Kufunwa—Oovulindlela Abangabancedani Abali-10 000
Ngaba Unokuba Nguvulindlela Ongumncedani NgoMatshi? NgoAprili? NgoMeyi?
1 “Kufuneka Abashumayeli Abali-1000” lowo yayingumxholo wenqaku elapapashwa kwiWatch Tower ka-Aprili 1881. Wawuhlab’ ikhwelo kuwo onke amadoda namabhinqa azahluleleyo, “ethe iNkosi yawajizeka ngolwazi lwenyaniso Yayo,” ukuba asebenzise naliphi na ixesha asenokuba analo ekusasazeni inyaniso yeBhayibhile. Abo babenokunikela isiqingatha okanye ixesha labo elingakumbi ngokupheleleyo emsebenzini weNkosi bakhuthazwa ukuba bazinikele njengabahambisi bevangeli abaziicolporteur—abanduleli boovulindlela banamhlanje.
2 Nangona amaxesha eye atshintsha ukususela kwiminyaka yee-1800, kukho into engatshintshanga—abakhonzi bakaThixo abazahluleleyo bafuna ukuqhubeka besebenzisa ixesha labo elininzi kangangoko kunokwenzeka ekusasazeni iindaba ezilungileyo. Ukukhonza njengoovulindlela abangabancedani kuyabanceda abavakalisi bebandla babe nempumelelo ngakumbi ekubeni besebenzisa ixesha elininzi kubulungiseleli boBukumkani.—Kol. 4:17; 2 Tim. 4:5.
3 Ukususela ekusungulweni kwabo, ubuvulindlela bobuncedani buye bangenelwa ngamakhulu amawaka abazalwana noodade. Ihlombe ngale nkalo yobulungiseleli bobuvulindlela lakhula kangangokuba kwintsimi yesebe laseMzantsi Afrika kwafikelelwa incopho yoovulindlela abangabancedani abangaphezu kwe-10 000 ngoAprili 1990! Ukususela ngoko bekukho ulwando lwabavakalisi kuwo onke amazwe aphantsi kwesebe lethu yaye oku kuya kwenza eli nani kube lula ukulifikelela. Ngokuqinisekileyo likho ithemba lokuba usenokuphinda wenziwe lo mgudu mhle ngexesha lomsebenzi okhethekileyo ngowe-1997.
4 Siyanikhuthaza ukuba nizibekele usukelo lokuba ngoovulindlela abangabancedani kangangenyanga enye okanye ezingakumbi ngoMatshi, ngoAprili nangoMeyi. Kutheni le nto siquka noMatshi? Kungenxa yokuba kulo nyaka iSikhumbuzo sokufa kukaKristu siza kuba ngeCawa, ngoMatshi 23. Ayikho enye indlela ebhetele esinokuzisebenzisa ngayo iiveki ezandulela iSikhumbuzo kunokuba sibe nesabelo ngenzondelelo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani owasungulwa yiNkosi noMsindisi wethu, uYesu Kristu. Ekubeni siza kunikela imfumba yobungqina ngoMatshi, sinokumema abantu abaninzi abanomdla ukuba basithelele ekukhumbuleni ukufa kukaKristu. Kwakhona uMatshi uza kuba yinyanga ekhethekileyo, kuba okwesihlandlo sokuqala ngqa, siza kube sihambisa incwadi entsha ethi, Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Ukongezelela koko, inyanga kaMatshi ineMigqibelo neeCawa ezintlanu, nto leyo eya kusivulela ithuba lokusebenza ngamandla ngeempela-veki kwinkonzo yasentsimini. Kambe ke, ngoAprili nangoMeyi, ukuqhubeka sisenza umgudu ngenzondelelo kubulungiseleli kuya kusivulela ithuba lokubuyela kubantu esibafumeneyo abanomdla size siqalise izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezitsha, sisebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Kwakhona siza kugubungela intsimi yethu ngokucokisekileyo, ingakumbi ngeempela-veki, ngeenkupho zakutshanje zeMboniselo noVukani! Khumbula ukuhambisa imirhumo yala maphephancwadi mabini asemagqabini ngawo onke amathuba ukuqinisekisa ukuba abantu abanomdla basoloko befumana ukudla kokomoya.
5 Ngoobani Abafanelekela Ukuba Ngoovulindlela Abangabancedani?: Incwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu, iphepha 114, ithi: “Enoba zinjani na iimeko zakho zobuqu, ukuba ubhaptiziwe, unokuma kokuziphatha okulungileyo, unokulungiselela ukuhlangabezana nemfuneko yokuchitha ama-60 eeyure ngenyanga kubulungiseleli basentsimini yaye ukholelwa ukuba unokusebenza inyanga okanye ezingakumbi njengovulindlela ongumncedani, abadala bebandla baya kukuvuyela ukuqwalasela isicelo sakho seli lungelo lenkonzo.” Ngaba unokuzibekela usukelo lweli lungelo ngoMatshi? ngoAprili? ngoMeyi?
6 Isimo sengqondo esikhuthazayo samaqumrhu abadala kunye nenkxaso esuk’ entliziyweni yabo bonke abavakalisi ifanele yenze intsabelo yeli khwelo lifuna oovulindlela abali-10 000 ibe ntle kakhulu. (Heb. 13:7) Zonke iintloko-ntsapho ziyakhuthazwa zihlolisise ukuba bangaphi na kwiintsapho zazo abanokuba ngoovulindlela abangabancedani inyanga enye okanye ezingakumbi kwezi zizayo.—INdu. 148:12, 13; thelekisa IZenzo 21:8, 9.
7 Musa ukukhawuleza ugqibe ngokuthi ubuvulindlela bobuncedani bungaphezu kwamandla akho ngenxa yomsebenzi wempangelo wexesha elizeleyo, isikolo, iimbopheleleko zentsapho, okanye ezinye iimbopheleleko zeZibhalo. Kwabanye kusenokungabi lula ukuba nesabelo; ukanti, ngokuba nolungelelwano oluhle nangentsikelelo kaYehova, banokuphumelela. (INdu. 37:5; IMize. 16:3) Vumela umnqweno wakho wokuba nesabelo kwinkonzo yobuvulindlela ulawule iimeko zakho; musa ukuvumela iimeko zilawule umnqweno wakho wokuba nguvulindlela. (IMize. 13:19a) Ngenxa yothando olomeleleyo ngoYehova nangabanye abantu, abaninzi bayakwazi ukuhlengahlengisa ucwangciso lwabo lweeveki ngeeveki ukuze bandise ubulungiseleli babo kwinyanga ethile. (Luka 10:27, 28) Azinganganto iintsikelelo ezigcinelwe abo bazibhokoxa ngamandla kwinkonzo yoBukumkani.—1 Tim. 4:10.
8 Oko Kufezwa Bubuvulindlela Bobuncedani: Umgudu owenziwa ngamawakawaka abakhonzi bakaThixo ngentliziyo epheleleyo ukuze babe ngoovulindlela abangabancedani uphumela kwintsholo yendumiso eya kuYehova. Njengoko aba bavakalisi boBukumkani bezibhokoxa ekusasazeni iindaba ezilungileyo kubantu abangakumbi, basondela ngakumbi kuYehova ngenxa yokuba bafunda ukwayama ngaye ngakumbi ukuze bafumane umoya nentsikelelo yakhe.
9 Ukuba noovulindlela abangabancedani, abathe ngxi nabakhethekileyo abakhutheleyo phakathi kwethu kukhuthaza umoya wenzondelelo ebandleni. Ihlombe abanalo liba nefuthe kwabanye njengoko bencokola ngamava abawafumana entsimini. Oku kukhuthaza nabanye ukuba bacingisise nzulu ngezinto eziza kuqala kubo namandla abo ekubeni nesabelo esithe chatha kulo msebenzi wobulungiseleli ubaluleke gqitha. Omnye udade owabhaptizwa eneminyaka engama-70 ubudala waqalisa ngoko nangoko ukuba nguvulindlela ongumncedani oqhubekayo. Kwiminyaka ethile kamva xa wabuzwa isizathu sokuba athi emdala kangako, abe usaqhubeka ezibhokoxa ngamandla kubulungiseleli njengovulindlela ongumncedani nyanga zonke, wathi wayevakalelwa ngokungathi laa minyaka ingama-70 yokuqala yobomi bakhe wadlala ngayo, yaye wayengafuni kudlala ngale minyaka isaseleyo yobomi bakhe!
10 Nawuphi na uvulindlela ongumncedani uba nesakhono esithe chatha kubulungiseleli. Elinye ingqina eliselula lavuma lathi: ‘Ngoxa ndandingumntwana ndandidla ngokupheleka nje abazali bam ukuya kushumayela. Inkonzo yasentsimini yayimnandi gqitha. Noko ke, ekuhambeni kwexesha, yacaca into yokuba esikolweni ndandingahambisani nomndilili. Yaya isiba yinto eyenzeka manqaphanqapha into yokuthetha nabanye abafundi ngenyaniso. Xa ndandishumayela kwindlu ngendlu, ndandisithi ndakucinga ngokudibana nomntu endimazela esikolweni ndoyike. Ingxaki yam ndicinga ukuba yayikukoyika abantu. [IMize. 29:25] Ndakuba ndigqibile esikolweni, ndagqiba ekubeni ndizame ukuba nguvulindlela wokwexeshana. Ngenxa yoko, ukushumayela ndakuthanda ngakumbi kunanini na ngaphambili. Andizange ndiphinde ndikujonge njengento nje emnandi, ndingazange ndikujonge njengoxanduva. Ndathi ndakubona izifundo zam zeBhayibhile zinenkqubela enyanisweni, ndavuyiswa lulwaneliseko olukhulu lokuba uYehova uThixo wayeyixhasa imigudu yam.’ Lo uselula wahambela phambili wakhonza njengovulindlela othe ngxi.
11 Enye into eyenzekayo kukuba, xa abaninzi bekhonza njengoovulindlela abangabancedani ebandleni, intsimi igutyungelwa ngokucokisekileyo. Umzalwana owaba intsimi unokucela oovulindlela abangabancedani bancede ekugubungeleni intsimi engafane isetyenzwe. Ukuziphathela umphako size sisebenze imini yonke enkonzweni kuya kusenza sikwazi ukufikelela nakwiindawo ezikude zentsimi.
12 ABadala Bafanele Benze Amalungiselelo Kwangaphambili: Kuzo zonke ezi nyanga zintathu zizayo, bafanele benze amalungiselelo okunikela ubungqina ngeendlela ezahlukeneyo nangamaxesha awahlukeneyo evekini, kuquka iinjikalanga namarhatya, ukuze abaninzi kangangoko kunokwenzeka babe nesabelo. Ukongezelela kumsebenzi oqhelekileyo wendlu ngendlu, qukani namaxesha okunikela ubungqina esitratweni, ukusebenza kwintsimi enamashishini nokubuyela kwizindlu ebezingenabantu. Ngokwenjenjalo, abadala banceda oovulindlela babe nesabelo kunye nebandla ngexesha eliya kuba lihle neliya kubalungela. Ibandla lifanele liwazi onke amalungiselelo enkonzo yasentsimini. Iintlanganiso zenkonzo zifanele zilungelelaniswe kakuhle zize ziqhutywe kakuhle kwanokuba ibandla lineentlanganiso ngentsasa yangeCawa. Ukongezelela, kufanele kubekho intsimi eyaneleyo yaye kufanele kuodolwe ngokukhawuleza amaphephancwadi awaneleyo nolunye uncwadi.
13 Zenzele Ucwangciso Lwakho Lwenkonzo: Omnye umzalwana, owayemadolw’ anzima ekuqaleni ukuba nguvulindlela ongumncedani, wathi: “Kulula gqitha kunento endandiyicinga. Into efunekayo lucwangciso oluhle nje kuphela.” Ngasemva kwesi sihlomelo, ngaba uyawubona umzekelo wocwangciso lukavulindlela ongumncedani oluya kukufanela? Ekuphela kwexesha elifunekayo koovulindlela abangabancedani ziiyure ezili-15 veki nganye kubulungiseleli.
14 Ukuze bakhonze njengoovulindlela abangabancedani, amakhosikazi nabo basebenza ngeenjikalanga ngokufuthi banokucwangcisela ukuya kwinkonzo yasentsimini ngeentsasa. Ngokuqhelekileyo abantwana besikolo nabo basebenza ebusuku banokushumayela emalanga. Nabo basebenza ixesha elizeleyo baye bakufumanisa kulula ukuphumla usuku olunye ngeveki okanye ukusebenza imini yonke kubulungiseleli ngeempela-veki, ukongezelela ekunikeleni ubungqina ngamarhatya. Abaninzi abaya kwinkonzo yasentsimini ngeempela-veki kuphela bakhetha iinyanga ezineempela-veki ezintlanu. Oko kunjalo ngoMatshi, uAgasti noNovemba kulo nyaka. Ngoxa usebenzisa ucwangciso olungabhalwanga olukwiphepha 6 olusisikhokelo, cinga ngenyameko nangomthandazo ngocwangciso lwenkonzo yasentsimini oluya kuba lula kuwe.
15 Enye ingenelo kwilungiselelo lobuvulindlela bobuncedani kukuba bhetyebhetye kwalo. Unokuzikhethela iinyanga oya kuba nguvulindlela ngazo, yaye unokuba nguye ngokufuthi kangangoko ufuna. Ukuba ubungathanda ukuba nguvulindlela ongumncedani oqhubekayo kodwa ungenakukwazi ukwenjenjalo, ngaba uye wacinga ngokubhalisa kuzo zonke ezinye iinyanga enyakeni? Kwelinye icala, abanye bayakwazi ukukhonza ngokuqhubekayo njengoovulindlela abangabancedani kangangexesha elide.
16 Indlela Ekhokelela Kubuvulindlela Bexesha Elizeleyo: Abaninzi abanomoya wobuvulindlela bebengathanda ukukhonza njengoovulindlela abathe ngxi, kodwa abazi enoba banalo kusini na ixesha, iimeko, okanye amandla okwenjenjalo. Alithandabuzeki elokuba inkoliso yabo bangoovulindlela abathe ngxi ngoku baqala bangenela inkonzo yobuvulindlela bobuncedani njengendlela ekhokelela kumsebenzi wexesha elizeleyo. Ngokwandisa ucwangciso lwakho lobuvulindlela bobuncedani kangangeyure enye ngosuku, okanye usuku olupheleleyo veki nganye, kunokuba lula ukuphumeza ucwangciso lobuvulindlela obuthe ngxi. Ukuze ubone enoba ungakwenza kusini na oko, kutheni ungakhe uzame ukusebenza iiyure ezingama-90 kubulungiseleli inyanga enye okanye ezingakumbi ngoxa unguvulindlela ongumncedani? Kwangaxeshanye, uya kufumana amabuyelo nezifundo zeBhayibhile ezingakumbi, nto leyo eya kukuvulela ithuba lokunandipha ubulungiseleli bobuvulindlela obulungeleleneyo.
17 Omnye udade wayenguvulindlela ongumncedani oqhubekayo iminyaka emithandathu. Ngalo lonke elo xesha wayenosukelo lokungenela inkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi. Ukuze enjenjalo, wazama imisebenzi emine eyahlukeneyo ejonge ukuvula ithuba elaliya kumvumela akwazi ukuzalisa isisikelo seeyure ezingama-90 zoovulindlela abathe ngxi. Nyanga nganye, wayezenzela ucwangciso olunye okanye olwesibini ukuze abale enoba angakwazi kusini na ukukwenza oku. Kodwa xa eluhlolisisa, wayeye abone ngathi ubulungiseleli bexesha elizeleyo babungaphaya kwamandla akhe. Naxa kunjalo, waqhubeka ecela ulwalathiso kuYehova. Kwathi ngaminazana ithile xa wayelungiselela iNtlanganiso Yenkonzo, wafunda inqaku elithile kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaSeptemba 1991 elathi: “Kunokuxhalabela ngokungeyomfuneko isisikelo seeyure, kutheni ninganikeli ingqalelo ekwandiseni amathuba kumsebenzi wokubuthelwa ndawonye kwabantu? (Yoh. 4:35, 36)” Uthi xa ebalisa: “Ndaphinda ndasifunda esi sivakalisi izihlandlo ezihlanu okanye ezithandathu, ibe ndandiqiniseke kakuhle ukuba le yayiyimpendulo kaYehova. Kwangaloo mzuzu ndazenzela isigqibo sokungenela inkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi.” Nangona ucwangciso lomsebenzi wakhe wempangelo lwalungumqobo, wasifaka isicelo sakhe sobuvulindlela obuthe ngxi. Kwiveki kamva ucwangciso lwakhe lwatshintshwa, yaye wanikwa iiyure zomsebenzi ezazimlungele. Uqukumbela athi, “Ngaba esi asisosandla sikaYehova sasekunene?,” wongezelela athi: “Xa ucela ulwalathiso lukaYehova uze ulufumane, musa ukulugatya—lwamkele.” Ukuba unomnqweno ongazenzisiyo wokuba nguvulindlela othe ngxi, mhlawumbi ekupheleni kweenyanga ezintathu zobuvulindlela bobuncedani kulo Matshi, kuAprili nakuMeyi, uya kuqiniseka ukuba nawe unako ukuphumelela kubulungiseleli bexesha elizeleyo.
18 Siqinisekile ukuba uYehova uya kuyisikelela inzondelelo yaye uya kuyixhasa nemigudu yabantu bakhe njengoko bevakalisa iindaba ezilungileyo zosindiso ebudeni bexesha elikhethekileyo lomsebenzi. (Isa. 52:7; Roma 10:15) Ngaba uya kusabela kweli khwelo lifuna oovulindlela abangabancedani abali-10 000 ngokuba nesabelo ngoMatshi? ngoAprili? ngoMeyi?
[Box on page 3]
Indlela Yokuphumelela Xa Unguvulindlela Ongumncedani
■ Zixelele ukuba uza kuphumelela
■ Thandazela ukuba uYehova ayisikelele imigudu yakho
■ Cela omnye umvakalisi abe nguvulindlela kunye nawe
■ Zenzele ucwangciso olufikelelekayo lwenkonzo
■ Ziodolele amaphephancwadi awaneleyo
■ Waxhase amalungiselelo enkonzo ebandla
■ Funa amathuba okunikela ubungqina obungacwangciswanga