:28 wandule ke utyhile kwiphepha 8 kwincwadi ethi Ubomi Bentsapho uze uhlabele mgama nengxubusho yakho, usebenzisa iingongoma ozikhethe kwisiqendu 11-13. Cela ukumqhubela isifundo seBhayibhile. Ukuba uyavuma, qalisa isifundo kwincwadi ethi Ulwazi.
6 Xa ungena kwiivenkile ngeevenkile, usenokusebenzisa le ntshayelelo imfutshane ngencwadi ethi “Unokuphila Ngonaphakade”:
◼ “Namhlanje sinikela uncedo olukhethekileyo koosomashishini balapha ekuhlaleni. Sonke sikuxhalabele ukwanda kolwaphulo-mthetho nogonyamelo kule ndawo yethu. Ngaba ucinga ukuba wonk’ ubani unesicombululo sokwenene sale ngxaki? [Vumela impendulo.] UThixo yena unaso isicombululo.” Tyhila kwiphepha 157 kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade; funda uze ugqabaze ngeMizekeliso 2:22. Mbonise umxholo wesahluko 19, uze uhambise le ncwadi ngomnikelo ocetyisiweyo.
7 Xa ubuyela kusomashishini obumshiyele incwadi ethi “Unokuphila Ngonaphakade,” usenokuthi:
◼ “Ukugqibela kwam ukuza apha, ndiye ndathi ekuphela komntu onesicombululo esihlala sihleli kulwaphulo-mthetho nogonyamelo nguThixo. Ngokwedinga lakhe, sinokuba nethemba lokuba umhlaba ozaliswe luxolo uza kubakho.” Funda isiqendu 4 kwiphepha 159 kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade, kunye neNdumiso 37:37, 38. Gqabaza ngemifanekiso ekwiphepha 158. Cela ukumqhubela isifundo seBhayibhile ngesisa, enoba siza kuqhutyelwa apho eshishinini okanye kwikhaya lakhe.
8 ‘Njengabasebenzi abangamadlelane kaThixo,’ sinezizathu ezininzi zokuba nentembelo xa sishumayela iindaba ezilungileyo. (1 Kor. 3:9) Ukuba sihlala sinesi simo sengqondo uYehova uya kusisikelela ngamandla.