IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/97 iphe. 8
  • Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Ngongxamiseko

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Ngongxamiseko
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuvakalisa ‘Amazwi Esiprofeto’
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Bancede Baqonde
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Nceda Abanye “Bazigcine Izinto Ezibhaliweyo”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Mema Wonke Umntu Onxaniweyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
km 2/97 iphe. 8

Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Ngongxamiseko

1 Uxabiso lwethu olungazenzisiyo ngamadinga oBukumkani bukaThixo silubonakalisa ngokuba nesabelo ngokusuk’ entliziyweni kubulungiseleli bamaKristu. Kufuneka siwenze ngongxamiseko lo msebenzi. Ngoba? Kuba abasebenzi bambalwa, isiphelo sale nkqubo ingendawo yezinto siyasondela, nobomi babantu abakwintsimi yethu busengozini. (Hez. 3:19; Mat. 9:37, 38) Le mbopheleleko inzima ifuna senze unako-nako kubulungiseleli. Sinokubonisa njani ukuba siwenza ngongxamiseko umsebenzi wethu wenkonzo yasentsimini? Ngokulungiselela iintshumayelo ezifanelekileyo kwangaphambili, ngokuba nenkuthalo ekufuneni abantu naphi na apho banokufumaneka khona, ngokugcina ingxelo echanileyo yabo bonke ababonise umdla, ngokubuyela kubo ngokukhawuleza, nangokukhumbula ukuba ekubeni kubandakanyeke ubomi babantu, sifanele sibuthabathe nzulu ubulungiseleli bethu. La macebiso alandelayo asenokuba luncedo xa silungiselela ukushumayela iindaba ezilungileyo ngongxamiseko ngoFebruwari. Siza kube sihambisa incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!

2 Usenokukwazi ukuqalisa incoko ngokukhankanya ngokufutshane ezinye zeengxaki ezikhoyo ekuhlaleni, wandule ke uthi:

◼ “Abantu abaninzi bayakholelwa ukuba ukho uThixo, kodwa bayazibuza: ‘Ufuna sibe nekamva elinjani?’ Ubunokuphendula uthini wena? [Vumela impendulo.] Ngaba ubusazi ukuba iBhayibhile ikuchaza ngokucacileyo ukuthanda kukaThixo ngoluntu noko akwenzayo ngoku ukukuzalisekisa?” Tyhila kwiphepha 301 kwincwadi ethi Incopho YeSityhilelo. Funda ISityhilelo 21:1 kwisiqendu 1, ufunde nengcaciso yaso enikelwe ngasekupheleni kwesiqendu 2. Tyhila kumfanekiso okwiphepha 302 ukumbonisa oko liya kuba kuko ikamva lethu. Funda ISityhilelo 21:4 kwisiqendu 6. Mhambisele le ncwadi ngomnikelo wee-R12,00. Lungiselela ixesha elifanelekileyo lokubuyela ukuze uqhubeke nencoko yakho.

3 Unokuqhubeka nengxubusho yakho yeSityhilelo 21:1, 4 yexa elidluleyo, ngale ntshumayelo imfutshane:

◼ “Ukugqibela kwethu apha, sincokole ngedinga likaThixo lokulungiselela ibutho lomhlaba omtsha ukwenzela uluntu. [Phinda umbonise umfanekiso okwiphepha 302 kwincwadi ethi Incopho YeSityhilelo.] Ngaba ubungenakukuthanda ukubona intsapho yakho iphila kwiimeko ezinje? [Vumela impendulo.] Umbuzo ngulo, Athembeke kangakanani amadinga kaThixo? Phawula oko kuthethwa nguye.” Funda ISityhilelo 21:5, 6a kwisiqendu 8 kwiphepha 303. Buza umbuzo osencwadini wesiqendu 9 kwiphepha 304, uze ufunde impendulo, kuquka isivakalisi sokugqibela kwesi siqendu. Mchazele ngelungiselelo lesifundo seBhayibhile sesisa. Lungiselela ukumbonisa indlela esiqhutywa ngayo kamva.

4 Ekubeni uninzi luxhalatyiswe ziingxaki ezandayo ezithwaxa uluntu, usenokuthetha okufana noku kutyelelo lokuqala:

◼ “Phantse wonk’ umntu endidibana naye uxhalatyiswe ziingxaki esijamelene nazo apha ekuhlaleni. [Chaza ezimbalwa.] Abezobupolitika baye bathembisa ukuzisa izicombululo ezihlala zihleli, yaye abanye bakhe bakuzama oko. Ucinga ukuba yintoni eyenza iimeko zibe mandundu? [Vumela impendulo.] IBhayibhile inikela ingcaciso engazange icinge ngayo inkoliso yabantu. Incwadi yeSityhilelo ithetha ngemfazwe eyaliwa ezulwini. Phawula isiphelo sayo, njengoko sichazwe kwiSityhilelo 12:9.” Funda le ndinyana, uze utyhile kwiphepha 182 kwincwadi ethi Incopho YeSityhilelo. Sebenzisa loo mfanekiso ekucaciseni ukubandakanyeka kukaSathana kwimicimbi yomhlaba. Hambisa le ncwadi ngomnikelo wee-R12,00. Cwangcisela ukubuyela uze uxubushe indlela uThixo aya kuzicombulula ngayo iingxaki zoluntu.

5 Ukuba ubuthembise ukubuya uze ucacise isicombululo sikaThixo kwiingxaki zanamhlanje, usenokuzama le ntshayelelo:

◼ “Ndenze umgudu okhethekileyo wokubuya ukuze siqhubeke nengxubusho yethu ebingesicombululo sokwenene kwiingxaki ezithwaxa uluntu. Kutyelelo lwam oludluleyo, sibonile ukuba iBhayibhile ichaza uSathana uMtyholi njengolahlekisa elimiweyo liphela. Ekubeni esisidalwa somoya esingaphaya komntu ngamandla, ucinga ukuba ikho indlela yokuphelisa impembelelo yakhe? [Vumela impendulo.] Phawula oko kuthethwa yiBhayibhile.” Funda uze ucacise ISityhilelo 20:1-3. Ngoxa usebenzisa umfanekiso okwiphepha 4-5 kwincwadi ethi Ulwazi, mbonise ukuba ziya kuba njani iimeko xa ingasekho impembelelo kaSathana. Mchazele ngesifundo seBhayibhile uze uzabalazele ukusiqalisa kwangoko.

6 Ekubeni abantu abaninzi kangaka benomdla kwimeko-bume, usenokuthetha into efana nale ekuqaliseni incoko:

◼ “Siye safumanisa ukuba phantse wonk’ umntu iyamkhathaza into yokungcoliswa komoya, amanzi nokudla kwethu. Kwamanye amazwe imeko-bume sele isongela nezinto eziphilayo. Ekubeni uThixo enguMdali womhlaba, ucinga ukuba uza kwenza ntoni ngale nto? [Vumela impendulo.] IBhayibhile ithi uThixo uza kusiphendulisa ngendlela esisiphethe ngayo esi sijikelezi-langa. [Funda ISityhilelo 11:18b.] Khawuzithelekelele uphila kumhlaba ongangcolanga nje kwaphela!” Mchazele ngedinga likaThixo leparadesi, njengoko libhalwe kwiSityhilelo 21:3, 4. Mbonise umfanekiso okwiphepha 302 kwincwadi ethi Incopho YeSityhilelo. Mhambisele le ncwadi ngomnikelo wee-R12,00 uze ulungiselele ukubuyela.

7 Xa ubuyela kumntu obebonise umdla ngomhlaba oyiParadisi, usenokuthi:

◼ “Xa bendilapha kwixa elidluleyo, siye savumelana kwelokuba ukuze kupheliswe ingxaki yokungcoliswa komhlaba, kuya kufuneka uThixo angenelele kwimicimbi yabantu. Kodwa umbuzo uthi, Yintoni esimele siyenze ukuze sisindele kwihlabathi elitsha likaThixo lobulungisa?” Funda uYohane 17:3. Cela umninimzi azixhakamfulele eli thuba lokuba nesifundo seBhayibhile sesisa ukuze afumane olu lwazi lukhethekileyo.

8 Elinjani lona ilungelo ekulilo ukusetyenziswa njengabavuni banamhlanje nokwenza umsebenzi wokushumayela osindis’ ubomi! Kwanga sonke singazigcina sixakekile ekushumayeleni iindaba ezilungileyo ngongxamiseko, ‘sisazi ukuba ukubulaleka kwethu akulolize.’—1 Kor. 15:58.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share