Kuthekani Ngezalamane Zakho?
1 Inkoliso yethu inezalamane eziliqela ezingekho nyanisweni. Hayi indlela esikunqwenela ngayo ukuba aba sibathandayo basithelele kule ndlela isinge ebomini! Inkxalabo yethu ngekamva labo likanaphakade isenokuba nzulu ngakumbi xa bengamalungu eentsapho zethu. Nangona siye sazama kangangeminyaka emininzi ukuvus’ umdla wabo ngenyaniso, asifanele silahl’ ithemba.
2 Xa uYesu wayeshumayela, “abantakwabo, enyanisweni, babengaluqheliseli ukholo kuye.” (Yoh. 7:5) Ngesinye isihlandlo, izalamane zakhe zazicinga ukuba ushiywa ziingqondo. (Marko 3:21) Sekunjalo, uYesu akazange azincame. Ekuhambeni kwexesha, abantakwabo bayamkela inyaniso. (IZe. 1:14) Umntakwabo ngonina uYakobi waba yintsika kwibandla lamaKristu. (Gal. 1:18, 19; 2:9) Ukuba ubungathanda ukuba novuyo lokubona izalamane zakho zisamkela inyaniso, musa ukuyeka ukuzama ukuzifikelela ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani.
3 Yiba Ngohlaziyayo, Ungabangxixhi: Xa uYesu wayeshumayela kwabanye, abaphulaphuli bakhe babeziva behlaziyekile, bengaxatyelwanga. (Mat. 11:28, 29) Akazange abangxixhe ngeemfundiso ababengenakuzibamba. Ukuze uzihlaziye ngamanzi enyaniso izalamane zakho, zinike ikomityi ngexesha, kungekhona iemele ezeleyo! Omnye umveleli ohambahambayo wathi: “Eyona miphumo mihle ifunyanwa ngabo bavuselela umdla kwizalamane zabo ngokumana benikela ubungqina kancinane.” Ngale ndlela, kwanabo bachasayo basenokuqalisa ukubuza imibuzo baze ekugqibeleni bayinxanelwe inyaniso.—1 Pet. 2:2; thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 3:1, 2.
4 Uninzi lwamaKristu atshatileyo luye lwanikela ubungqina ngokuphumelelayo kumaqabane alo angakholwayo ngokushiya uncwadi luvulwe kumbandela asenokuba nomdla kuwo. Omnye udade owakwenzayo oku wayeqhubela nabantwana bakhe isifundo ikho indoda yakhe, ebacacisela ngezinto ezaziya kuyinceda nayo. Maxa wambi wayeyibuza oku: “Kwisifundo sam namhlanje ndifunde oku noku. Ucinga ntoni ngako wena?” Ekugqibeleni indoda yakhe yayamkela inyaniso.
5 Yiba Nentlonelo, Ube Nomonde: Omnye umvakalisi wathi “kwanezalamane zinelungelo lokuba neembono nezimvo ezinazo.” Ngoko sifanele sibe nentlonelo xa zikhupha izimvo zazo okanye xa zisicela ngokuthe ngqo ukuba singathethi nazo ngenyaniso. (INtshu. 3:7; 1 Pet. 3:15) Ngokuba nomonde kunye nothando nokuba ngabaphulaphuli abalungileyo, sinokujonga amathuba afanelekileyo okunikela ubungqina ngobuchule. Umonde onjalo unokuba nemivuzo, njengoko oku sinokukubona kwenye indoda engumKristu eyathi ngomonde yanyamezela impatho-mbi yomkayo ongakholwayo kangangeminyaka engama-20. Ekuqaliseni kwakhe ukuguquka, yathi: “Hayi indlela endimbulela ngayo uYehova ngokundinceda ndihlakulele ukuzeka kade umsindo, kuba ngoku ndiyawubona umphumo: Umfazi wam uye waqalisa ukuhamba kwindlela yobomi!”
6 Kuthekani ngezakho izalamane? Mhlawumbi ngehambo yakho entle yobuKristu nangokuzithandazela, “usenokuzitsalela kuYehova.”—1 Pet. 3:1, 2, umbhalo osemazantsi we-NW.